Ivangeli ka‐Johane 9:1-23

Ivangeli ka‐Johane 9:1-23 XHO1902A

WATI akuba ebedlula wabona umntu obeyimfama ngokuzalwa. Baza babuza kuye abadisipile bake, besiti: Rabi! ngubanina owabesona, nguye lo, ngabazali bake, kusinina, ukuba abe nokuzalwa eyimfama? Wati u‐Yesu ukupendula: Akona naló, abona nabazali bake; kukuba kubonakaliswe imisebenzi KATIXO kuye. Ndifanele ukusebenza imisebenzi yalowo wanditumayo, nxa imini iseko; buyeza ubusuku, oko kungesetyenzwe mntu. Xeshekweni ndiselizweni, ndilukanyiso lwelizwe. Akuba ebetshilo oku, watshica emhlabeni, wenza udaka ngamate, watambisa amehlo oyimfama ngodaka olo, wati kuye: Hamba uhlambe ecibini le‐Siloha; (okuti ukukunyushwa lelitunyiweyo.) Waya ngoko wahlamba, weza ebona. Ngako imimelwane, nabo babefudula bembona ukuba uyimfama, babesiti: Lo asi nguye na oti ahlale anqi̔be? Bati abanye: Nguye: bati nabanye: Ufana naye. Wati yena: Ndinguye. Bati ngoko kuye: Atiwa nina ukuvulwa amehlo ako? Wapendula yena wati: Umntu o‐kutwa ngu‐Yesu wenza udaka, watambisa amehlo am, wati kum: Hamba uye ecibini le‐Siloha, uhlambe. Ndaya ke ndahlamba, ndamkela ukubona. Bandula bati kuye: Upina yena? Wati: Andazi. Bamzisa kubafarisi lowo ubefuda eyimfama. Kekaloku bekuyimini yesabata oko u‐Yesu wenzayo udaka olo, wavula amehlo ake. Ngako kanjako babuza kuye nabafarisi ukuba watiwa nina ukwamkela ukubona. Wayesiti kubo: Wabeka udaka pezu kwamehlo am, ndaza ndahlamba, ndiyabona ke. Bati ngoko inxenye kubafarisi: Lomntu akaveli KUTIXO, ngokuba engagcini imini yesabata. Bati abanye: Angati nina umntu ongumoni ukwenza imimangaliso engakanana? Kwaza kwabako impambano pakati kwabo. Bati kobeyimfama kanjako: Uti nina wena ngaye, evulile amehlo ako nje? Wayesiti: Ungumprofite. Ati kekaloku ama‐Juda akakolwa ngaye ukuba ebeyimfama waza wamkela ukubona, ada abiza abazali balowo obekwamkele ukubona. Aza abuza kubo, esiti: Lo ungunyana wenu na, eniti wazalwa eyimfama? ute nina pofu ukubona ngoku? Bapendula kuwo abazali bake bati: Siyazi ukuba lo ungunyana wetu, nokuba wazalwa eyimfama: kodwa ukuba ute nina ukubona kaloku, asikwazi; nokuba ungubanina owavula amehlo ake, asimazi tina: usel’ ekulile yena; buzani kuye; wozitetela ngokwake. Batsho abazali bake, kuba bebesoyika ama‐Juda: ngokuba ama‐Juda ebesel’ evumelene, ukuba, xeshekweni umntu amvumayo ukuba ungu‐Kristu, makaku̔tshwe entlanganisweni. Ngako oko abazali bake bati: Usel’ ekulile; buzani kuye.