UYEREMIYA 44:16-17
UYEREMIYA 44:16-17 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ilizwi elo ulithethileyo kuthi egameni likaYehova, asiyi kukuphulaphula ngalo. Inene, siya kuwenza onke amazwi aphumileyo emlonyeni wethu, okuqhumisela kukumkanikazi wezulu, simthulùlele iminikelo ethululwayo, njengoko sakwenzayo, thina noobawo, ookumkani bethu nabathetheli bethu, emizini yakwaYuda, nasezitratweni zaseYerusalem; sahlútha ke sisonka, salunga, asabona bubi.
UYEREMIYA 44:16-17 IBHAYIBHILE (XHO96)
“Asiyi kuwuphulaphula lo myalelo wakho owuthethe egameni *likaNdikhoyo. Thina siza kuthi rhoqo ukuzalisa amadinga ethu, senzele uKumkanikazi weZulu iziqhumiso, simphe neminikelo ethululwayo njengoko sasikade sisenza thina nookhokho bethu nookumkani neziphathamandla zethu sisahlala kwiidolophu zakwaJuda naseJerusalem. Ngoko sasidla ngokuba nokutya kakhulu, sisanela, kungazange kwabakho shwangusha lakha lasithi cha.
UYEREMIYA 44:16-17 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ke lona ilizwi enilithethileyo kuthi egameni likaYehova, asiyi kukuphulaphula. Noko ke, yonke into ephuma emlonyeni wethu, siya kuyitshisa ngomsi ukumkanikazi wezulu, sizigalele iziselo zakhe njengoko senjenjalo, thina, noobawo, nookumkani bethu, nabathetheli bethu; izixeko kwaYuda nasezitratweni zaseYerusalem; ngokuba sasinokutya okuninzi ngelo xesha, kwaye sasingcathu, singaboni bubi.
UYEREMIYA 44:16-17 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ilizwi ulitetileyo kuti egameni LIKAYEHOVA, asiyi kupulapula kuwe. Koko siya kukwenza ngenyaniso konke okusukuba kupuma emlonyeni wetu, ukuqu̔misela ukumkanikazi wezulu, nokumtululela iminikelo yokusela, njengokuba senje njalo, tina nobawo betu, okumkani betu nenkosana zetu, ezixekweni zakwa‐Juda, nasezitarateni ze‐Yerusaleme; okuya sibe sihluti sisonka, sibe sinyamnyekile, nelishwa besingaliboni.