UYOBHI 23:10-12
UYOBHI 23:10-12 IBHAYIBHILE (XHO96)
Phofu ke uThixo uyayazi indlela endiyihambayo; ukuba unokukhe andivavanye ndingafumaneka ndimsulwa okwegolide. Kaloku iinyawo zam zilandela emkhondweni wakhe; indlela yakhe ndiyigcinile, andaphambuka kuyo. Andiyishiyanga imiyalelo yemilebe yomlomo wakhe; andenzanga ngokufuna kwam, koko ndiwathobele amazwi akhe.
UYOBHI 23:10-12 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ke niyayazi indlela endihamba ngayo; ukuba uthe wandilinga, ndophuma njengegolide. Unyawo lwam lubambe emanyathelweni akhe, Ndayigcina indlela yakhe, andathi gu bucala. Andisuki emyalelweni womlomo wakhe; Ndawathatha amazwi omlomo wakhe ngaphezu kokutya kwam.
UYOBHI 23:10-12 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Kuba úyayazi indlela enam; Endicikidile, bendiya kuphuma njengegolide. Unyawo lwam lubambé umkhondo wakhe, Ndayigcina indlela yakhe, andathi gu bucala. Emthethweni wemilebe yomlomo wakhe andisukanga; Ndiwabekile amazwi omlomo wakhe kunowam ummiselo.
UYOBHI 23:10-12 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kodwa uyazi indlela endinayo; akuba endilingile, ndiya kuvela njengegolide. Unyawo lwam lubambile umkondo wake; indlela yake ndiyigcinile, andipambukanga ke. Umyalelo womlomo wake andimkanga nakuwo; ngapezu kwowam ummiso ndizibekele iziteto zomlomo wake.