UYEREMIYA 42:1-12
UYEREMIYA 42:1-12 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Basondela bonke abathetheli bezimpi: ooYohanan unyana kaKareha, noYezaniya unyana kaHoshaya, nabantu bonke, bethabathela komncinane base komkhulu. Bathi kuYeremiya umprofeti, Ukutarhuzisa kwethu makhe kuwe phambi kwakho, usithandazele kuYehova uThixo wakho, uthandazele la masalela onke; ngokuba sisele sambalwa, besibaninzi, njengoko asibonayo amehlo akho; uYehova uThixo wakho asixelele indlela esingahamba ngayo, nento esingayenzayo. Wathi uYeremiya umprofeti kubo, Ndivile; yabonani, ndiya kuthandaza kuYehova uThixo wenu ngokwamazwi enu; kuthi onke amazwi aniphendule ngawo uYehova, ndinixelele; andiyi kunivimba lizwi. Bathi bona kuYeremiya, UYehova makabe lingqina elinyanisileyo, elithembekayo, ngathi, ukuba asithanga senze ngokwelizwi lonke, awokuthuma lona kuthi uYehova uThixo wakho. Nokuba lilungile, nokuba libi, siya kuliphulaphula ilizwi likaYehova uThixo wethu, esikuthumela kuye; ukuze kulunge kuthi, xa siliphulaphulayo ilizwi likaYehova uThixo wethu. Kwathi ekupheleni kwemihla elishumi, kwafika ilizwi likaYehova kuYeremiya. Wabiza uYohanan unyana kaKareha, nabathetheli bonke bezimpi ababenaye, nabantu bonke, bathabathela komncinane, besa komkhulu. Wathi kubo, Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, enindithumele kuye, ukuba ndiwise ukutarhuzisa kwenu phambi kwakhe, ukuthi, Ukuba nithe nahlala kweli lizwe, ndonakha, ndingànigungxuli; ndonityala, ndingàninyothuli; ngokuba ndiyazohlwaya ngenxa yobubi endibenzileyo kuni. Musani ukumoyika ukumkani waseBhabheli, lowo nimoyikayo; musani ukumoyika, utsho uYehova; ngokuba ndináni, ukuba ndinisindise, ndinihlangule esandleni sakhe. Ndiya kunenzela imfesane, abe nemfesane kuni, anibuyisele emhlabeni wakowenu.
UYEREMIYA 42:1-12 IBHAYIBHILE (XHO96)
Emva koko bonke abaphathi-mabutho kunye noYohanan unyana kaKareya bekunye noYazaniya unyana kaHoshaya nabantu bonke, abancinane nabakhulu, baya kumshumayeli uJeremiya, bafika bathi kuye: “Nceda usamkele isicelo sethu kuwe: Sithandazele *kuNdikhoyo uThixo wakho, ucelele onke la masalela, kuba nawe ngokwakho uyabona ukuba naxa sasibaninzi ngoku sesisele siliqaqobana. Mcele uNdikhoyo uThixo wakho ukuba asityhilele indlela emasihambe ngayo, nento emasiyenze.” Umshumayeli uJeremiya usuke wenjenje ukuthetha nabo: “Ndivile. Ndiza kunithandazela kuNdikhoyo uThixo wenu, ndaye ndiya kunazisa yonke into uNdikhoyo aniphendula ngayo; andiyi kunifihlela nto konke.” Bathi bona kuJeremiya: “UNdikhoyo aze abe lingqina elithembekileyo nelinyanisekileyo, achasane nathi xa singayenziyo yonke into uNdikhoyo uThixo wakho akuthumayo ukuba usixelele. Nokuba limnandi, nokuba libi ilizwi likaNdikhoyo uThixo wethu lo sikuthuma kuye, siya kulithobela, khon' ukuze silungelwe. Ewe, inene, siya kumthobela uNdikhoyo uThixo wethu.” Emva kweentsuku ezilishumi lavakala ilizwi likaNdikhoyo kuJeremiya. Wabiza uYohanan unyana kaKareya kunye nabo bonke abaphathi-mabutho ababenaye, nabantu bonke, abancinci nabakhulu, wathi kubo: “UNdikhoyo uThixo kaSirayeli enindithume ukuze ndisigqithisele kuye isicelo senu, utsho ukuthi: ‘Ukuba nithe nahlala kulo mhlaba, ndiya kunakha ndinganidilizi; ndonityala ndinganincothuli, kuba ndiyazisola ngeshwangusha endinihlisele lona! Ngoko ke musan' ukuba noloyiko ngukumkani waseBhabheli lo nimoyikayo ngoku. Musan' ukumoyika,’ lowo ngumlomo kaNdikhoyo, ‘kuba ndinani, ndiza kunihlangula, nisinde esandleni sakhe. Ndiza kusikwa yimfesane nini, naye ukumkani avelane nani, aniyeke nihlale kulo mhlaba wenu.’
UYEREMIYA 42:1-12 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Beza ke bonke abathetheli bamaqela, ooYohanan unyana kaKareha, noIshaniya unyana kaHoshaya, nabantu bonke, kwathabathela komncinane kwesa komkhulu; Wathi kuYeremiya umprofeti: “Masikholeke kuwe isicelo sethu, usithandazele kuYehova uThixo wakho nangenxa yala masalela onke; (kuba simbalwa kwabaninzi, njengoko asibonayo amehlo akho;) Ukuze uYehova uThixo wakho asibonise indlela esinokuhamba ngayo nento esinokuyenza. Wathi uYeremiya umprofeti kubo, Ndivile; yabonani, ndiya kuthandaza kuYehova uThixo wenu ngokwamazwi enu; nento yonke aya kukuphendula yona uYehova, ndonixelela; Andiyi kukumisa nganto. Bathi bona kuYeremiya, uYehova woba lingqina elinyanisileyo, elithembekayo, ngathi, ukuba asithanga sikwenze konke, awokuthumayo kuthi uYehova uThixo wakho. Nokuba lilungile okanye libi, siya kuliphulaphula ilizwi likaYehova uThixo wethu esikuthumela kuye; ukuze izinto zisihambele kakuhle, ukuba siyaliphulaphula ilizwi likaYehova uThixo wethu. Emva kweentsuku ezilishumi lafika ilizwi likaYehova kuYeremiya. Wabiza uYohanan unyana kaKareha, nabathetheli bonke bamatyala ababenaye, nabantu bonke, kwathabathela komncinane kwesa komkhulu; Wathi kubo, Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, enindithumele kuye, ukuba ndiyise isicelo senu kuye; Ukuba nithe nabuya nahlala kweli lizwe, ndonakha, ndinganigungxuli; ngokuba ndiyazohlwaya ngenxa yobubi endibenzileyo kuni. Musani ukumoyika ukumkani waseBhabheli, enimoyikayo; Musani ukumoyika, utsho uYehova, ngokuba ndinani, ukuba ndinihlangule, ndinisindise esandleni sakhe. Ndiya kuba nenceba kuni, ukuze abe nenceba kuni, anibuyisele ezweni lenu.
UYEREMIYA 42:1-12 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kwaza kwasondela zonke inkosi zezimpi, no‐Johanane unyana ka‐Kareha, no‐Yezaniya unyana ka‐Hoshaya, nabo bonke abantu kwa kuye omncinane kwada kwakuye omkulu, bati ku‐Jeremiya umprofite: Masiti ke isitaṙuziso setu sibekwe pambi kwako, utandaze ngenxa yetu KUYEHOVA, UTIXO wako, ngenxa yaso sonke isisalela esi; (ngokuba sisalisiwe singabancinane kubo abaninzi, njengokuba amehlo ako esibona;) ukuba UYEHOVA, UTIXO wako, asixelele indlela esinge sihamba ngayo, nento esinge siyenza. Waza u‐Jeremiya umprofite wati kubo: Ndivile; bona ke, ndiya kutandaza KUYEHOVA, UTIXO wenu, njengamazwi enu; kwakuya kuti, into asukuba eya kunipendula yona UYEHOVA, ndoyixela kuni; andiyi kubamba nanye into kuni. Baza bati ku‐Jeremiya: UYEHOVA makabe linqi̔na lenene nelenyaniso pakati kwetu, lokuba kwoba njengazo zonke izinto UYEHOVA, UTIXO wako, aya kukutuma kuti ngazo, esiya kwenje njalo! Nokuba kumnandi, nokuba kubi, siya kuliva ilizwi LIKAYEHOVA, UTIXO wetu, esikutumayo kuye; ukuze kulunge kuti, nxa sivayo ilizwi LIKAYEHOVA, UTIXO wetu. Kwaye kute ekupeleni kwemihla ilishumi, landula ilizwi LIKAYEHOVA leza ku‐Jeremiya. Waza wabiza u‐Johanane unyana ka‐Kareha, nazo zonke inkosi zezimpi ezibe zinaye, nabo bonke abantu kwa kuye omncinane kwada kwakuye omkulu, wati kubo: Utsho UYEHOVA, UTIXO wo‐Sirayeli, enandituma kuye ukuya kubeka isitaṙuziso senu ebusweni bake, ukuti: Ukuba niya kumana ukuhlala kwelilizwe, ndiya kwandula ndinake, ndinganiciti; ndinityale, ndinganidonyuli; ngokuba ndinosizi pezu kwelishwa endinenzele lona. Ningamoyiki ukumkani we‐Babilone, enimoyikayo; ningamoyiki, utsho UYEHOVA: ngokuba ndinani mna ukunisindisa, nokunihlangula esandleni sake. Ndandiya kunenzela izibele, aze abe nobubele ngakuni, anibuyisele kowenu umhlaba.