UYOHANE 9:24-41
UYOHANE 9:24-41 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ambiza ngoko okwesibini umntu obeyimfama, athi kuye, Zukisa uThixo; siyazi thina ukuba lo mntu ungumoni. Uphendule ngoko yena, wathi, Ukuba ungumoni, andazi; ndazi ntonye, eyokuba ndibe ndiyimfama nje, ngoku ndiyabona. Abuye ke athi kuye, Wénzé ntoni na kuwe? útheni na ukuwavula amehlo akho? Wawaphendula wathi, Sendinixelele, naza aneva; nithandelani na ukubuya nive? Nani ningaba nithanda ukuba ngabafundi bakhe na? Amtshabhisa ngoko athi, Nguwe umfundi wakhe; ke thina singabafundi bakaMoses. Siyazi thina, ukuba uThixo uthethile kuMoses; lo yena asimazi apho avela khona. Waphendula umntu lowo, wathi kuwo, Nasi apha isimanga, ukuthi nina ningàzi apho avela khona; ukanti uwavulile amehlo am. Siyazi ke ukuba uThixo akabeva aboni; kodwa ukuba umntu uthi amhlonele uThixo, akwenze ukuthanda kwakhe, uyamva lowo. Kwasephakadeni akuzanga kuviwe ukuba umntu wakha wavula amehlo ozelwe eyimfama. Ukuba lo ebengenguye owakwaThixo, ebengenakwenza nto. Aphendula athi kuye, Wena wazalelwa ezonweni kanye; ùfundisa thina na wena? Amkhuphela ngaphandle. Weva uYesu ukuba amkhuphele ngaphandle. Uthe akumfumana wathi kuye, Wena uyakholwa na kuNyana kaThixo? Uphendule yena wathi, Ongubani na, Nkosi, ukuze ndikholwe kuye? Uthe ke uYesu kuye, Umbonile; nguye lo uthetha nawe. Wathi ke yena, Ndiyakholwa, Nkosi. Waza waqubuda kuye. Wathi uYesu, Mna ndizele ugwebo kweli hlabathi, ukuze abangaboniyo babone, bathi ababonayo babe ziimfama. Baziva ezo nto abakubaFarisi ababenaye, bathi kuye, Singaba siziimfama nathi na? Uthe ke kubo uYesu, Ukuba beniziimfama, ngeningenasono; kungoku nithi, Siyabona; ke ngoko isono senu sihleli.
UYOHANE 9:24-41 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ke ngoko amaJuda aphinda ambuza loo mntu wayezelwe eyimfama, athi kuye: “Sikufungisa uThixo ukuba uthethe inyaniso. Thina siyazi okokuba lo mntu ngumoni.” Waphendula wathi: “Ukuba ungumoni, nokuba akanguye, andazi. Ndazi nto-nye kuphela; bendiyimfama, ngoku ke ndiyabona.” Aza athi kuye: “Ukwenze ntoni kanye ukukuvula amehlo?” Wawaphendula wathi: “Sendinixelele nje, naza anaphulaphula; kutheni ukuba nifune ukuva kwakhona? Ngaba nani nifuna ukuba ngabafundi bakhe?” Aza amaJuda amthuka, atsho nokuthi: “Nguwe ongumfundi walaa mfo; thina singabafundi bakaMosis. Siyazi okokuba uMosis wathetha egunyaziswa nguThixo; kodwa yena lo mfo asimazi, singazi nalapho avela khona.” Waphendula wathi: “Simanga! Nina nithi animazi apho avela khona, kanti nguye owavulileyo amehlo am. Kuyaqondakala okokuba uThixo akabeva aboni; kuphela uva abo bamhloneleyo ngokwenza oko akuthandayo. Okoko ladalwayo ihlabathi akuzange kuviwe ngomntu owakha wavula amehlo omntu ozelwe eyimfama. Ukuba lo mntu ebengaveli kuThixo nge-engenako mpela ukwenza into enje.” Amphendula athi: “Singathini ukufundiswa nguwe, ntondini eyazalelwa esonweni!” Waza ke wasikwa *endlwini yesikhungo. UYesu weva okokuba umntu lowo usikiwe. Akumfumana wathi kuye: “Uyakholwa na kuye *uNyana woLuntu?” Waphendula yena wathi: “Ndixelele ukuba ngongubani lowo, Nkosi, ukuze nam ndikholwe kuye.” Wathi kuye uYesu: “Sewumbonile; ngulo uthethayo nawe ngoku.” Waza wathi: “Ndiyakholwa, Nkosi.” Watsho waguqa phambi koYesu. Waza wathi uYesu: “Mna ndize kweli hlabathi ukuze abantu bacaluleke: ukuze iimfama zibone, bathi ababonayo babe ziimfama.” *AbaFarasi abathile ababelapho kunye naye, bamva eyithetha le nto, baza bambuza besithi: “Nathi uthi siziimfama?” Wathi kubo uYesu: “Ukuba benizizo iimfama ngeningenatyala, kodwa ngenxa yokuba nisithi niyabona, nihlala ninalo ityala.”
UYOHANE 9:24-41 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ambiza ngoko okwesibini umntu obeyimfama, athi kuye, Zukisa uThixo; siyazi thina ukuba lo mntu ungumoni. Uphendule ngoko yena, wathi, Ukuba ungumoni, andazi; ndazi nto-nye, eyokuba ndibe ndiyimfama nje, ngoku ndiyabona. Abuye ke athi kuye, Wenze ntoni na kuwe? utheni na ukuwavula amehlo akho? Wawaphendula wathi, Sendinixelele, naza aneva; nithandelani na ukubuya nive? Ngaba nani nifuna ukuba ngabafundi bakhe na? Amtshabhisa ngoko athi, Nguwe ongumfundi wakhe; Thina singabafundi bakaMoses. Siyazi thina, ukuba uThixo uthethile kuMoses; lo yena asimazi apho avela khona. Waphendula umntu lowo, wathi kubo, Nasi apha isimanga, ukuthi nina ningazi apho avela khona; ukanti uwavulile amehlo am. Siyazi ke ukuba uThixo akabeva aboni; kodwa ukuba umntu uthi amhlonele uThixo, akwenze ukuthanda kwakhe, uyamva lowo. Kwasephakadeni akuzanga kuviwe ukuba umntu wakha wavula amehlo ozelwe eyimfama. Ukuba lo ebengenguye owakwaThixo, ebengenakwenza nto. Aphendula athi kuye, Wena wazalelwa ezonweni kanye; usifundisa ntoni na? Bamkhuphela ngaphandle. Weva uYesu ukuba amkhuphele phandle; Uthe akuba emfumene, wathi kuye, Uyakholwa na kuNyana kaThixo? Uphendule yena wathi, Ongubani na, Nkosi, ukuze ndikholwe kuye? uYesu wathi kuye, Umbonile; nguye lo uthetha nawe. Wathi ke yena, Ndiyakholwa, Nkosi. Waza waqubuda kuye. Wathi uYesu, Mna ndizele ugwebo kweli hlabathi, ukuze abangaboniyo babone; bathi ababonayo babe ziimfama. Baziva ezo nto abakubaFarisi ababenaye, bathi kuye, Singaba siziimfama nathi na? Wathi kubo uYesu, Ukuba beniziimfama, ngeningenasono; kungoku nithi, Siyabona; ngoko ke isono senu sihleli.
UYOHANE 9:24-41 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Bandula bambiza ngokwesibini lowamntu obeyimfama, bati kuye: Mnike udumo UTIXO; siyazi tina ukuba umntu lo ungumoni. Wandula wapendula yena lowo wati: Ukuba ungumoni na, andikwazi; inye into endiyaziyo, yokuba, ndiyimfama nje, kaloku ndiyabona. Baza bati kuye kanjako: Wenza nto nina kuwe? wati nina ukuvula amehlo ako? Wati ukubapendula: Sendinixelele, kanti anivanga; yinina ukuba nifune ukuva kanjako? kanene nani nifuna ukuba ngabadisipile bake na? Bandula bamtuka, bati: Wena ungumdisipile walowa; tina kodwa singabadisipile baka‐Mosesi. Siyazi tina ukuba UTIXO utetile ku‐Mosesi; kodwa lo asimazi ukuba uvela pina. Wapendula umntu lowo wati kubo: Pofu lento ingummangaliso okunene, yokuba nina animazi ukuba uvela pina, noko wavulayo amehlo am. Kekaloku siyazi ukuba aboni UTIXO akabeva; kodwa ukuba umntu engumbedeshi KATIXO, esenza nentando yake, yena lo uyamva. Akuzanga kuviwe kwa napakade ukuba bekuko owavula amehlo obezelwe eyimfama. Ukuba lo ebengaveli KUTIXO, ebengenze luto. Bapendula bati kuye: Wena uzelwe upela ezonweni nje, uyasifundisa tina na ke? Baza bamku̔pela pandle. Weva u‐Yesu ukuba bebemku̔pele pandle: waza akumfumana wati kuye: Uyakolwa kunyana KATIXO na? Wapendula yena wati: Ungubanina, Nkosi! ukuze ndikolwe kuye? Wati ke u‐Yesu kuye: Umbonile kambe, kanjalo lo uteta nawe unguye. Wayesiti: Ndiyakolwa, Nkosi! wambedesha ke. Waza wati u‐Yesu: Ndeza kwelilizwe kube kukugwetywa, ukuze abo bangaboniyo babone, nabo babonayo benzwe imfama. Baza abo bakubafarisi abebenaye beva ezizinto, bati kuye: Nati sizimfama na? Wati kubo u‐Yesu: Ukuba nibe nizimfama, ngeniba ningenasono; kodwa kaloku niti: Siyabona; ngoko isono senu siseko.