UYEREMIYA 3:13-14
UYEREMIYA 3:13-14 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Búvume kodwa ubugwenxa bakho; ngokuba ukreqile kuYehova uThixo wakho, waziphangalalisa iindlela zakho kwabasemzini, ngaphantsi kwayo yonke imithi eluhlaza; ke ilizwi lam analiphulaphula; utsho uYehova. Buyani, nyana bangamaphamba, utsho uYehova; ngokuba ndinizekile mna. Ndiya kunithabatha abe mnye emzini, babe babini kwimizalwane, ndinizise eZiyon
UYEREMIYA 3:13-14 IBHAYIBHILE (XHO96)
Buvume nje kuphela wena ubugwenxa bakho, ngokuba umvukele uNdikhoyo uThixo wakho, wasuka wazandlalela abasemzini ngaphantsi kwemithi eyokozelayo, awalithobela ilizwi lam.’ Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. “Buyela kum, lusaphondini olukreqayo!” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. “Ndim inkosi yenu. Ndiza kukhetha umntu abe mnye edolophini, babe babini kwisizwe ngasinye, ndinibuyisele kwaseZiyon
UYEREMIYA 3:13-14 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Buvume nje ububi bakho ngenxa yokuba nonile kuYehova uThixo wakho, wazihambisa iindlela zakho kwabasemzini, phantsi kwemithi yonke eluhlaza, analiphulaphula izwi lam; utsho uYehova. Guqukani, nyana bangendawo, utsho uYehova; kuba ndingumtshakazi, yaye ndiya kukuthabatha wedwa esixekweni nababini entsatsheni, ndinizise eZiyon
UYEREMIYA 3:13-14 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Yivume kodwa inkohlakalo yako, okokuba ugqitile ngakuye UYEHOVA, UTIXO wako, nokuba ucitile indlela zako pakati kwabasemzini, ngapantsi kwayo yonke imiti eluhlaza; nelizwi lam anilipulapulanga, utsho UYEHOVA. Buyani, lusapo olupambukileyo! utsho UYEHOVA, ngokuba nditshatile nani; ndandiya kunitabata, emnye kwisixeko, nababini kwisizalwane, ndinizise e‐Ziyone