Kwaza kwasondela zonke inkosi zezimpi, no‐Johanane unyana ka‐Kareha, no‐Yezaniya unyana ka‐Hoshaya, nabo bonke abantu kwa kuye omncinane kwada kwakuye omkulu, bati ku‐Jeremiya umprofite: Masiti ke isitaṙuziso setu sibekwe pambi kwako, utandaze ngenxa yetu KUYEHOVA, UTIXO wako, ngenxa yaso sonke isisalela esi; (ngokuba sisalisiwe singabancinane kubo abaninzi, njengokuba amehlo ako esibona;) ukuba UYEHOVA, UTIXO wako, asixelele indlela esinge sihamba ngayo, nento esinge siyenza. Waza u‐Jeremiya umprofite wati kubo: Ndivile; bona ke, ndiya kutandaza KUYEHOVA, UTIXO wenu, njengamazwi enu; kwakuya kuti, into asukuba eya kunipendula yona UYEHOVA, ndoyixela kuni; andiyi kubamba nanye into kuni. Baza bati ku‐Jeremiya: UYEHOVA makabe linqi̔na lenene nelenyaniso pakati kwetu, lokuba kwoba njengazo zonke izinto UYEHOVA, UTIXO wako, aya kukutuma kuti ngazo, esiya kwenje njalo! Nokuba kumnandi, nokuba kubi, siya kuliva ilizwi LIKAYEHOVA, UTIXO wetu, esikutumayo kuye; ukuze kulunge kuti, nxa sivayo ilizwi LIKAYEHOVA, UTIXO wetu.
Kwaye kute ekupeleni kwemihla ilishumi, landula ilizwi LIKAYEHOVA leza ku‐Jeremiya. Waza wabiza u‐Johanane unyana ka‐Kareha, nazo zonke inkosi zezimpi ezibe zinaye, nabo bonke abantu kwa kuye omncinane kwada kwakuye omkulu, wati kubo: Utsho UYEHOVA, UTIXO wo‐Sirayeli, enandituma kuye ukuya kubeka isitaṙuziso senu ebusweni bake, ukuti: Ukuba niya kumana ukuhlala kwelilizwe, ndiya kwandula ndinake, ndinganiciti; ndinityale, ndinganidonyuli; ngokuba ndinosizi pezu kwelishwa endinenzele lona. Ningamoyiki ukumkani we‐Babilone, enimoyikayo; ningamoyiki, utsho UYEHOVA: ngokuba ndinani mna ukunisindisa, nokunihlangula esandleni sake. Ndandiya kunenzela izibele, aze abe nobubele ngakuni, anibuyisele kowenu umhlaba.