KEKALOKU bekuko umntu otile obesifa, u‐Lazarusi, owase‐Betaniya, owakuwo umzi ka‐Mariya no‐Marita udade wake. Wayengulowa‐Mariya owayitambisayo INKOSI ngamafuta mnandi, wazisula inyawo zayo ngenwele zake, omninawe u‐Lazarusi ubesifa. Batuma ngoko odade bake kuyo, besiti: Nkosi! kangela, lowo umtandayo uyafa. Kodwa u‐Yesu akuva oko wati: Esisifo asisesokuba kube kukufa, singenxa yobungcwalisa BUKATIXO, ukuze unyana KATIXO enzelwe ubungcwalisa ngaso. Kekaloku u‐Yesu watanda u‐Marita, nodade wake, no‐Lazarusi. Xeshekweni ngoko weva ukuba uyafa, oko ke wahlala kulondawo ubekuyo intsuku zambini. Wandula emveni kwoku wati kubadi̔sipile bake: Masihambe siye e‐Judeya kanjako. Bati kuye abadisipile: Rabi! esand’ ukufuna ama‐Juda ukukugibisela ngamatye nje, ubuye uye kona na? Wati u‐Yesu ukupendula: Akuko iyure ezilishumi linambini emini nye na? Xeshekweni umntu ahamba emini, akaku̔beki, kuba ukukanya kwelizwe eli ekubona: kodwa xeshekweni umntu ahamba ebusuku, uyaku̔beka, kuba ukukanya kungeko kuye. Watsho ke; waza emveni kwoku wati kubo: Umhlobo wetu u‐Lazarusi ulele; koko ndiya ukuze ndimvuse. Bandula bati abadisipile bake: Nkosi! ukuba ulele, uya kupila. Kodwa u‐Yesu ebetetile ngako ukufa kwake; kanti bona baba uyateta ngako ukulala kwobutongo. Wandula u‐Yesu ngoko wati kubo ekuhleni: u‐Lazarusi ufile; kanjalo ndiyavuya ngenxa yenu ukuba ndibe ndingeko kona, ukuze nikolwe; noko masihambe siye kuye. Wandula u‐Tomasi, o‐kutiwa ngu‐Didimusi, wati kubo abebengabadisipile naye: Masihambe siye nati, ukuze sife kwa naye. Wati ngoko u‐Yesu akufika, wafumana ukuba ebesel’ eko encw̔abeni intsuku zane.
Funda Ivangeli ka‐Johane 11
Share
Compare All Versions: Ivangeli ka‐Johane 11:1-17
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
I-YouVersion isebenzisa ii cookies ukwenza amava akho abe ngawe. Ngokusebenzisa i-website yethu, uyakwamkela ukusebenzisa kwethu ii cookies njengoko kuchaziwe kuMgaqo-nkqubo wethu
Home
Bible
Plans
Videos