UYOHANE 1:29-51
UYOHANE 1:29-51 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ngengomso uYohane umbona uYesu esiza kuye, athi, Nantso iMvana kaThixo, ethwala isuse isono sehlabathi. Nguye lo ndathi ngaye mna, Emva kwam kuza indoda, esuke yaba phambi kwam; ngokuba yayitanci kum. Bendingayazi nam; le nto ndeza mna, ndibhaptiza ngamanzi, kukuze ibonakalaliswe kuSirayeli. Wangqina uYohane, esithi, Ndimbonile uMoya, esihla njengehobe, ephuma ezulwini, wahlala phezu kwakhe. Bendingamazi nam; owandithumayo ukubhaptiza ngamanzi, nguye owathi kum, Othe wambona uMoya esihla ahlale phezu kwakhe, nguye lowo ubhaptiza ngoMoya oyiNgcwele. Nam ndibonile, ndingqinile, ukuba lo nguye uNyana kaThixo. Ngengomso ubuye wema uYohane nababini kubafundi bakhe; ondelé kuYesu ehamba, uthi, Nantso iMvana kaThixo. Bamva ethetha abafundi ababini, bamlandela uYesu. Ke kaloku ujikile uYesu, ababone belandela, athi kubo, Nifuna ntoni na? Bathi ke bona kuye, Rabhi (oko kukuthi ngentetho evakalayo, mfundisi), uhlala phi na? Athi kubo, Yizani nibone. Beza, babona ke apho ahlala khona; bahlala naye loo mini; laye ke ilixa lingathi leleshumi. YayinguAndreya, umzalwana kaSimon Petros, omnye wabo babini, babeve kuYohane, bamlandela. Yena ufumana kuqala owakhe umzalwana, uSimon, athi kuye, SImfumene uMesiya (oko kukuthi ngentetho evakalayo, uKristu•). Wamsa kuYesu; uthe ke uYesu wondela kuye, wathi, Wena unguSimon, unyana kaYona; kuya kuthiwa unguKefas (oko kukuthi ngentetho evakalayo, ùnguPetros•). Ngengomso uYesu wafuna ukuphuma aye kwelaseGalili; ufumana uFilipu, athi kuye, Ndilandele. Ke kaloku uFilipu ebengowaseBhetesayida, womzi wakuloAndreya noPetros. UFilipu ufumana uNataniyeli, athi kuye, Lowo uMoses wabhala ngaye emthethweni, kwanabaprofeti, simfumene, uYesu unyana kaYosefu, lowo waseNazarete. Wathi uNataniyeli kuye, Inako na into elungileyo ukuphuma eNazarete? Athi uFilipu kuye, Yiza ubone. UYesu wambona uNataniyeli esiza kuye, athi ngaye, Nanko umSirayeli inyaniso, ekungekho nkohliso kuye. Athi uNataniyeli kuye, Undazi ngani na? Waphendula uYesu wathi kuye, Phambi kokuba uFilipu akubize, uphantsi komkhiwane, ndandikubona. Aphendule uNataniyeli athi kuye, Rabhi, wena unguye uNyana kaThixo, wena unguye uKumkani kaSirayeli. Waphendula uYesu wathi kuye, Ngokuba ndithe kuwe, Ndandikubona uphantsi komkhiwane, uyakholwa na? Uya kubona izinto ezingaphezulu kwezo. Athi kuye, Inene, inene, ndithi kuni, Emveni koku niya kulibona izulu livulekile, nezithunywa zikaThixo zinyuka zisihla phezu koNyana woMntu.
UYOHANE 1:29-51 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ngengomso uYohane wabona uYesu esiza kuye, wathi: “Nâlo ixhwane likaThixo lokungxengxezela isono sehlabathi. Nguye lo bendixela yena xa bendisithi: ‘Emva kwam kuza umntu omkhulu kunam, kuba wayekho ndingekabikho mna.’ Nam ngokwam bendingamazi; koko ndize kubhaptiza ngamanzi ngenjongo yokuba ndimazise kubantu bakwaSirayeli.” UYohane wangqina esithi: “Ndibone uMoya oyiNgcwele esihla enjengehobe, evela ezulwini, waza wahlala phezu kwakhe. Ke nam bendingamazi, kodwa lowo wandithumayo ukuba ndibhaptize ngamanzi, nguye owathi kum: ‘Lowo ùbone uMoya esihla phezu kwakhe, ahlale kuye, nguye obhaptiza ngoMoya oyiNgcwele.’ Ke mna, ndikubonile nje oku, ndiyangqina okokuba lo nguye uNyana kaThixo.” Ngengomso uYohane wayelapho kwakhona, enababini kubafundi bakhe. Waza wabona uYesu edlula apho, wathi: “Nâlo ixhwane likaThixo lokungxengxezelela isono.” Abafundi abo bamva esitsho, baza bamlandela uYesu. Akubheka uYesu, wabona ukuba bayamlandela, waza wathi kubo “Ngaba nifuna ntoni na?” Baza bathi kuye: “Mfundisi, uhlala phi na?” Wathi kubo: “Yizani, nibone.” Bahamba kunye naye ke, bayibona indawo awayehlala kuyo, baza bahlala naye loo mini. Ixesha lalimalunga nentsimbi yesine emva kwemini. YayinguAndreya, umntakwabo-Simon Petros, omnye wâbo bafundi babini beva ngoYohane, baza bamlandela uYesu. Kwangoko uAndreya wabona umntakwabo uSimon, wathi kuye: “Simfumene uMesiya.” (Oko kukuthi “*uKrestu.”) Wamsa kuYesu ke; waza uYesu wamjonga, wathi: “Wena unguSimon, unyana kaYohane. Igama lakho loba *nguKefas.” (Oko kukuthi “Lwalwa.”) Ngengomso uYesu wabona ukuba makaye eGalili; waza wadibana noFilipu, wathi kuye: “Ndilandele.” Ke uFilipu wayengowaseBhetesayida, idolophu yakuloAndreya noPetros. UFilipu wadibana noNataniyeli, wathi kuye: “Simbonile lowo uMosis wabhala ngaye *emthethweni, ekwâbhalwa ngaye *nangabashumayeli. NguYesu, unyana kaJosefu waseNazarete.” UNataniyeli wathi kuye: “Uthini! Kungákho nto ilungileyo inokuphuma eNazarete?” UFilipu wathi kuye: “Yiza, uzibonele.” UYesu akumbona uNataniyeli esiza kuye, wathi ngaye: “Ngenene nanko umSirayeli ekungekho nkohliso kuye.” UNataniyeli wathi kuye: “Ùndazela phi na?” UYesu wamphendula wathi: “Wena ndakubona usephantsi komkhiwane, engekakubizi uFilipu.” UNataniyeli wamphendula wathi: “Mfundisi, inene unguNyana kaThixo; unguKumkani wakwaSirayeli.” UYesu wathi kuye: “Ùkholwa ngokuba ndithe kuwe ndikuboné uphantsi komkhiwane? Uya kubona izinto ezingaphezulu lee kunezi.” Wahambisa wathi kuye: “Ndithi kuni, inene, niya kulibona izulu livulekile, nezithunywa zikaThixo zinyuka zisihla phezu kwakhe *uNyana woLuntu.”
UYOHANE 1:29-51 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ngengomso uYohane umbona uYesu esiza kuye, athi, Nantso iMvana kaThixo, ethwala isuse isono sehlabathi. Nguye lo ndathi ngaye mna, Emva kwam kuza indoda, esuke yaba phambi, kwam; ngokuba yayitanci kum. Ke nam bendingamazi; le nto ndeza mna, ndibhaptiza ngamanzi, kukuze ibonakalaliswe kuSirayeli. uYohane wangqina, esithi, Ndimbonile uMoya, esihla njengehobe, ephuma ezulwini, wahlala phezu kwakhe. Ke nam bendingamazi, kodwa lowo wandithumayo ukuba ndibhaptize ngamanzi, nguye owathi kum: ‘Lowo ùbone uMoya esihla phezu kwakhe, ahlale kuye, nguye obhaptiza ngoMoya oyiNgcwele.’ Nam ndibonile, ndingqinile, ukuba lo nguye uNyana kaThixo. Ngengomso ubuye wema uYohane nababini kubafundi bakhe; ondele kuYesu ehamba, uthi, Nantso iMvana kaThixo. Bamva ethetha abafundi ababini, bamlandela uYesu. Ke kaloku ujikile uYesu, ababone belandela, athi kubo, Nifuna ntoni na? Bathi ke bona kuye, Rabhi (oko kukuthi ngentetho evakalayo, Mfundisi), uhlala phi na? Athi kubo, Yizani nibone. Beza, babona ke apho ahlala khona; bahlala naye loo mini; YayinguAndreya, umntakwabo-Simon Petros, omnye wâbo bafundi babini beva ngoYohane, baza bamlandela uYesu. Yena ufumana kuqala owakhe umzalwana, uSimon, athi kuye, Simfumene uMesiya (oko kukuthi ngentetho evakalayo, uKristu). Wamsa kuYesu; uthe ke uYesu wondela kuye, wathi, Wena unguSimon, unyana kaYona; kuya kuthiwa unguKefas, oko kukuthi ngentetho evakalayo, unguKefas. Ngengomso uYesu wafuna ukuphuma aye kwelaseGalili; ufumana uFilipu, athi kuye, Ndilandele. Ke uFilipu ebengowaseBhetesayida, idolophu yakuloAndreya noPetros. uFilipu ufumana uNataniyeli, athi kuye, Lowo uMoses wabhala ngaye emthethweni, kwanabaprofeti, simfumene, uYesu unyana kaYosefu, lowo waseNazarete. Wathi uNataniyeli kuye, Inako na into elungileyo ukuphuma eNazarete? Athi uFilipu kuye, Yiza ubone. uYesu wambona uNataniyeli esiza kuye, athi ngaye, Nanko umSirayeli inyaniso, ekungekho nkohliso kuye. Athi uNataniyeli kuye, Undazi ngantoni na? Waphendula uYesu wathi kuye, Phambi kokuba uFilipu akubize, uphantsi komkhiwane, ndandikubona. Aphendule uNataniyeli athi kuye, Rabhi, wena unguye uNyana kaThixo; wena unguye uKumkani wakwaSirayeli. Waphendula uYesu wathi kuye, Ngokuba ndithe kuwe, Ndandikubona uphantsi komkhiwane, uyakholwa na? uya kubona izinto ezinkulu kunezi. Athi kuye, Inene, inene, ndithi kuni, Emveni koku niya kulibona izulu livulekile, nezithunywa zikaThixo zinyuka zisihla phezu koNyana woMntu.
UYOHANE 1:29-51 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ngomhla olandelayo u‐Johane wambona u‐Yesu esiza kuye, wati: Kangela imvana KATIXO, esusayo isono selizwe! Nguye lo endati ngaye: Kuza emva kwam umntu, oze kuba pambili kum; ngokuba ebeko ndingekabiko mna. Ndaye ndingamazi ke: koko ukuze abonakaliswe ko‐Sirayeli, kukona ndezayo mna ndibapitizesha ngamanzi. Waza wanqi̔na u‐Johane, esiti: Ndibonile UMOYA esihla njengehobe ezulwini, waza wahlala pezu kwake. Ndaye ndingamazi ke: koko lowo wanditumayo ukuba ndibapitizeshe ngamanzi, oyena wati kum: Lowo usukuba ubona UMOYA esihla ehlala pezu kwake, nguye lo obapitizesha NGOMOYA OYINGCWELE. Ndibonile ke, ndinqi̔nile kanjalo ukuba lo unguye unyana KATIXO. Kanjako ngomhla olandelayo ebemi u‐Johane, kwa nababini kubadisipile bake. Waza emkangele u‐Yesu ehamba wati: Kangela imvana KATIXO! Bati abobadisipile ababini bamva eteta, bamlandela u‐Yesu. Wajika ke u‐Yesu, wababona belandela, wati kubo: Nifuna nto nina? Bati bona kuye: Rabi! (oko kukuti ngokukunyushwa, Mfundisi!) uhlala pina? Wati kubo: Yizani nibone. Beza babona apo ahlala kona, bahlala kuye imini leyo; yabiyiyure yanga yeyeshumi. Ebengu‐Andreya umninawe ka‐Simone Petrosi, omnye kwabo babini ababevile ku‐Johane ngo‐Yesu, bamlandela. Wati yena lo kuqala wafumana umkuluwe wake u‐Simone, wati kuye: Simfumene u‐Mesiya: (okukuti ngokukunyushwa, u‐Kristu.) Waza wamzisa ku‐Yesu. Wati u‐Yesu emkangele ke: Wena ungu‐Simone, unyana ka‐Jona; uya kubizwa ngo‐Kefasi; (okuti ukukunyushwa ngo‐Petrosi.) Ngomhla olandelayo wanga u‐Yesu angemka ukuya e‐Galili: waza wafumana u‐Filipi, wati kuye: Ndilandele. Kekaloku u‐Filipi ebengowase‐Betesayida, kwisixeko sika‐Andreya no‐Petrosi. U‐Filipi wafumana u‐Natanayeli, wati kuye: Lowo kwaba̔lwa ngaye ngu‐Mosesi emtetweni nangabaprofite, simfumene, u‐Yesu unyana ka‐Josefe, owase‐Nazarete. Waza u‐Natanayeli wati kuye: Kungavela e‐Nazarete into elungileyo yinina? Wati u‐Filipi kuye: Yiza ubone. U‐Yesu wambona u‐Natanayeli esiza kuye, wati ngaye: Nanku um‐Sirayeli ngenyaniso, ekungeko nkohliso kuye! Wati u‐Natanayeli kuye: Uzuze pina ukundazi kwako? Wapendula u‐Yesu wati kuye: Engekakubizi u‐Filipi, wakuba ubungapantsikwomkiwane, ndakubona. Wapendula u‐Natanayeli wati kuye: Rabi! unguye unyana KATIXO, unguye ukumkani wo‐Sirayeli. Wapendula u‐Yesu wati kuye: Ngokokuba ndati kuwe, ndakubona ngapantsi kwomkiwane, uyakolwa na? uya kubona izinto ezinkulu kwezi. Waza wati kuye; Ngokwenene, ngokwenene, nditi kuwe: Emveni kwoku niya kubona izulu livulekile, nengelosi ZIKATIXO zinyuka zisihla nokuhla pezu kwonyana wesintu.