UYOHANE 14:12-17
UYOHANE 14:12-17 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Inene, inene, ndithi kuni, Lowo ukholwayo kum, imisebenzi endiyenzayo mna, uya kuyenza naye yena; nemikhulu kunale uya kuyenza, ngokuba mna ndisiya kuye uBawo. Nento enithe nayicela egameni lam, ndoyenza yona, ukuze uYise azukiswe ngoNyana. Ukuba nithe nacela into ngegama lam, ndoyenza mna. Ukuba niyandithanda, yigcineni imithetho yam. Mna ndiya kucela kuBawo, aze aninike omnye uMthetheleli, ukuze ahlale nani ngonaphakade: uMoya wenyaniso, lowo lingenako ihlabathi ukumamkela, ngokuba lingamboni, lingamazi nokumazi. Nina ke niyamazi; ngokuba uhleli nani, kanjalo uya kuba kuni.
UYOHANE 14:12-17 IBHAYIBHILE (XHO96)
Inene, okholwayo kum uya kuzenza izinto endizenzayo, ade enze nezinkulu kunezi, kuba ndiya kuBawo. Ke ngoko nayiphi na into eniyicela kum ndiya kuyenza, ukuze uYise abonakalise amandla akhe ngoNyana. Nantoni na eniyicela ngegama lam ndiya kuyenza.” “Ukuba niyandithanda noyigcina imiyalelo yam. Wothi ke uBawo, ndakumcela, aninike omnye uMmeli, ukuze ahlale nani ngonaphakade. Lo Mmeli nguMoya wenyaniso, lowo ihlabathi lingenako ukumamkela, kuba lingenako ukumbona, lingamazi nokumazi. Nina ke niyamazi, kuba uhleli nani, eya kuba ngaphakathi kuni.
UYOHANE 14:12-17 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Inene, inene, ndithi kuni, Lowo ukholwayo kum, imisebenzi endiyenzayo mna, uya kuyenza naye yena; nemikhulu kunale uya kuyenza; ngokuba mna ndisiya kuBawo. Nento enithe nayicela egameni lam, ndoyenza yona, ukuze uYise azukiswe ngoNyana. Ukuba nithe nacela into ngegama lam, ndoyenza mna. Ukuba niyandithanda, yigcineni imithetho yam. Mna ndiya kucela kuBawo, aze aninike omnye uMthetheleli, ukuze ahlale nani ngonaphakade. uMoya wenyaniso; lowo ihlabathi lingenako ukumamkela, ngokuba lingamboni, lingamazi nokumazi, ngokuba uhleli nani, kanjalo uya kuba kuni.
UYOHANE 14:12-17 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ngokwenene, ngokwenene, nditi kuni: Okolwayo kum, lomisebenzi endiyenzayo mna uya kuyenza naye; nemikulu kulé uya kuyenza; ngokuba ndimka ukuya KUBAWO. Nento enisukuba niyicela egameni lam, yona le ndiya kuyenza; ukuze UYISE enzelwe ubungcwalisa kuye UNYANA. Xeshekweni into niyicela egameni lam, ndiya kuyenza. Ukuba niyanditanda, gcinani imiyalelo yam. Ndandiya kumtandaza UBAWO, oya kuninika umonwabisi omnye, ukuze ahlale nani kude kube ngunapakade, kwa UMOYA wenyaniso, lowo ilizwe lingemamkele, ngokuba lingamboni, lingamazi nokumazi; kodwa nina niyamazi, ngokuba ehlala kuni, waeya kuba pakati kwenu kanjalo.