Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

uYohane 14:12-17

uYohane 14:12-17 CXB24

Inene, inene, ndithi kuni, Lowo ukholwayo kum, imisebenzi endiyenzayo mna, uya kuyenza naye yena; nemikhulu kunale uya kuyenza; ngokuba mna ndisiya kuBawo. Nento enithe nayicela egameni lam, ndoyenza yona, ukuze uYise azukiswe ngoNyana. Ukuba nithe nacela into ngegama lam, ndoyenza mna. Ukuba niyandithanda, yigcineni imithetho yam. Mna ndiya kucela kuBawo, aze aninike omnye uMthetheleli, ukuze ahlale nani ngonaphakade. uMoya wenyaniso; lowo ihlabathi lingenako ukumamkela, ngokuba lingamboni, lingamazi nokumazi, ngokuba uhleli nani, kanjalo uya kuba kuni.