UYEREMIYA 31:31-32
UYEREMIYA 31:31-32 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Yabona, kuza imihla, utsho uYehova, endiya kwenza umnqophiso omtsha nendlu kaSirayeli nendlu kaYuda; ungabi njengomnqophiso endawenza noyise ngomhla endababambayo ngesandla, ukuba ndibakhuphe ezweni leYiputa; umnqophiso wam abasuka bawaphula bona, nangani bendiyindoda yabo; utsho uYehova.
UYEREMIYA 31:31-32 IBHAYIBHILE (XHO96)
Nguwo lo umlomo kaNdikhoyo: “Ewe, iyeza imihla yokuba ndenze umnqophiso omtsha nesizwe sakwaSirayeli nesakwaJuda. Lo wona umnqophiso awuyi kufana nalowa ndawenzayo nookhokho babo mhla ndabathi chu ngesandla ndibakhupha eJiputa, mnqophiso lowo bangawugcinanga naxa ndandiyinkosi yabo. ” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
UYEREMIYA 31:31-32 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Yabona, kuza imihla, utsho uYehova, endiya kwenza ngayo umnqophiso omtsha nendlu kaSirayeli; nakwindlu kaYuda; kungekhona ngenxa yomnqophiso endawenzela ooyise, ekubabambeni kwam ngesandla, ukuba ndibakhuphe ezweni laseYiputa; bawaphule umnqophiso wam, ndibe ndiyindoda kubo; utsho uYehova.
UYEREMIYA 31:31-32 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Bona ke, imihla iyeza, utsho UYEHOVA, nxa ndiya kwenzela indlu ka‐Sirayeli, nendlu ka‐Juda, ucebano olutsha: kungenjengalo ucebano endalwenzayo noyise babo, emhleni ndabendibamba isandla sabo, ukuba ndibapumise elizweni le‐Jipete; abati ucebano lwam balwapula, nakuba benditshatile nabo, utsho UYEHOVA