UYOHANE 11:1-17
UYOHANE 11:1-17 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ke kaloku, kwaye kusifa umntu othile, uLazaro waseBhetani, umzi wakulooMariya, noMarta udade wabo. Yaye ke inguloo Mariya, wayithambisayo iNkosi ngamafutha aqholiweyo, wazisulayo iinyawo zayo ngeenwele zakhe, omnakwabo uLazaro wayesifa. Bathumela ngoko oodade babo kuye, besithi, Nkosi, uyabona, lowo ùmthandayo uyafa. Evile ke uYesu wathi, Esi sifo asiyelele kufeni; singenxa yozuko lukaThixo, ukuze uNyana kaThixo azukiswe ngaso. Ke uYesu wayebathanda ooMarta nomsakwabo noLazaro. Uthe ngoko akuva ukuba uyafa, wakha okunene wahlala kuloo ndawo abekuyo iintsuku ezimbini. Waza emveni koko wathi kubo abafundi, Masibuye siye kwelakwaYuda. Bathi abafundi kuye, Rabhi,• amaYuda ebefuna ngoku ukukuxuluba ngamatye nje, ùbuya uye khona na? Waphendula uYesu wathi, Àkalishumi elinamabini na amaxa emini? Ukuba umntu uthi ahambe emini, akakhubeki; ngokuba elubona ukhanyiselo lweli hlabathi. Ke ukuba umntu uthi ahambe ebusuku, uyakhubeka; ngokuba ukukhanya kungekho kuye. Wazithetha ezi zinto; aze emveni koko athi kubo, ULazaro, umhlobo wethu, ulele; ndiyaya ukuba ndimvuse. Bathi ngoko abafundi bakhe, Nkosi, ukuba ulele, wósinda. Ke yena uYesu ubethetha ukufa kwakhe. Bona ke bebeba uthetha ngokulala ubuthongo. Wandula ngoku uYesu wathi kubo ngokungafihilisiyo, ULazaro ufile. Ndiyavuya ke ngenxa yenu, ukuba ndibé ndingekho khona, ukuze nikholwe. Noko ke masiye kuye. Uthe ngoko uTomas, okuthiwa nguDidimo, kubafundi kunye naye, Masiye nathi, ukuze sife naye. Efikile ngoko uYesu, wafika eselesengcwabeni iintsuku zoné.
UYOHANE 11:1-17 IBHAYIBHILE (XHO96)
Kwakukho mntu uthile ugulayo, uLazaro. WayengowaseBhetani kuloMariya noMarta oodade wabo. UMariya lo ngulowa wayithambisayo iNkosi ngamafutha aqholiweyo, waza wazisula ngeenwele zakhe iinyawo zayo. Lo Lazaro wayegula wayengumnakwabo. Ke ngoko oodade wabo aba bathumela kuYesu, besithi: “Nkosi, umhlobo wakho uyagula.” Akuyiva loo nto, wathi uYesu: “Oku kugula akuyi kuphelela ekufeni, koko kuya kubonakalisa amandla kaThixo, aze uNyana kaThixo abe nodumo.” Ngoko ke, nangona uYesu wayebathanda ooMarta noMariya noLazaro, wahlala iintsuku zambini kuloo ndawo weva ekuyo ngokugula kukaLazaro. Emva koko wathi kubafundi bakhe: “Masiphinde siye kwelakwaJuda.” Ke ngoko bathi kuye abafundi: “Mfundisi, ebesand' ukufuna ukukugibisela ngamatye nje amaJuda, ungáthini ukubuya uye khona?” Wabaphendula uYesu wathi: “Ilanga liyavela, litshone, anditsho? Ke ukuba umntu uhamba emini, akakhubeki; kuba ukhanyiselwa lukhanyiso lweli hlabathi. Kodwa ukuba uhamba ebusuku, uyakhubeka; kuba akukho kukhanya kumkhanyiselayo.” Akuba etshilo, waqokela wathi: “Umhlobo wethu uLazaro ulele; ndisaya kumvusa.” Baza bathi kuye abafundi: “Nkosi, ukuba ulele, uya kuvuka.” Kanti ke uYesu wayethetha okokuba uLazaro uswelekile, kodwa bona babeba uthetha ukuthi ulele ubuthongo. Ke ngoko wabaxelela ngokuphandle, wathi: “ULazaro ufile; kodwa ngenxa yenu ndiyavuya ngokungabikho kwam khona, ukuze nikholwe. Ngoko ke, masiye kuye.” Ke ngoko uTomas, uWele, wathi kwabanye abafundi: “Masiye nathi, size sife kunye naye.” Kwathi akufika uYesu, wafumana ukuba uLazaro seleneentsuku ezine engcwatyiwe.
UYOHANE 11:1-17 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ke kaloku, kwaye kusifa umntu othile, uLazaro waseBhetani, umzi wakulooMariya, noMarta udade wabo. Yaye ke inguloo Mariya, wayithambisayo iNkosi ngamafutha aqholiweyo, wazisulayo iinyawo zayo ngeenwele zakhe, omnakwabo uLazaro wayesifa. Bathumela ngoko oodade babo kuye, besithi, Nkosi, uyabona, lowo umthandayo uyafa. Evile ke uYesu wathi, Esi sifo asiyelele kufeni; singenxa yozuko lukaThixo, ukuze uNyana kaThixo azukiswe ngaso. Ke uYesu wayebathanda ooMarta nomsakwabo, noLazaro. Uthe ngoko akuva ukuba uyafa, wakha okunene wahlala kuloo ndawo abekuyo iintsuku ezimbini. Waza emveni koko wathi kubafundi bakhe, Masibuye siye kwelakwaYuda. Bathi abafundi bakhe kuye, Rabhi, amaYuda ebefuna ngoku ukukuxuluba ngamatye nje; Ùya kubuya uye khona na? Waphendula uYesu wathi, Akalishumi elinamabini na amaxa emini? Ukuba umntu uthi ahambe emini, akakhubeki; ngokuba elubona ukhanyiselo lweli hlabathi. Kodwa ukuba umntu uthi ahambe ebusuku, uyakhubeka; ngokuba ukukhanya kungekho kuye. Wazithetha ezi zinto; aze emveni koko athi kubo, uLazaro, umhlobo wethu, ulele; ndiyaya ukuba ndimvuse ebuthongweni. Bathi ngoko abafundi bakhe, Nkosi, ukuba ulele, wosinda. Ke yena uYesu ubethetha ukufa kwakhe. Bona ke bebeba uthetha ngokulala ubuthongo. Wandula ngoku uYesu wathi kubo ngokungafihilisiyo, uLazaro ufile. Ndiyavuya ke ngenxa yenu, ukuba ndibe ndingekho khona, ukuze nikholwe, masiye kuye noko. Uthe ngoko uTomas, okuthiwa nguDidimo, kubafundi kunye naye, Masiye nathi, ukuze sife naye. Efikile ngoko uYesu, wafika eselesengcwabeni iintsuku zone.
UYOHANE 11:1-17 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
KEKALOKU bekuko umntu otile obesifa, u‐Lazarusi, owase‐Betaniya, owakuwo umzi ka‐Mariya no‐Marita udade wake. Wayengulowa‐Mariya owayitambisayo INKOSI ngamafuta mnandi, wazisula inyawo zayo ngenwele zake, omninawe u‐Lazarusi ubesifa. Batuma ngoko odade bake kuyo, besiti: Nkosi! kangela, lowo umtandayo uyafa. Kodwa u‐Yesu akuva oko wati: Esisifo asisesokuba kube kukufa, singenxa yobungcwalisa BUKATIXO, ukuze unyana KATIXO enzelwe ubungcwalisa ngaso. Kekaloku u‐Yesu watanda u‐Marita, nodade wake, no‐Lazarusi. Xeshekweni ngoko weva ukuba uyafa, oko ke wahlala kulondawo ubekuyo intsuku zambini. Wandula emveni kwoku wati kubadi̔sipile bake: Masihambe siye e‐Judeya kanjako. Bati kuye abadisipile: Rabi! esand’ ukufuna ama‐Juda ukukugibisela ngamatye nje, ubuye uye kona na? Wati u‐Yesu ukupendula: Akuko iyure ezilishumi linambini emini nye na? Xeshekweni umntu ahamba emini, akaku̔beki, kuba ukukanya kwelizwe eli ekubona: kodwa xeshekweni umntu ahamba ebusuku, uyaku̔beka, kuba ukukanya kungeko kuye. Watsho ke; waza emveni kwoku wati kubo: Umhlobo wetu u‐Lazarusi ulele; koko ndiya ukuze ndimvuse. Bandula bati abadisipile bake: Nkosi! ukuba ulele, uya kupila. Kodwa u‐Yesu ebetetile ngako ukufa kwake; kanti bona baba uyateta ngako ukulala kwobutongo. Wandula u‐Yesu ngoko wati kubo ekuhleni: u‐Lazarusi ufile; kanjalo ndiyavuya ngenxa yenu ukuba ndibe ndingeko kona, ukuze nikolwe; noko masihambe siye kuye. Wandula u‐Tomasi, o‐kutiwa ngu‐Didimusi, wati kubo abebengabadisipile naye: Masihambe siye nati, ukuze sife kwa naye. Wati ngoko u‐Yesu akufika, wafumana ukuba ebesel’ eko encw̔abeni intsuku zane.