U‐Jeremiya 44

44
1Ilizwi elezayo ku‐Jeremiya ngawo onke ama‐Juda abehlala elizweni le‐Jipete, abehlala e‐Migidole, nase‐Tahapanesi, nase‐Nofe, nasezweni le‐Patrose, lisiti: 2Utsho uyehova wemikosi, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Nibonile lonke ilishwa endilizisileyo pezu kwe‐Yerusaleme, napezu kwazo zonke izixeko zakwa‐Juda; kekaloku bona ke, ziyingcitakalo namhla nje, kungeko ohlala kuzo; 3ngenxa yenkohlakalo yabo abayenzileyo ukundiqumbisa, ngokuya ukuqu̔misa, nokukonza otixo bambi, abo abangabazanga, bona, nani, noyihlo benu. 4Ndandituma kuni zonke izicaka zam abaprofite, ndivuka kusasa ndizituma, ndisiti: Zeningayenzi ke lento ebuntshontsho endiyitiyayo. 5Abapulapulanga noko, abatobelanga indlebe yabo kanjalo, ukuguquka kuyo inkohlakalo yabo, ukuba bangaqu̔miseli otixo bambi. 6Ngako batululwa ubuṙalaṙume bam nengqumbo yam, obatshayo ezixekweni zakwa‐Juda nasezitarateni ze‐Yerusaleme, zada zaba yingcitakalo nentshabalalo, njengokwanamhla nje.
7Ngako kaloku, utsho uyehova, utixo wemikosi, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Kunganina ukuba niyenza inkohlakalo enkulu kangaka ngakuyo imipefumlo yenu, ukuba ninqanyulwe, indoda nomfazi, umntwana nosana, pakati kwo‐Juda, nide ningashiyelwa isisalela; 8ngokundiqumbisa ngemisebenzi yezandla zenu, ngokuqu̔misela otixo bambi elizweni le‐Jipete, apo nize ukupambukela kona, ukuze ninqanyulwe, nokuze nibe sisiqalekiswa nesigxekwa pakati kwezizwe zonke zomhlaba? 9Senilibele na izikohlakalo zoyihlo benu, nezikohlakalo zokumkani bo‐Juda, nezikohlakalo zabafazi babo, nezenu izikohlakalo, nezikohlakalo zabafazi benu, ezona bazenzileyo elizweni lakwa‐Juda, nasezitarateni ze‐Yerusaleme? 10Abagqobokanga kwada kwanamhla nje, aboyikanga nokwoyika, abahambanga emtetweni wam kanjako, nasemimisweni yam, endandiyibeka pambi kwenu, napambi kwoyihlo benu.
11Ngako oko, utsho uyehova wemikosi, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Bona ke, ndiya kubeka ubuso bam ngakuni kube kokubi, nokuba ndibanqamle o‐Juda bonke. 12Ewe, ndiya kutabata isisalela so‐Juda, abo babubekisile ubuso babo ukuza elizweni le‐Jipete ukupambukela kona, babeya kugqitywa bonke; elizweni le‐Jipete baya kuwa ngesiṙele, baya kugqitywa ngendlala, kwa kuye omncinane kude kube kuye omkulu; ngesiṙele nangendlala baya kufa; babeya kuba yinto yokunywebelelwa, neyokutelwa nqa, nesiqalekiswa, nesigxekwa. 13Ngokuba ndiya kubabeta abo bahleli elizweni le‐Jipete, njengokuba ndiyibetile i‐Yerusaleme, ngesiṙele, nangendlala, nangesifo esibubisayo: 14kude kungabiko osindileyo noseleyo kwisisalela so‐Juda, abazileyo ukupambukela kona elizweni le‐Jipete, abaya kubuyela kulo ilizwe lakwa‐Juda, elo balangazelelayo ukubuyela kulo, ukuba bahlale kona; ngokuba bengayi kubuya, kupela ngabasindayo.
15Aza onke omadoda abesazi ukuba abafazi bawo baqu̔misele otixo bambi, nabo bonke abafazi abebemi ngakona, umhlambi omkulu, nabo bonke abantu abebehlala elizweni le‐Jipete, e‐Patrose, bampendula u‐Jeremiya, besiti: 16Ilizwi ulitetileyo kuti egameni likayehova, asiyi kupulapula kuwe. 17Koko siya kukwenza ngenyaniso konke okusukuba kupuma emlonyeni wetu, ukuqu̔misela ukumkanikazi wezulu, nokumtululela iminikelo yokusela, njengokuba senje njalo, tina nobawo betu, okumkani betu nenkosana zetu, ezixekweni zakwa‐Juda, nasezitarateni ze‐Yerusaleme; okuya sibe sihluti sisonka, sibe sinyamnyekile, nelishwa besingaliboni. 18Kodwa kuseloko sayekayo ukuqu̔misela ukumkanikazi wezulu, nokumtululela iminikelo yokusela, siswele izinto zonke, sigqityiwe ngesiṙele nangendlala. 19Naxeshekweni sibe siqu̔misela ukumkanikazi wezulu, samtululela iminikelo yokusela, bekungapandle kwamadoda etu na, ukuba samenzela izonkanyana ukumbedesha, nokuba samtululela iminikelo yokusela?
20Waza wateta u‐Jeremiya kubo bonke abantu, kuwo amadoda, nakubo abafazi, nakubo bonke abantu abebempendule ngelizwi elo, esiti: 21Isiqu̔miso enanisiqu̔misa ezixekweni zakwa‐Juda, nasezitarateni ze‐Yerusaleme, nina noyihlo benu, okumkani benu nenkosana zenu, nabantu belizwe, asi siso na esikunjulweyo nguyehova, nesangenayo entliziyweni yake? 22Waye uyehova wayengasenako ukunyamezela inkohlakalo yezenzo zenu, izinto ezibuntshontsho enazenzayo; ngako ilizwe lenu laba yingcitakalo, nento yokutelwa nqa, nesiqalekiswa, lingenabemi, njengokwanamhla nje. 23Ngenxa yokuba niqu̔misile, nokuba nonile ngakuye uyehova, ningalivanga ilizwi likayehova, ningahambanga nokuhamba emtetweni wake, nasemimisweni yake, nasezinqi̔nelweni zake, kukona nihlelwe lilishwa eli, njengokwanamhla nje.
24Walekela u‐Jeremiya wati kubo bonke abantu, nakubo bonke abafazi: Yivani ilizwi likayehova, nonke nina bo‐Juda abaselizweni le‐Jipete! 25Utsho uyehova wemikosi, utixo wo‐Sirayeli, esiti: Nina, nabafazi benu, senitetile ngemilomo yenu, nazalisekisa ngezandla zenu, nisiti: Siya kufeza ngenyaniso izibambiso zetu esibambisile ngazo, zokuqu̔misela ukumkanikazi wezulu, nokumtululela iminikelo yokusela; izibambiso zenu baya kuziqinisa ngenyaniso, ewe, izibambiso zenu baya kuzifeza ngenyaniso. 26Ngako oko yivani ilizwi likayehova, nonke nina bo‐Juda abahleli ezweni le‐Jipete! Bona ke, ndifungile igama lam elikulu, utsho uyehova, ukuba igama lam aliyi kubuya libizwe ngumlomo wenye indoda yakwa‐Juda, kulo lonke ilizwe le‐Jipete, isiti: Ihleli nje inkosi e nguyehova! 27Bona ke, ndiya kulinda pezu kwabo kube kokubi, kungabi kokulungileyo; aye onke amadoda akwa‐Juda aselizweni le‐Jipete eya kugqitywa ngesiṙele nangendlala, ade apeliswe. 28Kodwa abasindileyo kwisiṙele baya kubuya elizweni le‐Jipete baye elizweni lakwa‐Juda, bebancinane inani labo; baze bonke abesisalela so‐Juda, abangenileyo e‐Jipete ukuza kupambukela kona, bazi lelikabanina ilizwi eliya kuma, elam, elabo kusinina.
29Nguwo lo oya kuba ngumqondiso kuni, utsho uyehova, wokuba ndiya kunibeta kulendawo, ukuze nikwazi okokuba amazwi am aya kunimela ngokwenyaniso kube kokubi: 30Utsho uyehova ukuti: Bona ke, ndiya kunikela u‐Faro Hofera, ukumkani we‐Jipete, esandleni sentshaba zake, nesesandleni sabo ababufunayo ubomi bake, njengokuba ndanikela u‐Zedekiya ukumkani wo‐Juda, esandleni sika‐Nebukanetsare ukumkani we‐Babilone, utshaba lwake, nowafuna ubomi bake.

Currently Selected:

U‐Jeremiya 44: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena