Ambiza ngoko okwesibini umntu obeyimfama, athi kuye, Zukisa uThixo; siyazi thina ukuba lo mntu ungumoni. Uphendule ngoko yena, wathi, Ukuba ungumoni, andazi; ndazi nto-nye, eyokuba ndibe ndiyimfama nje, ngoku ndiyabona. Abuye ke athi kuye, Wenze ntoni na kuwe? utheni na ukuwavula amehlo akho? Wawaphendula wathi, Sendinixelele, naza aneva; nithandelani na ukubuya nive? Ngaba nani nifuna ukuba ngabafundi bakhe na? Amtshabhisa ngoko athi, Nguwe ongumfundi wakhe; Thina singabafundi bakaMoses. Siyazi thina, ukuba uThixo uthethile kuMoses; lo yena asimazi apho avela khona. Waphendula umntu lowo, wathi kubo, Nasi apha isimanga, ukuthi nina ningazi apho avela khona; ukanti uwavulile amehlo am. Siyazi ke ukuba uThixo akabeva aboni; kodwa ukuba umntu uthi amhlonele uThixo, akwenze ukuthanda kwakhe, uyamva lowo. Kwasephakadeni akuzanga kuviwe ukuba umntu wakha wavula amehlo ozelwe eyimfama. Ukuba lo ebengenguye owakwaThixo, ebengenakwenza nto. Aphendula athi kuye, Wena wazalelwa ezonweni kanye; usifundisa ntoni na? Bamkhuphela ngaphandle. Weva uYesu ukuba amkhuphele phandle; Uthe akuba emfumene, wathi kuye, Uyakholwa na kuNyana kaThixo? Uphendule yena wathi, Ongubani na, Nkosi, ukuze ndikholwe kuye? uYesu wathi kuye, Umbonile; nguye lo uthetha nawe. Wathi ke yena, Ndiyakholwa, Nkosi. Waza waqubuda kuye. Wathi uYesu, Mna ndizele ugwebo kweli hlabathi, ukuze abangaboniyo babone; bathi ababonayo babe ziimfama. Baziva ezo nto abakubaFarisi ababenaye, bathi kuye, Singaba siziimfama nathi na? Wathi kubo uYesu, Ukuba beniziimfama, ngeningenasono; kungoku nithi, Siyabona; ngoko ke isono senu sihleli.