Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

Ivangeli ka‐Johane 16:1-4

Ivangeli ka‐Johane 16:1-4 XHO1902A

EZIZINTO ndizitetile kuni, ukuze ningaxakaniswa. Baya kuniku̔pa ezintlanganisweni; ewe kuyeza ixeshana, lokuba lowo usukuba enibulala woba uyanikela isikonzo KUTIXO. Nezizinto baya kuzenza kuni, ngokuba bengamazanga UBAWO, bengandazanga nam. Koko ezizinto ndizitetile kuni, ukuze niti, okuya ixeshana lifikayo, nizikumbule ukuba ndanixelela zona: kodwa andinixelelanga ezizinto kwa sekuqaleni, ngokuba bendiko nani.