UYOHANE 16:1-4
UYOHANE 16:1-4 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ezi zinto ndizithethile kuni, ukuze ningakhutyekiswa. Baya kunigxotha esikhungwini; ewe, kuza ilixa lokuba bonke abanibulalayo, babe bona bakhonza uThixo. Ezo zinto baya kuzenza kuni, ngokuba bengamazanga uBawo kwanam. Ezi zinto ndizithethile kuni, ukuze, xa lithe lafika ilixa, nizikhumbule ukuba mna ndandinixelele. Ezi zinto ke andinixelelanga kwasekuqaleni, ngokuba bendinani.

UYOHANE 16:1-4 IBHAYIBHILE (XHO96)
“Ndinixelele ezi zinto ukuze ningahlehli elukholweni. Niya kusikwa *ezindlwini zesikhungo; ewe, kuya kufika ixesha lokuba bonke abanibulalayo bacinge ukuba bakhonza uThixo ngokwenjenjalo. Ezo zinto baya kuzenza kuni, kuba bengamazanga uBawo, bengandazanga nam. Ndinixelela ezi zinto ukuze kuthi, lakufika ixesha lokuba ezi zinto bazenze, nikhumbule okokuba ndandinixelele.” “Ekuqaleni andinixelelanga ezi zinto, kuba bendikunye nani.
UYOHANE 16:1-4 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ezi zinto ndizithethile kuni, ukuze ningakhutyekiswa. Baya kunigxotha esikhungwini; ewe, kuza ilixa lokuba bonke abanibulalayo, babe bona bakhonza uThixo. Ezo zinto baya kuzenza kuni, ngokuba bengamazanga uBawo kwanam. Ezi zinto ndizithethile kuni, ukuze, xa lithe lafika ilixa, nizikhumbule ukuba mna ndandinixelele. Ezi zinto ke andizithethanga kuni kwasekuqaleni, ngokuba bendinani.
UYOHANE 16:1-4 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
EZIZINTO ndizitetile kuni, ukuze ningaxakaniswa. Baya kuniku̔pa ezintlanganisweni; ewe kuyeza ixeshana, lokuba lowo usukuba enibulala woba uyanikela isikonzo KUTIXO. Nezizinto baya kuzenza kuni, ngokuba bengamazanga UBAWO, bengandazanga nam. Koko ezizinto ndizitetile kuni, ukuze niti, okuya ixeshana lifikayo, nizikumbule ukuba ndanixelela zona: kodwa andinixelelanga ezizinto kwa sekuqaleni, ngokuba bendiko nani.