UYOSHUWA 10

10
Ukoyiswa nokufa kookumkani abahlanu eBhete-horon
1Kwathi, akuva uAdoni-tsedeki, ukumkani waseYerusalem, ukuba uYoshuwa uyithimbile iAyi, wayitshabalalisa; njengoko wenza ngako kwiYeriko nokumkani wayo, wenjenjalo kwiAyi nokumkani wayo; nokuba abemi baseGibheyon benzé uxolo namaSirayeli, baba phakathi kwawo: 2boyika kunene, kuba ngumzi omkhulu iGibheyon, njengomnye wemizi yobukumkani, ngokuba inkulu kuneAyi, namadoda ayo onke angamagorha. 3Wesuka uAdonitsedeki ukumkani waseYerusalem, wathumela kuHoham ukumkani waseHebron, nakuPiram ukumkani waseYarmuti, nakuYafiya ukumkani waseLakishe, nakuDebhiri ukumkani wase-Eglon, esithi, 4Nyukani nize kum, nindincede, siyixabele iGibheyon; kuba yenzé uxolo noYoshuwa noonyana bakaSirayeli.
5Bahlangana ke, benyuka ookumkani abo bama-Amori bobahlanu, ukumkani waseYerusalem, nokumkani waseHebron, nokumkani waseYarmuti, nokumkani waseLakishe, nokumkani wase-Eglon, bona nemikhosi yabo yonke, bayingqinga iGibheyon, balwa nayo. 6Athumela ke amadoda aseGibheyon kuYoshuwa emkhosini eGiligali, esithi, Musa ukusiyekelela isandla sakho kubakhonzi bakho; nyuka uze kúthi ngokukhawuleza, usisindise, usincede; ngokuba bebuthelene phezu kwethu bonke ookumkani bama-Amori abemiyo ezintabeni. 7Wenyuka ke uYoshuwa, esuka eGiligali, yena nabantu bonke bokulwa bendawonye naye, namagorha onke anobukroti. 8Wathi uYehova kuYoshuwa, Musa ukuboyika; kuba ndibanikele esandleni sakho; akuyi kuma ndoda kubo phambi kwakho.
9Wafika uYoshuwa kubo ngebhaqo; wenyuka bonke ubusuku, evela eGiligali. 10UYehova wabadubaduba phambi kwamaSirayeli, ababulala ngobulawo olukhulu eGibheyon; abasukela ngendlela enyuka iye eBhete-horon, ababulala kwada kwesa eAzeka, kwada kwesa naseMakeda. 11Kwathi, ekusabeni kwabo phambi kwamaSirayeli, besethambekeni laseBhete-horon, uYehova wabathobela amatye amakhulu ezulwini, kwada kwesa eAzeka, bafa. Babaninzi abafa ngamatye esichotho, kunababulawáyo ngoonyana bakaSirayeli ngekrele.
12Waza wathetha uYoshuwa kuYehova, mhlana uYehova wawanikela ama-Amori koonyana bakaSirayeli, wathi emehlweni amaSirayeli:
Langa, nqumama eGibheyon,
Nawe nyanga, entilini yeAyalon.
13Lathi nqumama ke ilanga, yema inyanga,
Lwada uhlanga lwaziphindezelela ezintshabeni zalo.
Oku akubhalwanga na eNcwadini yOthe Tye? Lema ke ilanga esazulwini sezulu, alangxama ukutshona, yangathi yimini iphela. 14Akuzanga kubekho mini injengaleyo, phambi kwayo nangasemva kwayo, ngokokude uYehova aliphulaphule izwi lomntu; ngokuba uYehova wawalwela amaSirayeli.
15Wabuya uYoshuwa, enamaSirayeli onke, waya eminqubeni eGiligali.
16Basaba abo kumkani bahlanu, bazimela emqolombeni eMakeda. 17Kwaxelwa kuYoshuwa, kwathiwa, Sibafumene ookumkani bobahlanu, bezimele emqolombeni eMakeda. 18Wathi uYoshuwa, Qengqelani amatye amakhulu emlonyeni womqolomba, nimise amadoda phezu kwawo ukuba abalinde. 19Ke nina musani ukuma; zisukeleni iintshaba zenu, niwubethe umqosheliso wazo. Musani ukuwuvumela ungene emizini yawo, kuba uYehova uThixo wenu uwunikele esandleni senu. 20Kwathi, akugqiba uYoshuwa noonyana bakaSirayeli ukuzibulala kakhulu kunene zada zagqitywa, zathi eziseleyo kuzo, zaya kungena emizini enqatyisiweyo.
21Babuye ke bonke abantu, baya emkhosini kuYoshuwa eMakeda ngoxolo; akwabakho nja ibavungamelayo oonyana bakaSirayeli, kwanabani. 22Wathi uYoshuwa, Vulani umlomo womqolomba, nibakhuphe emqolombeni abaa kumkani bobahlanu, beze kum. 23Benjenjalo ke; babakhupha emqolombeni, beza kuye abo kumkani bobahlanu, ukumkani waseYerusalem, nokumkani waseHebron, nokumkani waseYarmuti, nokumkani waseLakishe, nokumkani wase-Eglon.
24Kwathi, bakubakhupha, babása kuYoshuwa abo kumkani; wawabiza uYoshuwa onke amadoda akwaSirayeli, wathi kubaphathi bamadoda okulwa ababehambe naye, Sondelani, nibanyathele entanyeni aba kumkani. Basondela ke, babanyathela ezintanyeni zabo. 25Wathi uYoshuwa kubo, Musani ukoyika, musani ukuqhiphuka umbilini: yomelelani, nikhaliphe, ngokuba uYehova uya kwenjenjalo kwiintshaba zenu zonke enilwa nazo. 26Wabaxabela ke uYoshuwa, emveni koko wababulala, wabaxhoma emithini emihlanu; baxhonywa emithini apho kwada kwahlwa. 27Kwathi ngexesha lokutshona kwelanga, uYoshuwa wawisa umthetho, babathula emithini, babaphosa emqolombeni ababezímele kuwo, babeka amatye amakhulu emlonyeni womqolomba, asekhoyo nanamhlanje.
Ukoyiswa kwelasezantsi lakwaKanan
28UYoshuwa wayithimba neMakeda ngaloo mini, wayixabela ngohlangothi lwekrele, nokumkani wayo, wabatshabalalisa kwanabantu bonke abakuyo; akasalisa namnye usindileyo. Wenza kukumkani waseMakeda njengoko wenza ngako kukumkani waseYeriko.
29Wagqitha uYoshuwa enamaSirayeli onke eMakeda, waya eLibhena, walwa neLibhena. 30Wayinikela kananjalo uYehova esandleni samaSirayeli, nokumkani wayo, wayixabela ngohlangothi lwekrele, kwanabantu bonke abakuyo; akasalisa kuyo namnye usindileyo. Wenza kukumkani wayo njengoko wenza ngako kukumkani waseYeriko.
31Wagqitha uYoshuwa eLibhena, enamaSirayeli onke, waya eLakishe, wayingqinga, walwa nayo. 32UYehova wayinikela iLakishe esandleni samaSirayeli, ayithimba ngomhla wesibini, ayixabela ngohlangothi lwekrele, kwanabantu bonke abakuyo, njengako konke awakwenzayo kwiLibhena.
33Waza wenyuka uHoram, ukumkani waseGezere, waya kuyinceda iLakishe. UYoshuwa wambulala yena nabantu bakhe, kwada akwasala namnye kuye usindileyo.
34Wegqitha uYoshuwa eLakishe, enamaSirayeli onke, aya e-Eglon, ayingqinga, alwa nayo. 35Ayithimba ngaloo mhla, ayixabela ngohlangothi lwekrele, kwanabantu bonke abakuyo; wayitshabalalisa ngaloo mhla, njengako konke awakwenzayo kwiLakishe.
36Wenyuka uYoshuwa esuka e-Eglon, waya eHebron, enamaSirayeli onke, alwa nayo, 37ayithimba, ayixabela ngohlangothi lwekrele, nokumkani wayo, nemizi yayo yonke, nabantu bonke abakuyo; akwasala namnye usindileyo, njengako konke awakwenzayo kwiEglon; watshabalalisa kwanabantu bonke abakuyo.
38Wabuya ke uYoshuwa enamaSirayeli onke, weza eDebhiri, walwa nayo. 39Wayithimba, nokumkani wayo, nemizi yayo yonke, ayixabela ngohlangothi lwekrele. Ayitshabalalisa kwanabantu bonke abakuyo; akwasala namnye usindileyo; njengoko wakwenzayo kwiHebron, wenjenjalo kwiDebhiri, nakukumkani wayo; njengoko wakwenzayo kwiLibhena, nakukumkani wayo.
40Walibulala ke uYoshuwa lonke ilizwe leentaba, nelasezantsi nelezihlambo, nelamaxandeka, nabo bonke ookumkani balo; akwasala namnye usindileyo. Watshabalalisa konke okuphefumlayo, njengoko wawisa umthetho uYehova uThixo kaSirayeli. 41Wababulala uYoshuwa, wathabathela eKadeshe-bharneha, wesa eGaza, nelizwe lonke laseGoshen, wesa eGibheyon.
42Wabathimba uYoshuwa bonke abo kumkani, nelizwe labo, ngasihlandlo sinye, ngokuba uYehova uThixo kaSirayeli ebewalwela amaSirayeli. 43Wabuya uYoshuwa enamaSirayeli onke, weza eminqubeni eGiligali.

Currently Selected:

UYOSHUWA 10: XHO75

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena