UYOSHUWA 1:1-9
UYOSHUWA 1:1-9 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Kwathi emva kokufa kukaMoses, umkhonzi kaYehova, wathetha uYehova kuYoshuwa unyana kaNun, umlungiseleli kaMoses, wathi, UMoses umkhonzi wam ufile; suka ke ngoko, uyiwele iYordan le, wena naba bantu bonke, niye kwelo zwe ndibanika lona oonyana bakaSirayeli. Iindawo zonke eziya kunyathelwa yintende yonyawo lwenu, ndininikile, njengoko ndathethayo kuMoses. Kuthabathele entlango nakwiLebhanon le, kuse emlanjeni omkhulu, emlanjeni ongumEfrati, lonke ilizwe lamaHeti, kuse elwandle olukhulu ngasekutshoneni kwelanga, woba ngumda wenu. Akuyi kuma mntu phambi kwakho, yonke imihla yokudla kwakho ubomi; njengoko ndandinoMoses, ndoba nawe; andiyi kukuyekela, andiyi kukushiya. Yomelela ukhaliphe; ngokuba wena uya kulabela bona aba bantu elo lizwe ndabafungela lona ooyise, ukuba ndiya kubanika. Kodwa ke yomelela, ukhaliphe kunene, ukuze ugcine ukwenza ngokomyalelo wonke, awakuwisela wona uMoses umkhonzi wam. Musa ukutyekela ekunene nasekhohlo kuwo, ukuze wenze ngengqiqo apho sukuba usiya khona. Ize ingesuki incwadi yaló myalelo emlonyeni wakho; uze ucinge ngayo imini nobusuku, ukuze ugcine, ukwenze konke okubhaliweyo kuyo; ngokuba wòba nokuphumelela ngendlela yakho oko, ukwenze ngengqiqo oko. Yabona, ndikuwisele umthetho wokuba womelele, ukhaliphe. Musa ukunkwantya, ungaqhiphuki umbilini; ngokuba uYehova uThixo wakho unawe, apho sukuba usiya khona.
UYOSHUWA 1:1-9 IBHAYIBHILE (XHO96)
Akuba ebhubhile uMosis, isicaka *sikaNdikhoyo, uNdikhoyo wabhekisa kuYoshuwa unyana kaNune owayesisandla sikaMosis, wathi: “UMosis, isicaka sam, ubhubhile. Ke wena namaSirayeli ephela wuweleni umlambo iJordan, niye kwelo lizwe ndininika lona. Indawo nganye eniya kunyathela kuyo ndininika yona njengoko ndamthembisayo uMosis. Imida yenu yosuka ezantsi entlango, iye kuma ngeentaba zaseLebhanon emantla, isuke empumalanga kumlambo iEfrati, ibandakanye ummandla wamaHeti, iye kuthi gaa ngolwandle entshonalanga. Akukho namnye uya kumelana nawe yonke imihla yokudla kwakho ubomi. Ndiya kuhlala ndisecaleni kwakho njengoko bendenjenjalo nakuMosis. Andiyi kukuyekela; andiyi kukushiya. Yomelela, ukhaliphe, kuba uza kubangenisa aba bantu kweli lizwe endithembise ooyise-mkhulu ngesifungo ukuba loba lilifa labo. Yomelela ke, ukhaliphe kunene! Uze unyamekele ukuwuthobela wonke umthetho owuwiselwe nguMosis isicaka sam. Khon' ukuze ube nempumelelo naphi na apho uya khona, ungàze uphambuke kuwo nakancinane. Kufuneka incwadi yomthetho ikukhokele kuyo yonke into oyithethayo. Uze uyifunde uyigocagoce ubusuku nemini, uzazi uzithobele izinto ezibhaliweyo kuyo. Xa wenjenjalo woba nenkqubela nempumelelo. Kaloku ndim okuyalelayo. Yomelela ke, ukhaliphe. Uze ungoyiki unkwantye; kaloku mna Ndikhoyo Thixo wakho ndiya kusoloko ndisecaleni kwakho naphi na apho unyathela khona.”
UYOSHUWA 1:1-9 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Kwathi, akufa uMoses umkhonzi kaYehova, wathetha uYehova kuYoshuwa unyana kaNun, umkhonzi kaMoses, esithi, uMoses umkhonzi wam ufile; Suka kaloku, uyiwele iYordan le, wena naba bantu bonke, ningene ezweni endilinika oonyana bakaSirayeli; Iindawo zonke eziya kunyathela kuyo intende yonyawo lwenu, ndininikile, njengoko ndathethayo kuMoses. Ukususela entlango le Lebhanon kuse kumlambo omkhulu, uMlambo umEfrate, lonke ilizwe lamaHeti, ukuya kufikelela kuLwandle Olukhulu ekutshoneni kwelanga, iya kuba ngumda wenu. Akukho mntu uya kuma phambi kwakho yonke imihla yokudla kwakho ubomi; ndiya kuba nawe, njengokuba bendinoMoses; Andisoze ndikushiye okanye ndikufulathele. Yomelela ukhaliphe, ngenxa yokuba olu hlanga uya kulunika ilizwe endathembisa ookhokho balo ngesifungo sokuba ndiya kubanika lona njengelifa. Kodwa ke zomelela, ukhaliphe kunene, ukuze wenze ngokomyalelo wonke, awawisa umthetho ngawo uMoses umkhonzi wam, ungatyeki kuwo, uye ekunene nasekhohlo, ukuze ube ngengqiqo apho sukuba usiya khona. Ize ingesuki incwadi yomyalelo emlonyeni wakho; uze ucinge ngayo imini nobusuku, ukuze wenze ngenyameko, njengoko kubhaliweyo kuyo; Andikuyalelanga na? Yomelela ukhaliphe; musa ukoyika, musa ukoyika, ngokuba uYehova uThixo wakho unawe, naphi na apho sukuba usiya khona.
UYOSHUWA 1:1-9 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
KWAYE kute emveni kwokufa kuka‐Mosesi, isicaka SIKAYEHOVA, wandula wateta UYEHOVA ku‐Yoshuwa unyana ka‐Nune, umkonzi ka‐Mosesi, esiti: u‐Mosesi isicaka sam ufile; uze usuke kaloku, uwele i‐Yoredane le, wena, nababantu bonke, ukuya elizweni endilinika kubo, kulo usapo luka‐Sirayeli. Zonke indawo uya kunyatela pezu kwazo umzantsi wonyawo lwenu, sendinipile zona, njengokuba ndabendisitsho ku‐Mosesi. Kwa sentlango nale‐Lebanone, nakude kube semlanjeni omkulu, emlanjeni ongum‐Ferate, lonke ilizwe lama‐Hete, nakude kube selwandle olukulu ngasekutshoneni kwelanga, woba ngumda wenu. Akuko mntu oya kuba nokuma pambi kwako yonke imihla yokudla kwako ubomi: njengokuba bendiko no‐Mosesi, ndiya kubako kwa nawe; andiyi kukuyeka, andiyi kukushiya kanjalo. Yomelela ukalipe: ngokuba wena uya kubamkelisa ababantu ilifa lelizwe, elo ndafunga ngalo koyise babo ukuba ndiya kubapa lona. Kodwa yomelela ukalipe kakulu, ukuba ulumkele ukwenza njengawo wonke umteto ubuyalelwa ngawo ngu‐Mosesi, isicaka sam: ungapambuki kuwo nangasekunene nangasekohlo, ukuze ulungiseke apo usukuba usiya kona. Incwadi yalomteto ayiyi kumka emlonyeni wako; kodwa uya kucinga yona emini nasebusuku, ukuze ulumkele ukwenza njengako konke okuba̔liweyo kuyo: ngokuba oko uya kutamsanqelekisa indlela yako, naloko uya kulungiseka. Andikuyalelanga na? Yomelela ukalipe; ungankwantyi, ungatuswa nokutuswa: ngokuba UYEHOVA, UTIXO wako, enawe, apo usukuba usiya kona.