UYOHANE 9:1-23
UYOHANE 9:1-23 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Uthe ke edlula, wabona umntu obe eyimfama kwasekuzalweni kwakhe. Bambuza ke abafundi bakhe, besithi, Rabhi, ngubani na owonayo, ngulo, ngabazali bakhe, sini na, ukuze azalwe eyimfama nje? Waphendula uYesu wathi, Akone lo, akone bazali bakhe; uzelwe eyimfama ukuze ibonakalaliselwe kuye. Ndimelwe kukuyisebenza imisebenzi yowandithumayo, kusesemini; kuza ubusuku, xa kungekho namnye unako ukusebenza. Xa ndisesehlabathini, ndilukhanyiselo lwehlabathi. Akuba etshilo, watshica emhlabeni, wenza udaka ngamathe, wawathambisa ngodongwe amehlo emfama leyo. Wathi kuyo, Hamba uye kuhlamba echibini laseSilowa (oko kukuthi ngentetho evakalayo, Thunyiwe). Yemka ngoko, yaya yahlamba, yeza ibona. Baye ngoko abamelwane, nababembona ngaphambili ukuba uyimfama, besithi, Lo asinguye na obehleli engqiba? Inxenye ibisithi, Nguye lo; abanye ke besithi, Ufana naye; yena ke wayesithi, Ndinguye. Bathi ngoko kuye, Atyhilwe na amehlo akho? Waphendula yena wathi, Umntu ekuthiwa nguYesu wenze udaka, waqaba amehlo am, wathi kum, Yiya echibini leSilowa, uhlambe; ndiyile ke ndahlamba, ndabuya ndibona. Bathi ngoko kuye, Uphi na yena? Wathi, Andazi. Bamzisa kubaFarisi lowo ubefudula eyimfama. Ke kaloku kwakuyisabatha, oko uYesu wenza udaka, wawavula amehlo akhe. Babuya ngoko ke bambuza nabaFarisi, ukuba utheni na ukuba abuye abone. Uthe ke yena kubo, Ubeke udaka emehlweni am, ndaza ndahlamba; Babesithi ngoko abathile bakubaFarisi, Lo mntu asingowakwaThixo, ngokuba isabatha akayigcini. Babesithi abanye, Angathini na umntu ongumoni ukwenza imiqondiso engakanana? Kwabakho iyantlukwano phakathi kwabo. Babuya bathi kwimfama, Uthini na wena ngaye, ewavulile nje amehlo akho? Wathi, Ungumprofeti. Akakholwa ngoko amaYuda ngaye, ukuba ebeyimfama, wabuya wabona, ada abiza abazali balowo ubuye wabona. Ababuza esithi, Lo ngunyana wenu na, enithi nina wazalwa eyimfama? Kutheni na ke ngoku ebona? Abazali bakhe bawaphendula bathi, Siyazi ukuba lo ngunyana wethu, kwanokuba ke wazalwa eyimfama; Le nto ke abonayo ngoku asazi; novule amehlo akhe, asimazi thina; Buzani kuye, woziphendulela. Batsho abazali bakhe, ngokuba babesoyika amaYuda; kuba amaYuda abeselenqophisene ngokuthi, Ukuba uthe umntu wamvuma ukuba unguKristu, aze akhutshwe esikhungwini. Bathi ngoko abazali bakhe, Uselemkhulu; buzani kuye.
UYOHANE 9:1-23 IBHAYIBHILE (XHO96)
UYesu wathi ehamba ngendlela wabona umntu owayezelwe eyimfama. Bambuza ke abafundi bakhe besithi: “Mfundisi, uphi undonakele ukuze azalwe eyimfama nje? Ngaba nguye, okanye ngabazali bakhe?” Waphendula uYesu wathi: “Eyimfama nje, akonanga yena, kungonanga nabazali bakhe. Uzelwe eyimfama ukuze amandla okusebenza kukaThixo abonakaliswe ngaye. Simelwe kukuyenza kusesemini imisebenzi esiyinikwe ngulowo undithumileyo. Ubusuku buyeza, apho kungayi kubakho bani unako ukusebenza. Okweli thuba ndisesehlabathini ndilukhanyiso lwehlabathi.” Akuba etshilo, uYesu watshicela emhlabeni, wenza udaka, wawaqaba ngalo amehlo emfama leyo; waza wathi kuyo: “Hamba uye kuhlamba kwichityana laseSilowa.” (Oko kukuthi “thunyiwe”.) Yahamba ke imfama, yaya kuhlamba, yabuya ibona. Abamelwane nabanye abantu ababeqhele ukumbona loo mntu engqiba, bathi: “Lo mfo asinguye na lowa ebehlala engqiba?” Abanye babesithi nguye, abanye besithi asinguye kodwa ufana naye. Waza umfo lowo wathi: “Ndinguye.” Bambuza ke, bathi: “Avulwe yintoni amehlo akho?” Wathi yena: “Laa mntu kuthiwa nguYesu, wenza udaka, waqaba ngalo amehlo am, wathi mandiye eSilowa, ndihlambe. Ndiyile ke, ndahlamba, aza avuleka amehlo am.” Baza bathi: “Uphi loo mntu ngoku?” Ke yena wathi: “Andazi.” Bamthatha ke loo mfo owayeyimfama, bamsa *kubaFarasi; kuba *kwakunguMhla wokuPhumla loo mini uYesu wenza udaka ngayo, wavula amehlo akhe. Ke ngoko abaFarasi bambuza lo mfo okokuba uphiliswe njani ebumfameni bakhe, waza wathi kubo: “Undiqabe amehlo ngodaka, ndahlamba, aza avuleka amehlo am.” Baza abaFarasi abathile bathi: “Loo mntu akanakuba ngowakwaThixo, kuba akawuhloneli uMhla woPhumlo.” Kodwa abanye babesithi: “Ukuba ebengumoni ebenokuthini ukwenza imiqondiso elolu hlobo?” Kwabakho impikiswano ke phakathi kwabo. Ke ngoko abaFarasi baphinda bathi kuloo mntu wayeyimfama: “Wena uthini ngaye, inguwe nje ovulwe amehlo?” Waza wathi: “*Ungumshumayeli.” AmaJuda wona ayengakholwa ukuba wayeyimfama waza wabuya wabona, aza abiza abazali bakhe, abuza esithi: “Ngunyana wenu lo? Ngaba wazalwa eyimfama? Ebona nje ngoku kutheni?” Abazali bakhe baphendula bathi: “Ewe, ngunyana wethu lo. Wavela eyimfama; kodwa asazi ukuba kwenzeke ntoni ebona nje ngoku; nalowo uwavulileyo amehlo akhe asimazi. Buzani kuye; selemdala, unako ukuziphendulela.” Abazali bakhe batsho kuba besoyika amaJuda, kuba wona ayeselevumelene ngokuthi ovumayo ukuba uYesu unguye *uKrestu, uya kusikwa *endlwini yesikhungo. Kungoko ke abazali bakhe batshoyo ukuthi: “Buzani kuye; selemdala.”
UYOHANE 9:1-23 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Uthe ke edlula, wabona umntu obe eyimfama kwasekuzalweni kwakhe. Bambuza ke abafundi bakhe, besithi, Rabhi,• ngubani na owonayo, ngulo, ngabazali bakhe, sini na, ukuze azalwe eyimfama nje? Waphendula uYesu wathi, Akoné lo, akoné bazali bakhe; uzelwe eyimfama ukuze ibonakalaliselwe kuye imisebenzi kaThixo. Ndimelwe kukuyisebenza imisebenzi yowandithumayo, kusesemini; kuza ubusuku, xa kungekho namnye unako ukusebenza. Xa ndisesehlabathini, ndilukhanyiselo lwehlabathi. Akuba etshilo, watshica emhlabeni, wenza udaka ngamathe, wawaqaba amehlo emfama ngodaka olo. Wathi kuyo, Yiya kuhlamba echibini leSilowa (oko kukuthi ngentetho evakalayo, Thunyiwe). Yemka ngoko, yaya yahlamba, yeza ibona. Baye ngoko abamelwane, nababembona ngaphambili ukuba uyimfama, besithi, Lo asinguye na obehleli engqiba? Abanye babesithi, Nguye lo; bambi ke bathi, Ufana naye; yena ke wayesithi, Ndinguye. Babesithi ngoko kuye, Atheni na ukuvuleka amehlo akho? Waphendula yena wathi, Umntu ekuthiwa nguYesu wenzé udaka, waqaba amehlo am, wathi kum, Yiya echibini leSilowa, uhlambe; ndiyile ke ndahlamba, ndabuya ndibona. Bathi ngoko kuye, Úphi na yena? Athi, Andazi. Bamzisa kubaFarisi lowo ubefudula eyimfama. Ke kaloku yaye iyisabatha, oko uYesu wenza udaka, wawavula amehlo akhe. Babuya ngoko ke bambuza nabaFarisi, ukuba útheni na ukuba abuye abone. Wathi ke yena kubo, Ubeké udaka emehlweni am, ndaza ndahlamba; ndiyabona ke. Babesithi ngoko abathile bakubaFarisi, Lo mntu asingowakwaThixo, ngokuba isabatha akayigcini. Babesithi abanye, Angáthini na umntu ongumoni ukwenza imiqondiso engakanana? Bathi qheke kubini. Babuya bathi kwimfama, Ùthini na wena ngaye, ewavulile nje amehlo akho? Uthe ke yena, Ungumprofeti. Akakholwa ngoko amaYuda ngaye, ukuba ebeyimfama, wabuye wabona, ada abiza abazali balowo ubuye wabona. Aza ababuza esithi, Lo ngunyana wenu na, enithi nina wazalwa eyimfama? Phofu ubona ngani na ngoku? Abazali bakhe bawaphendula bathi, Siyazi ukuba lo ngunyana wethu, kwanokuba ke wazalwa eyimfama; le nto ke abonayo ngoku asazi, novulé amehlo akhe, asimazi thina; uselemkhulu yena, buzani kuye, wozithethela. Batsho abazali bakhe, ngokuba babesoyika amaYuda; kuba amaYuda abeselenqophisene ngokuthi, Ukuba uthe umntu wamvuma ukuba nguKristu,• aze akhutshwe esikhungwini. Kungenxa yoko abazali bakhe bathi, Uselemkhulu, buzani kuye.
UYOHANE 9:1-23 IBHAYIBHILE (XHO96)
UYesu wathi ehamba ngendlela wabona umntu owayezelwe eyimfama. Bambuza ke abafundi bakhe besithi: “Mfundisi, uphi undonakele ukuze azalwe eyimfama nje? Ngaba nguye, okanye ngabazali bakhe?” Waphendula uYesu wathi: “Eyimfama nje, akonanga yena, kungonanga nabazali bakhe. Uzelwe eyimfama ukuze amandla okusebenza kukaThixo abonakaliswe ngaye. Simelwe kukuyenza kusesemini imisebenzi esiyinikwe ngulowo undithumileyo. Ubusuku buyeza, apho kungayi kubakho bani unako ukusebenza. Okweli thuba ndisesehlabathini ndilukhanyiso lwehlabathi.” Akuba etshilo, uYesu watshicela emhlabeni, wenza udaka, wawaqaba ngalo amehlo emfama leyo; waza wathi kuyo: “Hamba uye kuhlamba kwichityana laseSilowa.” (Oko kukuthi “thunyiwe”.) Yahamba ke imfama, yaya kuhlamba, yabuya ibona. Abamelwane nabanye abantu ababeqhele ukumbona loo mntu engqiba, bathi: “Lo mfo asinguye na lowa ebehlala engqiba?” Abanye babesithi nguye, abanye besithi asinguye kodwa ufana naye. Waza umfo lowo wathi: “Ndinguye.” Bambuza ke, bathi: “Avulwe yintoni amehlo akho?” Wathi yena: “Laa mntu kuthiwa nguYesu, wenza udaka, waqaba ngalo amehlo am, wathi mandiye eSilowa, ndihlambe. Ndiyile ke, ndahlamba, aza avuleka amehlo am.” Baza bathi: “Uphi loo mntu ngoku?” Ke yena wathi: “Andazi.” Bamthatha ke loo mfo owayeyimfama, bamsa *kubaFarasi; kuba *kwakunguMhla wokuPhumla loo mini uYesu wenza udaka ngayo, wavula amehlo akhe. Ke ngoko abaFarasi bambuza lo mfo okokuba uphiliswe njani ebumfameni bakhe, waza wathi kubo: “Undiqabe amehlo ngodaka, ndahlamba, aza avuleka amehlo am.” Baza abaFarasi abathile bathi: “Loo mntu akanakuba ngowakwaThixo, kuba akawuhloneli uMhla woPhumlo.” Kodwa abanye babesithi: “Ukuba ebengumoni ebenokuthini ukwenza imiqondiso elolu hlobo?” Kwabakho impikiswano ke phakathi kwabo. Ke ngoko abaFarasi baphinda bathi kuloo mntu wayeyimfama: “Wena uthini ngaye, inguwe nje ovulwe amehlo?” Waza wathi: “*Ungumshumayeli.” AmaJuda wona ayengakholwa ukuba wayeyimfama waza wabuya wabona, aza abiza abazali bakhe, abuza esithi: “Ngunyana wenu lo? Ngaba wazalwa eyimfama? Ebona nje ngoku kutheni?” Abazali bakhe baphendula bathi: “Ewe, ngunyana wethu lo. Wavela eyimfama; kodwa asazi ukuba kwenzeke ntoni ebona nje ngoku; nalowo uwavulileyo amehlo akhe asimazi. Buzani kuye; selemdala, unako ukuziphendulela.” Abazali bakhe batsho kuba besoyika amaJuda, kuba wona ayeselevumelene ngokuthi ovumayo ukuba uYesu unguye *uKrestu, uya kusikwa *endlwini yesikhungo. Kungoko ke abazali bakhe batshoyo ukuthi: “Buzani kuye; selemdala.”
UYOHANE 9:1-23 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Uthe ke edlula, wabona umntu obe eyimfama kwasekuzalweni kwakhe. Bambuza ke abafundi bakhe, besithi, Rabhi, ngubani na owonayo, ngulo, ngabazali bakhe, sini na, ukuze azalwe eyimfama nje? Waphendula uYesu wathi, Akone lo, akone bazali bakhe; uzelwe eyimfama ukuze ibonakalaliselwe kuye. Ndimelwe kukuyisebenza imisebenzi yowandithumayo, kusesemini; kuza ubusuku, xa kungekho namnye unako ukusebenza. Xa ndisesehlabathini, ndilukhanyiselo lwehlabathi. Akuba etshilo, watshica emhlabeni, wenza udaka ngamathe, wawathambisa ngodongwe amehlo emfama leyo. Wathi kuyo, Hamba uye kuhlamba echibini laseSilowa (oko kukuthi ngentetho evakalayo, Thunyiwe). Yemka ngoko, yaya yahlamba, yeza ibona. Baye ngoko abamelwane, nababembona ngaphambili ukuba uyimfama, besithi, Lo asinguye na obehleli engqiba? Inxenye ibisithi, Nguye lo; abanye ke besithi, Ufana naye; yena ke wayesithi, Ndinguye. Bathi ngoko kuye, Atyhilwe na amehlo akho? Waphendula yena wathi, Umntu ekuthiwa nguYesu wenze udaka, waqaba amehlo am, wathi kum, Yiya echibini leSilowa, uhlambe; ndiyile ke ndahlamba, ndabuya ndibona. Bathi ngoko kuye, Uphi na yena? Wathi, Andazi. Bamzisa kubaFarisi lowo ubefudula eyimfama. Ke kaloku kwakuyisabatha, oko uYesu wenza udaka, wawavula amehlo akhe. Babuya ngoko ke bambuza nabaFarisi, ukuba utheni na ukuba abuye abone. Uthe ke yena kubo, Ubeke udaka emehlweni am, ndaza ndahlamba; Babesithi ngoko abathile bakubaFarisi, Lo mntu asingowakwaThixo, ngokuba isabatha akayigcini. Babesithi abanye, Angathini na umntu ongumoni ukwenza imiqondiso engakanana? Kwabakho iyantlukwano phakathi kwabo. Babuya bathi kwimfama, Uthini na wena ngaye, ewavulile nje amehlo akho? Wathi, Ungumprofeti. Akakholwa ngoko amaYuda ngaye, ukuba ebeyimfama, wabuya wabona, ada abiza abazali balowo ubuye wabona. Ababuza esithi, Lo ngunyana wenu na, enithi nina wazalwa eyimfama? Kutheni na ke ngoku ebona? Abazali bakhe bawaphendula bathi, Siyazi ukuba lo ngunyana wethu, kwanokuba ke wazalwa eyimfama; Le nto ke abonayo ngoku asazi; novule amehlo akhe, asimazi thina; Buzani kuye, woziphendulela. Batsho abazali bakhe, ngokuba babesoyika amaYuda; kuba amaYuda abeselenqophisene ngokuthi, Ukuba uthe umntu wamvuma ukuba unguKristu, aze akhutshwe esikhungwini. Bathi ngoko abazali bakhe, Uselemkhulu; buzani kuye.
UYOHANE 9:1-23 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
WATI akuba ebedlula wabona umntu obeyimfama ngokuzalwa. Baza babuza kuye abadisipile bake, besiti: Rabi! ngubanina owabesona, nguye lo, ngabazali bake, kusinina, ukuba abe nokuzalwa eyimfama? Wati u‐Yesu ukupendula: Akona naló, abona nabazali bake; kukuba kubonakaliswe imisebenzi KATIXO kuye. Ndifanele ukusebenza imisebenzi yalowo wanditumayo, nxa imini iseko; buyeza ubusuku, oko kungesetyenzwe mntu. Xeshekweni ndiselizweni, ndilukanyiso lwelizwe. Akuba ebetshilo oku, watshica emhlabeni, wenza udaka ngamate, watambisa amehlo oyimfama ngodaka olo, wati kuye: Hamba uhlambe ecibini le‐Siloha; (okuti ukukunyushwa lelitunyiweyo.) Waya ngoko wahlamba, weza ebona. Ngako imimelwane, nabo babefudula bembona ukuba uyimfama, babesiti: Lo asi nguye na oti ahlale anqi̔be? Bati abanye: Nguye: bati nabanye: Ufana naye. Wati yena: Ndinguye. Bati ngoko kuye: Atiwa nina ukuvulwa amehlo ako? Wapendula yena wati: Umntu o‐kutwa ngu‐Yesu wenza udaka, watambisa amehlo am, wati kum: Hamba uye ecibini le‐Siloha, uhlambe. Ndaya ke ndahlamba, ndamkela ukubona. Bandula bati kuye: Upina yena? Wati: Andazi. Bamzisa kubafarisi lowo ubefuda eyimfama. Kekaloku bekuyimini yesabata oko u‐Yesu wenzayo udaka olo, wavula amehlo ake. Ngako kanjako babuza kuye nabafarisi ukuba watiwa nina ukwamkela ukubona. Wayesiti kubo: Wabeka udaka pezu kwamehlo am, ndaza ndahlamba, ndiyabona ke. Bati ngoko inxenye kubafarisi: Lomntu akaveli KUTIXO, ngokuba engagcini imini yesabata. Bati abanye: Angati nina umntu ongumoni ukwenza imimangaliso engakanana? Kwaza kwabako impambano pakati kwabo. Bati kobeyimfama kanjako: Uti nina wena ngaye, evulile amehlo ako nje? Wayesiti: Ungumprofite. Ati kekaloku ama‐Juda akakolwa ngaye ukuba ebeyimfama waza wamkela ukubona, ada abiza abazali balowo obekwamkele ukubona. Aza abuza kubo, esiti: Lo ungunyana wenu na, eniti wazalwa eyimfama? ute nina pofu ukubona ngoku? Bapendula kuwo abazali bake bati: Siyazi ukuba lo ungunyana wetu, nokuba wazalwa eyimfama: kodwa ukuba ute nina ukubona kaloku, asikwazi; nokuba ungubanina owavula amehlo ake, asimazi tina: usel’ ekulile yena; buzani kuye; wozitetela ngokwake. Batsho abazali bake, kuba bebesoyika ama‐Juda: ngokuba ama‐Juda ebesel’ evumelene, ukuba, xeshekweni umntu amvumayo ukuba ungu‐Kristu, makaku̔tshwe entlanganisweni. Ngako oko abazali bake bati: Usel’ ekulile; buzani kuye.