UYOHANE 12:20-50
UYOHANE 12:20-50 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ke kaloku, kwakukho amaGrike athile kwababenyukile, beze kunqula emthendelekweni. Wona ngoko eza kuFilipu waseBhetesayida yelaseGalili, acela kuye, esithi, Nkosi, singa singabona uYesu. Ufika uFilipu axelele uAndreya; bathi kanjalo ooAndreya noFilipu baxelele uYesu. Wabaphendula ke uYesu esithi, Lifikile ilixa lokuba uNyana woMntu azukiswe. Inene, inene, ndithi kuni, Ukuba ukhozo lwengqolowa oluwe emhlabeni aluthanga lufe, lona luhlala lungabi nto; ke ukuba luthe lwafa, luthwala isiqhamo esininzi. Lowo uwuthandayo umphefumlo wakhe, wolahlekelwa nguwo; lowo uwuthiyayo umphefumlo wakhe kweli hlabathi, wowulondolozela ubomi obungunaphakade. Ukuba ubani uthi andikhonze, makandilandele; apho ndikhona mna, woba khona apho nondikhonzayo; ukuba umntu uthi andikhonze, uBawo wombeka. Kukalokunje umphefumlo wam ukhathazekile, mandithini na? Bawo, ndisindise kweli lixa. Hayi, ndizele khona oku kweli lixa. Bawo, lizukise igama lakho. Kweza ngoko izwi liphuma ezulwini, lisithi, Ndilizukisile, ndiya kubuya ndilizukise. Isihlwele ngoko esasimi seva, sathi, Liyaduduma. Abanye bathi, Kuthethe isithunywa sezulu kuye. Waphendula uYesu wathi, Eli lizwi alibangakho ngenxa yam; libekho ngenxa yenu. Kungoku ukugwetywa kwalo eli hlabathi; kungoku umphathi walo eli hlabathi aya kukhutshelwa phandle. Mna ke, ukuba ndithe ndaphakanyiswa emhlabeni, ndiya kubatsalela bonke kum. (Wayesitsho ke, eqondisa ukuba kukufa kuni na abeza kufa ngako.) Samphendula isihlwele sathi, Thina sivile emthethweni, ukuba uKristu• yena uhlala ngonaphakade; ùtsho ngani na wena ukuthi, UNyana woMntu umelwe kukuthi aphakanyiswe? Úngubani na lo Nyana woMntu? Uthe ngoko uYesu kubo, Liselilifutshane ixesha lokuba ukhanyiso lube nani. Hambani, nisenalo nje ukhanyiso, ukuze ubumnyama bunganiqubuli; lowo uhamba ebumnyameni, akazi apho aya khona. Nisenalo nje ukhanyiso, kholwani kulo ukhanyiso, ukuze nibe ngabokhanyiso. Wazithetha uYesu ezi zinto, wemka, wabazimela. Ke kaloku, nakuba wayenze imiqondiso engaka phambi kwabo, abakholwanga kuye; ukuze ilizwi likaIsaya umprofeti lizaliseke, awalithethayo esithi, Nkosi, ngubani na okholiweyo ludaba lwethu? Nengalo yeNkosi ityhileke kubani na? (UIsaya 53:1) Ngenxa yoku babengenako ukukholwa, ngokuba uIsaya ubuya athi, Úwamfamekisile amehlo abo, Uyiqaqadekisile nentliziyo yabo, Hleze babone ngamehlo, baqiqe ngentliziyo, Bajike, Ndibaphilise. (UIsaya 6:910) Ezi zinto wazithetha uIsaya, oko wabubonayo ubuqaqawuli bakhe, wathetha ngaye. Noko ke nakubo abaphathi into eninzi yakholwa kuye; kodwa ngenxa yabaFarisi yayingavumi ngamlomo, hleze ikhutshwe esikhungwini; kuba babethanda uzuko oluvela ebantwini, ngaphezu kozuko oluvela kuThixo. Ke yena uYesu wadanduluka wathi, Lowo ukholwayo kum, akakholwa kum, ukholwa kulowo wandithumayo. Lowo undibonayo, ubona owandithumayo. Mna, lukhanyiso, ndifikile ehlabathini, ukuze bonke abakholwayo kum bangahlali ebumnyameni. Nokuba umntu uthe weva amazwi la am, àkakholwa, mna andimgwebi; kuba andize kuligweba ihlabathi, ndizé kulisindisa ihlabathi. Lowo undigibayo, angawamkeli amazwi am, unaye omgwebayo; ilizwi endilithethileyo, lilo eliya kumgweba ngomhla wokugqibela. Ngokuba mna andithethanga okuphuma kum; owandithumayo, uBawo ngokwakhe, nguye owandiwisela umthetho wokuba ndithini na, nokuba ndithethe ntoni na. Ndiyazi nokwazi ukuba umthetho wakhe lowo bubomi obungunaphakade. Ngoko izinto endizithethayo mna, njengoko uBawo andixeleleyo, ndenjenjalo ukuzithetha.

UYOHANE 12:20-50 IBHAYIBHILE (XHO96)
Kwakukho namaGrike phakathi kwabo bantu babeye kunqula eJerusalem ngexesha lomsitho *wePasika. Ke wona aya kuFilipu, lowo waseBhetesayida eGalili, acela esithi: “Nkosi, sifuna ukubona uYesu.” UFilipu waya kuxelela uAndreya, baza bahamba bobabini baya kuxelela uYesu. Wabaphendula uYesu wathi: “Lifikile ngoku ixesha lokuba ubungangamsha bakhe *uNyana woLuntu bubonakale. Inene, ukuba ukhozo lwengqolowa aluthanga lufakwe emhlabeni lufe, lohlala lungabi nto; kodwa ukuba luthe lwafa, luvelisa isiqhamo ngakumbi. Lowo ubukokosayo ubomi bakhe, wolahlekelwa bubo; kanti lowo ubuncamayo kweli hlabathi, wohlala enabo kude kube kwelizayo. Lowo usisicaka sam makandilandele, abe kunye nam apho ndikhoyo. Osisicaka sam ke uya kunikwa imbeko nguBawo.” “Intliziyo yam ikhathazekile ngoku. Ndingathini kodwa? Kuthi mandithi: ‘Bawo, ndisindise, ulidlulise kum eli xesha’? Hayi, mandingatsho, kuba kwakungenxa yoku ukuba ndifikelele kweli xesha. Ke ngoko ndithi: ‘Bawo, zibonakalise into oyiyo wena.’ ” Kwavakala ilizwi, liphuma ezulwini, lisithi: “Ndizibonakalisile, ndibe ndisaya kuphinda ndizibonakalise.” Isihlwele sabantu ababemi apho sathi liyaduduma, abanye besithi isithunywa sezulu sithethe naye. Kodwa uYesu wathi kubo: “Eli lizwi alivakalanga ngenxa yam, koko livakale ngenxa yenu. Lithwasile ngoku ixesha lokugwetywa kweli hlabathi; umphathi weli hlabathi uza kukhiqwa ngoku. Mna ke, ndakuba ndithe ndaphakanyiswa ndemka emhlabeni, ndiya kubatsalela kum bonke.” Esitsho nje, wayebaqondisa ngendlela aza kufa ngayo. Isihlwele ke saphendula sathi: “*IziBhalo zithi *uKrestu uya kuhlala nathi kude kube nîni. Ungathini ke wena ukuthi *uNyana woLuntu umelwe kukuphakanyiswa emke? Kakade ngubani yena lo Nyana woLuntu?” Waza uYesu wathi kubo: “Aliselide ixesha ninalo ukhanyiso. Ke ngoko hambani ekukhanyeni, nisenalo nje ukhanyiso, hleze ubumnyama buniqubule, kuba lowo uhamba ebumnyameni akayiqondi indlela ahamba ngayo. Hlalani nithembele kulo ukhanyiso ngoku nisenalo, ukuze nibe ngabantu bokukhanya.” Akuba etshilo uYesu wazimela wemka. Nangona uYesu wayenze imiqondiso engako phambi kwabo, abakholwanga kuye. Le nto yênzeka izalisekisa oko kwathethwayo *ngumshumayeli uIsaya esithi: “Nkosi, ngubani na okholiweyo ludaba lwethu? Amandla eNkosi ngaba atyhileke kubani na?” Abakholwanga ke, njengoko atshoyo nakwenye indawo uIsaya ukuthi: “UThixo ubamfamekisile, ubaqaqadekisile, hleze babone ngamehlo, baqonde ngengqondo: ‘Baze babuyele kum,’ utsho uThixo, ‘ndize ndibaphilise.’ ” UIsaya watsho kuba wabubona ubungangamsha bukaYesu, waza wathetha ngaye. Noko ke into eninzi yeenkokheli zamaJuda yakholwa kuYesu, kodwa ngenxa *yabaFarasi aba bantu abazange bathethe ngaloo nto, hleze basikwe *endlwini yesikhungo. Babexabise kakhulu ukunconywa ngabantu ngaphezu kokunconywa nguThixo. Watsho ngelivakalayo uYesu, wathi: “Lowo ukholwayo kum, akakholwa kum nje kodwa, koko ukholwa nakulowo undithumileyo. Lowo undibonayo mna, ubona nalowo undithumileyo. Mna ndilukhanyiso; ndize ehlabathini ukuze bonke abakholwayo kum bangahlali ebumnyameni. Lowo uwevayo amazwi am, aze angawagcini, akagwetywa ndim. Andizanga kuligweba ihlabathi; ndize kulisindisa. Ukho omgwebayo lowo ungandifuniyo, ongawamkeliyo amazwi am. Ilizwi endilithethileyo lilo eliya kumgweba ngomhla wokugqibela. Kaloku mna andithethanga nto ivela kum; nguBawo ngokwakhe, yena ondithumileyo, ondiyalele okokuba mandithini, ndithethe ntoni na. Ndiyazi ke okokuba lo myalelo wakhe ububomi obungonaphakade. Ke ngoko into endiyithethayo kuphela yileyo uBawo andiyalele ukuba mandiyithethe.”
UYOHANE 12:20-50 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ke kaloku, kwakukho amaGrike athile kwababenyukile, beze kunqula emthendelekweni. Wona ngoko eza kuFilipu waseBhetesayida yelaseGalili, acela kuye, esithi, Nkosi, singa singabona uYesu. Ufika uFilipu axelele uAndreya; bathi kanjalo ooAndreya noFilipu baxelele uYesu. Wabaphendula ke uYesu esithi, Lifikile ilixa lokuba uNyana woMntu azukiswe. Inene, inene, ndithi kuni, Ukuba ukhozo lwengqolowa oluwe emhlabeni aluthanga lufe, lona lona luhlala lungabi nto; ke ukuba luthe lwafa, luthwala isiqhamo esininzi. Lowo uwuthandayo umphefumlo wakhe, wolahlekelwa nguwo; lowo uwuthiyayo umphefumlo wakhe kweli hlabathi, wowulondolozela ubomi obungunaphakade. Ukuba ubani uthi andikhonze, makandilandele; apho ndikhona mna, woba lapho nomkhonzi wam; ukuba ubani uthi andikhonze, wombeka uBawo. Ngoku umphefumlo wam ukhathazekile; ndithini na? Bawo, ndisindise kweli lixa; kungokunje ndizele leli lixa. Bawo, lizukise igama lakho. Kweza ngoko izwi liphuma ezulwini, lisithi, Ndilizukisile, ndiya kubuya ndilizukise. Baye ngoko abantu ababemi khona, bekuva oko, bathi kuyaduduma. Abanye bathi, Kuthethe isithunywa sezulu kuye. Waphendula uYesu wathi, Eli lizwi alibangakho ngenxa yam; libekho ngenxa yenu. Kungoku ukugwetywa kwalo eli hlabathi; kungoku umphathi walo eli hlabathi aya kukhutshelwa phandle. Mna ke, ukuba ndithe ndaphakanyiswa emhlabeni, ndiya kubatsalela bonke kum. Wakutsho ke oku, eqondisa ukuba kukufa kuni na abeza kufa ngako. Samphendula isihlwele sathi, Thina sivile emthethweni, ukuba uKristu yena uhlala ngonaphakade; utsho ngani na wena ukuthi, uNyana woMntu umelwe kukuthi aphakanyiswe? Ungubani na lo Nyana woMntu? Uthe ngoko uYesu kubo, Liselilifutshane ixesha lokuba ukhanyiso lube nani. Hambani nisenokhanyiso, hleze ubumnyama bunifikele; kuba lowo uhamba ebumnyameni akakwazi apho aya khona. Xa nisenokhanyiso, kholwani kulo ukhanyiso, ukuze nibe ngabantwana bokukhanya. Ezi zinto wazithetha uYesu, wemka, wazimela. Ke kaloku, nakuba wayenze imiqondiso engaka phambi kwabo, abakholwanga kuye; ukuze ilizwi likaIsaya umprofeti lizaliseke, awalithethayo esithi, Nkosi, ngubani na okholiweyo ludaba lwethu? Nengalo yeNkosi ityhileke kubani na? Ababa nako ukukholwa ngoko, ngokuba uIsaya ubuya athi, Uwamfamekisile amehlo abo, Uyiqaqadekisile intliziyo yabo; ukuze bangaboni ngamehlo, baqonde ngentliziyo, bajike, ndibaphilise. Ezi zinto wazithetha uIsaya, oko wabubonayo ubuqaqawuli bakhe, wathetha ngaye. Noko ke nakubo abaphathi into eninzi yakholwa kuye; kodwa ngenxa yabaFarisi babengamvumanga, ukuze bangagxothwa esikhungwini; kuba babethanda uzuko oluvela ebantwini, ngaphezu kozuko oluvela kuThixo. Wadanduluka ke uYesu, wathi, Lowo ukholwayo kum, akakholwa kum, ukholwa kulowo wandithumayo. Lowo undibonayo ubona owandithumayo. Mna, lukhanyiso, ndifikile ehlabathini, ukuze bonke abakholwayo kum bangahlali ebumnyameni. Nokuba umntu uthe weva amazwi la am, akakholwa, mna andimgwebi; kuba andize kuligweba ihlabathi, ndize kulisindisa ihlabathi. Lowo undigibayo, angawamkeli amazwi am, unaye omgwebayo; ilizwi endilithethileyo, lilo eliya kumgweba ngomhla wokugqibela. Ngokuba mna andithethanga okuphuma kum; owandithumayo, uBawo ngokwakhe, nguye owandiwisela umthetho wokuba ndithini na, nokuba ndithethe ntoni na. Ndiyazi nokwazi ukuba umthetho wakhe lowo bubomi obungunaphakade. Ngoko ke izinto endizithethayo mna, njengoko uBawo andixeleleyo, ndenjenjalo ukuzithetha.
UYOHANE 12:20-50 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kekaloku bekuko ama‐Girike atile pakati kwabo abebenyuka ukuza kubedesha emtendelekweni: wona la eza ngoko ku‐Filipi, obengowase‐Betesayida e‐Galili, amtandaza, esiti: Nkosi! singa singambona u‐Yesu. Weza u‐Filipi wamxelela u‐Andreya, nakanjako u‐Andreya no‐Filipi bamxelela u‐Yesu. Kodwa u‐Yesu wabapendula, esiti: Lifikile ixeshana lokuba unyana wesintu enzelwe ubungcwalisa. Ngokwenene, ngokwenene, nditi kuni: Xeshekweni ukozo lwenqolowa, lwakuba luwele emhlabeni, lungafi, luhlala lona lulodwa; kodwa xeshekweni lufayo, luvelisa isiqa̔mo ezininzi. Otandayo ubomi bake, buya kumlahleka; notiyayo ubomi bake kwelilizwe, wobugcina kude kube bubomi obungunapakade. Ukuba umntu uyandikonza, makandilandele; nalapo ndikona mna, woba kwa lapo nomkonzi wam: naxeshekweni umntu andikonzayo mna, UBAWO uya kumbeka yena. Kaloku umpefumlo wam ukatazekile; ndize nditi nina? Bawo! ndisindise kwelixeshana: koko kungenxa yoku ndezayo kulo elixeshana: Bawo! lenzele ubungcwalisa igama lako. Kwandula kwavela ilizwi ezulwini, lisiti: Sendilenzele ubungcwalisa, ndobuya ndilenzele ubungcwalisa kanjako. Saye sisiti isihlwele esibe simi kona, saliva: Kududumile. Babesiti abanye: Ingelosi itetile kuye. Wapendula u‐Yesu wati: Akungenxa yam elilizwi liveleyo, kungenxa yenu. Kukaloku ukugwetywa kwelilizwe; kaloku inkosi yelilizwe iya kulahlelwa pandle. Nam, xeshekweni ndipakanyiswa emhlabeni, bonke ndobatsalela kwa kum. Oku ke ebekutsho, eqondisa ukuba kukufa okunina abeza kufa ngako. Sati isihlwele ukumpendula: Tina sivile kuwo umteto, ukuba u‐Kristu uyahlala kude kube ngunapakade; uti nina kanti wena ukuti: Unyana wesintu ufanele ukupakanyiswa? ungubanina lo unyana wesintu? Wati ngoko kubo u‐Yesu: Kuselixesha elincinane ukanyiso lunani; hambani nxa nisenalo ukanyiso, ukuze ubumnyama bunganibaqi: kanjalo ohambayo ebumnyameni akazi ukuba uya pina. Nxa nisenalo ukanyiso, kolwani kulo ukanyiso, ukuze nibe lusapo lwokukanya. Ezizinto waziteta u‐Yesu, waza wemka, wazifihla kubo. Kodwa nakuba ebeyenze imimangaliso emininzi kangaka pambi kwabo, bebengakolwa kuye; ukuze ilizwi lika‐Yisaya umprofite lizaliseke, elo walitshoyo ukuti: YEHOVA! ngubanina okoliweyo yintshumayelo yetu? nengalo KAYEHOVA ityiliwe kubanina? Ngako oko bebekohlwa kukukolwa, ngokokuba u‐Yisaya watsho kanjako ukuti: Uwamfamekisile amehlo abo, wayenza lukuni intliziyo yabo; bangabi babone ngamehlo, baqonde ngentliziyo, baguquke, ndibapilise. Kwatshiwo oku ngu‐Yisaya, akubona ubungcwalisa bake, waza wateta ngaye. Kodwa noko kwa kubo abapati abaninzi bakolwa kuye; koko ngenxa yabafarisi bebengamvumi, ukuze bangaku̔tshwa entlanganisweni: ngokuba bebetanda imbeko yabantu ngapezu kwayo imbeko KATIXO. Kanjalo u‐Yesu wadanduluka wati: Okolwayo kum, akakolwa kum, kukulowo wanditumayo: nobonayo mna, uyabona owanditumayo. Ndize elizweni mna ndilukanyiso, ukuze osukuba ekolwa kum angahlali ebumnyameni. Naxeshekweni umntu evayo amazwi am, angakolwa ke, andimgwebi mna: ngokuba ndingezanga ukuba ndigwebe ilizwe, koko ndize ukuba ndisindise ilizwe. Owalayo mna, angawamkeli namazwi am, unalowo umgwebayo: ilizwi endalitetayo, lilo elo eliya kumgweba ngomhla wokupela. Ngokuba ndingatetanga ngokwam; koko UBAWO owanditumayo, yena wandinika umyalelo wokuba ndoti nina nokuba ndoteta nto nina. Kanjako ndiyazi ukuba umyalelo wake ububomi obungunapakade: oko ngoko endikutetayo, njengokuba UBAWO etshilo kum, ndiyateta kwa njalo.