Ivangeli ka‐Johane 12:20-50

Ivangeli ka‐Johane 12:20-50 XHO1902A

Kekaloku bekuko ama‐Girike atile pakati kwabo abebenyuka ukuza kubedesha emtendelekweni: wona la eza ngoko ku‐Filipi, obengowase‐Betesayida e‐Galili, amtandaza, esiti: Nkosi! singa singambona u‐Yesu. Weza u‐Filipi wamxelela u‐Andreya, nakanjako u‐Andreya no‐Filipi bamxelela u‐Yesu. Kodwa u‐Yesu wabapendula, esiti: Lifikile ixeshana lokuba unyana wesintu enzelwe ubungcwalisa. Ngokwenene, ngokwenene, nditi kuni: Xeshekweni ukozo lwenqolowa, lwakuba luwele emhlabeni, lungafi, luhlala lona lulodwa; kodwa xeshekweni lufayo, luvelisa isiqa̔mo ezininzi. Otandayo ubomi bake, buya kumlahleka; notiyayo ubomi bake kwelilizwe, wobugcina kude kube bubomi obungunapakade. Ukuba umntu uyandikonza, makandilandele; nalapo ndikona mna, woba kwa lapo nomkonzi wam: naxeshekweni umntu andikonzayo mna, UBAWO uya kumbeka yena. Kaloku umpefumlo wam ukatazekile; ndize nditi nina? Bawo! ndisindise kwelixeshana: koko kungenxa yoku ndezayo kulo elixeshana: Bawo! lenzele ubungcwalisa igama lako. Kwandula kwavela ilizwi ezulwini, lisiti: Sendilenzele ubungcwalisa, ndobuya ndilenzele ubungcwalisa kanjako. Saye sisiti isihlwele esibe simi kona, saliva: Kududumile. Babesiti abanye: Ingelosi itetile kuye. Wapendula u‐Yesu wati: Akungenxa yam elilizwi liveleyo, kungenxa yenu. Kukaloku ukugwetywa kwelilizwe; kaloku inkosi yelilizwe iya kulahlelwa pandle. Nam, xeshekweni ndipakanyiswa emhlabeni, bonke ndobatsalela kwa kum. Oku ke ebekutsho, eqondisa ukuba kukufa okunina abeza kufa ngako. Sati isihlwele ukumpendula: Tina sivile kuwo umteto, ukuba u‐Kristu uyahlala kude kube ngunapakade; uti nina kanti wena ukuti: Unyana wesintu ufanele ukupakanyiswa? ungubanina lo unyana wesintu? Wati ngoko kubo u‐Yesu: Kuselixesha elincinane ukanyiso lunani; hambani nxa nisenalo ukanyiso, ukuze ubumnyama bunganibaqi: kanjalo ohambayo ebumnyameni akazi ukuba uya pina. Nxa nisenalo ukanyiso, kolwani kulo ukanyiso, ukuze nibe lusapo lwokukanya. Ezizinto waziteta u‐Yesu, waza wemka, wazifihla kubo. Kodwa nakuba ebeyenze imimangaliso emininzi kangaka pambi kwabo, bebengakolwa kuye; ukuze ilizwi lika‐Yisaya umprofite lizaliseke, elo walitshoyo ukuti: YEHOVA! ngubanina okoliweyo yintshumayelo yetu? nengalo KAYEHOVA ityiliwe kubanina? Ngako oko bebekohlwa kukukolwa, ngokokuba u‐Yisaya watsho kanjako ukuti: Uwamfamekisile amehlo abo, wayenza lukuni intliziyo yabo; bangabi babone ngamehlo, baqonde ngentliziyo, baguquke, ndibapilise. Kwatshiwo oku ngu‐Yisaya, akubona ubungcwalisa bake, waza wateta ngaye. Kodwa noko kwa kubo abapati abaninzi bakolwa kuye; koko ngenxa yabafarisi bebengamvumi, ukuze bangaku̔tshwa entlanganisweni: ngokuba bebetanda imbeko yabantu ngapezu kwayo imbeko KATIXO. Kanjalo u‐Yesu wadanduluka wati: Okolwayo kum, akakolwa kum, kukulowo wanditumayo: nobonayo mna, uyabona owanditumayo. Ndize elizweni mna ndilukanyiso, ukuze osukuba ekolwa kum angahlali ebumnyameni. Naxeshekweni umntu evayo amazwi am, angakolwa ke, andimgwebi mna: ngokuba ndingezanga ukuba ndigwebe ilizwe, koko ndize ukuba ndisindise ilizwe. Owalayo mna, angawamkeli namazwi am, unalowo umgwebayo: ilizwi endalitetayo, lilo elo eliya kumgweba ngomhla wokupela. Ngokuba ndingatetanga ngokwam; koko UBAWO owanditumayo, yena wandinika umyalelo wokuba ndoti nina nokuba ndoteta nto nina. Kanjako ndiyazi ukuba umyalelo wake ububomi obungunapakade: oko ngoko endikutetayo, njengokuba UBAWO etshilo kum, ndiyateta kwa njalo.