UYOHANE 16:16-33
UYOHANE 16:16-33 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Selilixesha elifutshane, ize ningandiboni; kubuye kube lixesha elifutshane, nibuye nindibone, ngokuba mna ndiya kuBawo. Ithe ngoko inxenye yakubafundi bakhe phakathi kwayo, Yintoni na le ayithethayo kuthi, athi, Liselilixesha elifutshane, nibuye ningandiboni; kubuye kube lixesha elifutshane, nize nindibone; nokuthi, Mna ndiya kuBawo? Babesithi ngoko, Yintoni na le ayithethayo, athi, Lixesha elifutshane? Asiyazi into ayithethayo. Wazi ngoko uYesu ukuba babethanda ukumbuza, wathi kubo, Nibuzana ngale nto na, yokuba ndithe, Selilixesha elifutshane, nize ningandiboni; kubuye kube lixesha elifutshane, nibuye nindibone? Inene, inene, ndithi kuni, niya kulila nihlahlambe, ke lona ihlabathi liya kuvuya; niya kuxhalaba nina, ke ukuxhalaba kwenu kuya kuba luvuyo. Umfazi xa aza kuzala, uyaxhalaba, ngokuba ilixa lakhe lifikile; xa athe ke wazala umntwana, akabi sayikhumbula loo mbandezelo, ngenxa yovuyo lokuba kuzelwe umntu ehlabathini. Nani ke ngoko nixhalabile ngokunje; kodwa ndobuya ndinibone; yaye iya kuvuya intliziyo yenu, novuyo lwenu akukho namnye uya kuluhlutha kuni. Nangaloo mini aniyi kundibuza nto. Inene, inene, ndithi kuni, Zonke izinto enithe nazicela kuBawo egameni lam, woninika. Kude kwaba ngokunje, anikaceli nto egameni lam; celani, niya kwamkela, ukuze uvuyo lwenu luzaliseke. Ezi zinto ndizithethile kuni ngokuntsonkotha; kuza ilixa endingasayi kuba sathetha kuni ngokuntsonkotha; ndiya kunibikela ngokusekuhleni ngaye uBawo. Ngaloo mini niya kucela egameni lam; anditsho kuni ukuthi, ndiya kunicelela kuBawo; kuba uBawo ngokwakhe uyanithanda; ngokuba nina nindithandile, nakholwa ukuba mna ndaphuma kuThixo. Ndaphuma kuBawo, ndeza ehlabathini; ndibuya ndilishiye ihlabathi, ndiye kuBawo. Bathi kuye abafundi bakhe, Uyabona, ngoku uthetha ngokusekuhleni, akuthethi nto ngakuntsonkotha. Ngoku siyazi, ukuba uyazazi zonke izinto, akusafuneki kuwe ukuba ubani akubuze nto; ngaloo nto siyakholwa ukuba waphuma kuThixo. Wabaphendula uYesu wathi, Niyakholwa na ngoku? Yabonani, kuza ilixa, nakaloku lifikile, lokuba nichithwe, elowo aye kowabo, nindishiye ndedwa; ukanti andindedwa, ngokuba uBawo unam. Ezi zinto ndizithethile kuni, ukuze nibe noxolo kum. Ehlabathini niya kuba nembandezelo; yomelelani, mna ndiloyisile ihlabathi.
UYOHANE 16:16-33 IBHAYIBHILE (XHO96)
“Kwakufutshanenje anisayi kuba sandibona, kuthi kwakufutshane emva koko niphinde nindibone.” Ke ngoko abanye kubafundi bathi omnye komnye: “Ngaba uthetha ukuthini xa athi kuthi kwakufutshanenje asisayi kuba sambona, kuthi kwakufutshane emva koko siphinde simbone, ekwathi kwayena uyemka esiya kuYise?” Babuzana ke besithi: “Ngaba uthetha ukuthini na xa athi ‘kwakufutshanenje’? Asiyiqondi into ayithethayo.” UYesu wayesazi okokuba bafuna ukumbuza, waza wathi kubo: “Niyabuzana na ngale nto yokuba ndithe kwakufutshane anisayi kuba sandibona, kuthi kwakufutshane emva koko niphinde nindibone? Ndithi kuni, inene, niya kulila nenze isijwili, kodwa ihlabathi lona liya kuvuya. Niya kuxhalaba, kodwa ukuxhalaba kwenu kojika kube luvuyo. Umfazi uba sezintlungwini lakufika ixesha lokuba azale. Kodwa akuba emzele umntwana akabi sazikhumbula ezo ntlungu, kuphela nje uba novuyo kuba kuzelwe umntu ehlabathini. Ngokukwanjalo nani nixhalabile ngoku, kodwa ndophinda ndinibone, nize ke nivuye ngovuyo ekungekho bani unako ukuluhlutha kuni. “Ngaloo mini aniyi kuba sandibuza nto. Ndithi kuni, inene, zonke izinto enithe nazicela kuBawo ngegama lam, woninika. Kude kube ngoku anikaceli nto ngegama lam. Celani ke; niya kuphiwa, luze uvuyo lwenu lugqibelele.” “Ezi zinto ndizithethe kuni ngezafobe, kodwa liyeza ixesha endingayi kuba santsonkotha ngalo; ndiya kuthetha nani ngokucacileyo ngoBawo. Yakufika loo mini, niya kucela ngegama lam. Kungoko ndingatsho ukuthi iya kuba ndim onicelelayo kuBawo. Kaloku uBawo ngokwakhe uyanithanda, kuba nithe nandithanda mna, nakholwa ukuba ndivela kuThixo. Ndaphuma kuBawo, ndeza ehlabathini. Ngoku ke ndiyemka ehlabathini; ndiya kuBawo.” Baza bathi kuye abafundi bakhe: “Uyabona, ngoku uthetha ngokuphandle ungasantsonkothi ngezafobe. Ngoku ke siyaqonda ukuba wena uyazazi zonke izinto. Akusafuneki nganto ukuba ugocagocwe. Ke siyakholwa kukuba wena uvela kuThixo.” Wabaphendula uYesu wathi: “Niyakholwa na ngoku? Niyabona, kuza ixesha, kwaye selifikile, lokuba nichithakale nonke, elowo agoduke, ndize ndisale ndedwa. Noko ke andindedwa, kuba uBawo unam. Ndinixelele ezi zinto ukuze nibe noxolo, kuba nimanyene nam. Ehlabathini niya kubandezeleka; kodwa musani ukuxhalaba, kuba mna ndiloyisile ihlabathi.”
UYOHANE 16:16-33 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Selilixesha elifutshane, ize ningandiboni; kubuye kube lixesha elifutshane, nibuye nindibone, ngokuba mna ndiya kuBawo. Ithe ngoko inxenye yakubafundi bakhe phakathi kwayo, Yintoni na le ayithethayo kuthi, athi, Liselilixesha elifutshane, nibuye ningandiboni; kubuye kube lixesha elifutshane, nibuye nindibone; nokuthi, Mna ndiya kuBawo. Babesithi ngoko, Yintoni na le ayithethayo, athi, Lixesha elifutshane? Asinakuyazi into ayithethayo. Wazi ngoko uYesu ukuba babethanda ukumbuza, wathi kubo, Nibuzana ngale nto na, yokuba ndithe, Selilixesha elifutshane, nibuye ningandiboni; kubuye kube lixesha elifutshane, nibuye nindibone? Inene, inene, ndithi kuni, niya kulila nihlahlambe, ke lona ihlabathi liya kuvuya; niya kuxhalaba nina, ke ukuxhalaba kwenu kuya kuba luvuyo. Umfazi xa aza kuzala, uyaxhalaba, ngokuba ilixa lakhe lifikile; xa athe ke wazala umntwana, akabi sayikhumbula loo mbandezelo, ngenxa yovuyo lokuba kuzelwe umntu ehlabathini. Nani ke ngoko nixhalabile ngokunje; kodwa ndobuya ndinibone; yaye iya kuvuya intliziyo yenu, novuyo lwenu akukho namnye uya kuluhlutha kuni. Ngaloo mini aniyi kundibuza nto. Inene, inene, ndithi kuni, Zonke izinto enithe nazicela kuBawo egameni lam, woninika. Okwangoku anikaceli nto egameni lam; celani, niya kwamkela, ukuze uvuyo lwenu luzaliseke. Ezi zinto ndizithethile kuni ngokuntsonkotha; kuza ilixa endingasayi kuba sathetha kuni ngezafobe; ndiya kunibikela ngokusekuhleni ngaye uBawo. Ngaloo mini niya kucela egameni lam; anditsho kuni ukuthi, mna ndiya kunicelela kuBawo; Kuba uBawo ngokwakhe uyanithanda; ngokuba nina nindithandile, nakholwa ukuba mna ndaphuma kuThixo. Ndaphuma kuBawo, ndeza ehlabathini; ndibuya ndilishiye ihlabathi, ndiye kuBawo. Bathi kuye abafundi bakhe, Uyabona, ngoku uthetha ngokusekuhleni, akuthethi nto ngakuntsonkotha. Ngoku siyazi, ukuba uyazazi zonke izinto, akusafuneki kuwe ukuba ubani akubuze nto; ngaloo nto siyakholwa ukuba waphuma kuThixo. Wawaphendula uYesu wathi, Niyakholwa na ngoku? Niyabona, kuza ilixa, nakaloku lifikile, lokuba nichithwe, elowo aye kowabo, nindishiye ndedwa; ukanti andindedwa, ngokuba uBawo unam. Ezi zinto ndizithethile kuni, ukuze nibe noxolo kum. Ehlabathini niya kuba nembandezelo; kodwa yomelelani; mna ndiloyisile ihlabathi.
UYOHANE 16:16-33 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Lixesha elincinane, nize ningandiboni; lixesha elincinane kanjako, naniya kundibona; ngokuba ndimka ukuya KUBAWO. Bati ngoko inxenye kubadisipile bake omnye kwomnye: Yinto nina le ayitshoyo ukuti: Lixesha elincinane, nize ningandiboni; lixesha elincinane kanjako, naniya kundibona; nokuti: Ngokuba ndimka ukuya KUBAWO? Babesiti ngoko: Yinto nina le ayitshoyo ukuti: Lixesha elincinane? asazi ukuba uteta nto nina. Wazi kekaloku u‐Yesu ukuba bebefuna ukumbuza, waza wati kubo: Niyabuzana ngako oku na, ukuba ndati: Lixesha elincinane, nize ningandiboni; lixesha elincinane kanjako, naniya kundibona? Ngokwenene, ngokwenene, nditi kuni: Niya kulila nikale nina, kodwa ilizwe liya kuvuya; naniya kuba lusizi, koko usizi lwenu luya kwenziwa lube luvuyo. Umfazi okuya azalayo unosizi, ngokuba lifikile ixeshana lake; kodwa okuya amzeleyo umntwana, akasabukumbuli ubunzima, ngenxa yovuyo lwake lwokuba umntu uzalelwe elizweni. Nani ke kambe ninosizi kaloku; kodwa ndiya kunibona kanjako, yaiya kuvuya intliziyo yenu, novuyo lwenu akuko namnye onihluta lona. Ngalomini ke aniyi kundibuza nto. Ngokwenene, ngokwenene, nditi kuni: Oko enisukuba nikucela KUBAWO egameni lam, uya kunipa kona. Kwada kwakaloku anicelanga nto egameni lam: celani, naniya kwamkela, ukuze uvuyo lwenu lube luzalisekile. Ezizinto ndizitetile kuni ngemizekeliso; kodwa ixeshana liyeza, oko ndingayi kuba sateta kuni ngemizekeliso, koko ndiya kushumayela kuni kwa sekuhleni ngaye UBAWO. Ngalomini niya kucela egameni lam: anditsho ke kuni ukuti, ndiya kunitandazela UBAWO: ngokuba UBAWO ngokwake enitanda, kuba nitandile mna, nakolwa ukuba ndapuma KUTIXO. Ndapuma KUBAWO, ndize elizweni ke; kanjako, ndiyalishiya ilizwe, ndiye KUBAWO. Bati kuye abadisipile bake: Kangela, kaloku uyateta kwa sekuhleni, ungasateti ngomzekeliso ke. Kaloku siyazi ukuba uyazazi zonke izinto, ungasweli ukuba ubuzwe mntu kanjalo; ngako oku siyakolwa ukuba wapuma KUTIXO. Wati u‐Yesu ukubapendula: Niyakolwa kaloku nje na? Bona ke, ixeshana liyeza, ewe lifikile ngoku, lokuba niya kuci̔twa, nisiya nonke ngabanye emakayeni enu, niti mna nindishiye ndedwa: andindedwa noko, ngokuba UBAWO enam. Ezizinto ndizitetile kuni, ukuze nibe noxolo kum. Elizweni niya kuba nobunzima; kodwa yomelelani; ndiloyisile ilizwe mna.