Lixesha elincinane, nize ningandiboni; lixesha elincinane kanjako, naniya kundibona; ngokuba ndimka ukuya KUBAWO.
Bati ngoko inxenye kubadisipile bake omnye kwomnye: Yinto nina le ayitshoyo ukuti: Lixesha elincinane, nize ningandiboni; lixesha elincinane kanjako, naniya kundibona; nokuti: Ngokuba ndimka ukuya KUBAWO? Babesiti ngoko: Yinto nina le ayitshoyo ukuti: Lixesha elincinane? asazi ukuba uteta nto nina.
Wazi kekaloku u‐Yesu ukuba bebefuna ukumbuza, waza wati kubo: Niyabuzana ngako oku na, ukuba ndati: Lixesha elincinane, nize ningandiboni; lixesha elincinane kanjako, naniya kundibona? Ngokwenene, ngokwenene, nditi kuni: Niya kulila nikale nina, kodwa ilizwe liya kuvuya; naniya kuba lusizi, koko usizi lwenu luya kwenziwa lube luvuyo. Umfazi okuya azalayo unosizi, ngokuba lifikile ixeshana lake; kodwa okuya amzeleyo umntwana, akasabukumbuli ubunzima, ngenxa yovuyo lwake lwokuba umntu uzalelwe elizweni. Nani ke kambe ninosizi kaloku; kodwa ndiya kunibona kanjako, yaiya kuvuya intliziyo yenu, novuyo lwenu akuko namnye onihluta lona. Ngalomini ke aniyi kundibuza nto. Ngokwenene, ngokwenene, nditi kuni: Oko enisukuba nikucela KUBAWO egameni lam, uya kunipa kona. Kwada kwakaloku anicelanga nto egameni lam: celani, naniya kwamkela, ukuze uvuyo lwenu lube luzalisekile. Ezizinto ndizitetile kuni ngemizekeliso; kodwa ixeshana liyeza, oko ndingayi kuba sateta kuni ngemizekeliso, koko ndiya kushumayela kuni kwa sekuhleni ngaye UBAWO. Ngalomini niya kucela egameni lam: anditsho ke kuni ukuti, ndiya kunitandazela UBAWO: ngokuba UBAWO ngokwake enitanda, kuba nitandile mna, nakolwa ukuba ndapuma KUTIXO. Ndapuma KUBAWO, ndize elizweni ke; kanjako, ndiyalishiya ilizwe, ndiye KUBAWO.
Bati kuye abadisipile bake: Kangela, kaloku uyateta kwa sekuhleni, ungasateti ngomzekeliso ke. Kaloku siyazi ukuba uyazazi zonke izinto, ungasweli ukuba ubuzwe mntu kanjalo; ngako oku siyakolwa ukuba wapuma KUTIXO.
Wati u‐Yesu ukubapendula: Niyakolwa kaloku nje na? Bona ke, ixeshana liyeza, ewe lifikile ngoku, lokuba niya kuci̔twa, nisiya nonke ngabanye emakayeni enu, niti mna nindishiye ndedwa: andindedwa noko, ngokuba UBAWO enam. Ezizinto ndizitetile kuni, ukuze nibe noxolo kum. Elizweni niya kuba nobunzima; kodwa yomelelani; ndiloyisile ilizwe mna.