U‐Yoshuwa 1:1-9

U‐Yoshuwa 1:1-9 XHO1902A

KWAYE kute emveni kwokufa kuka‐Mosesi, isicaka SIKAYEHOVA, wandula wateta UYEHOVA ku‐Yoshuwa unyana ka‐Nune, umkonzi ka‐Mosesi, esiti: u‐Mosesi isicaka sam ufile; uze usuke kaloku, uwele i‐Yoredane le, wena, nababantu bonke, ukuya elizweni endilinika kubo, kulo usapo luka‐Sirayeli. Zonke indawo uya kunyatela pezu kwazo umzantsi wonyawo lwenu, sendinipile zona, njengokuba ndabendisitsho ku‐Mosesi. Kwa sentlango nale‐Lebanone, nakude kube semlanjeni omkulu, emlanjeni ongum‐Ferate, lonke ilizwe lama‐Hete, nakude kube selwandle olukulu ngasekutshoneni kwelanga, woba ngumda wenu. Akuko mntu oya kuba nokuma pambi kwako yonke imihla yokudla kwako ubomi: njengokuba bendiko no‐Mosesi, ndiya kubako kwa nawe; andiyi kukuyeka, andiyi kukushiya kanjalo. Yomelela ukalipe: ngokuba wena uya kubamkelisa ababantu ilifa lelizwe, elo ndafunga ngalo koyise babo ukuba ndiya kubapa lona. Kodwa yomelela ukalipe kakulu, ukuba ulumkele ukwenza njengawo wonke umteto ubuyalelwa ngawo ngu‐Mosesi, isicaka sam: ungapambuki kuwo nangasekunene nangasekohlo, ukuze ulungiseke apo usukuba usiya kona. Incwadi yalomteto ayiyi kumka emlonyeni wako; kodwa uya kucinga yona emini nasebusuku, ukuze ulumkele ukwenza njengako konke okuba̔liweyo kuyo: ngokuba oko uya kutamsanqelekisa indlela yako, naloko uya kulungiseka. Andikuyalelanga na? Yomelela ukalipe; ungankwantyi, ungatuswa nokutuswa: ngokuba UYEHOVA, UTIXO wako, enawe, apo usukuba usiya kona.