EKAYAKOBI 4:1-3
EKAYAKOBI 4:1-3 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Zivela phi na iimfazwe nokulwa phakathi kwenu? Aziveli na apha eziyolweni zenu, eziwaphumela umkhosi amalungu enu? Niyakhanuka, ningabi nakuzuza nto noko; niyabulala, nizonde, ningabi nakufumana nto noko; niyalwa, nenze imfazwe, ningabi nakuzuza nto ke, ngenxa yokuba ningaceli. Niyacela, ningamkeli noko, ngenxa enokuba nicela kakubi, ukuze oko nikuchithele iziyolo zenu.
EKAYAKOBI 4:1-3 IBHAYIBHILE (XHO96)
Yintoni edala iimfazwe neengxabano apha phakathi kwenu? Ngokuqinisekileyo zivela kwiinkanuko zenu ezisoloko zisenza imizabalazo ngaphakathi kwenu. Xa ungazifumani izinto ozifunayo, ukhetha ukubulala; okanye xa ungafezeki umnqweno wakho, uyaxabana ulwe. Kanti ke, ungazifumani nje izinto ozifunayo, kungenxa yokuba awuziceli kuThixo. Noba sowude wathandaza ucela, awuzuzi, kuba kaloku iinjongo zakho zimbi, ufuna nje ukufezekisa iinkanuko zakho.
EKAYAKOBI 4:1-3 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Zivela phi na iimfazwe nokulwa phakathi kwenu? Aziphumi na apha ezinkanukweni zenu, eziwaphumela umkhosi amalungu enu? Niyakhanuka, ningabi nakuzuza nto noko; niyabulala, nizonde, ningabi nakuzuza nto noko; niyalwa, nenze imfazwe, ningabi nakuzuza nto ke, ngenxa yokuba ningaceli. Niyacela, ningamkeli noko, ngenxa enokuba nicela kakubi, ukuze oko nikuchithele iziyolo zenu.
EKAYAKOBI 4:1-3 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
ZIVELA pina imfazwe nembambano pakati kwenu? Aziveli kwa lapa na, kwa seziyolweni zenu ezilwayo pakati kwamalungu enu? Niyakanuka, kanti aninanto; niyabulala, niyazondela nokuzondela, kanti aningezuze; niyabambana nenze imfazwe, kodwa aninanto, ngenxa yokuba ningaceli. Niyacela, ningamkeli ke, ngokuba nicela kakubi, ukuze nici̔tele eziyolweni zenu.