UYEREMIYA 23:3-4
UYEREMIYA 23:3-4 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kodwa ndiya kubuta isisalela segusha zam kuwo onke amazwe apo endizigxotele kona; ndandiya kuzibuyisela emaṙiweni azo, zaziya kucu̔ma zande. Ndandiya kubamisa pezu kwazo abalusi abaya kuzalusa; aziyi kubuya zoyike, aziyi kwetuswa, aziyi kuba zingeko kanjako, utsho UYEHOVA.
UYEREMIYA 23:3-4 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ndiya kuwabutha mna amasalela omhlambi wam emazweni onke endawagxothela kuwo, ndiwabuyisele emakriweni awo, aqhame, ande; ndiwamisele abalusi bawaluse, angabi soyika, angaqhiphuki umbilini, kungabikho ulahlekayo; utsho uYehova.
UYEREMIYA 23:3-4 IBHAYIBHILE (XHO96)
“Amasalela omhlambi wam ndiya kuwaqokelela emazweni onke endawachitha-chithela kuwo, ndiwabuyisele edlelweni lawo, aqhame ande. Abantu bam ndiza kubanika abelusi abaza kubalondoloza. Abayi kube babe naxhala nalunxunguphalo, kungayi kube sabakho bani ulahlekayo kwakhona.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
UYEREMIYA 23:3-4 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ndiya kuwabutha amasalela omhlambi wam emazweni onke endawachithachithela kuwo, ndiwabuyisele emadlelweni awo; kwaye baya kwanda kwaye bande; ndiwamisele abalusi abaya kuwalusa; yaye abasayi koyika okanye bankwantye, yaye abayi kuswela nto,” utsho uYehova.