EKAYAKOBI 1:13-15
EKAYAKOBI 1:13-15 IBHAYIBHILE (XHO96)
Makungabikho mntu uthi ulukuhlwe nguThixo xa ahendwayo. UThixo akoyiswa bububi kaloku; yaye akalingi mntu yena. Isilingo sivela ngokuthi umntu alukuhlwe yiminqweno yakhe egwenxa. Loo minqweno yakhe ke iyakhawula, izale isono. Isono ke sona sithi sakuba nentshebe, sizale ukufa.
EKAYAKOBI 1:13-15 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Makungabikho namnye utshoyo akùhendwa ukuthi, Ndihendwa kwaThixo; kuba uThixo akanakuhendeka kokubi, akahendi namnye ke yena. Elowo ke uhendwa akutsalwa, abanjiswe, yeyakhe inkanuko. Ithi inkanuko, yakuba ithabathile, izale isono; sithi ke isono, sakuba sikhulelwe, sizale ukufa.
EKAYAKOBI 1:13-15 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Makungabikho namnye utshoyo akuhendwa ukuthi, Ndihendwa kwaThixo; Elowo ke uhendwa akutsalwa, abanjiswe, yeyakhe inkanuko. Ithi inkanuko, yakuba ithabathile, izale isono; isono, xa sithe safezwa, sivelisa ukufa.
EKAYAKOBI 1:13-15 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Makangatsho umntu akuzingwa ukuti: Ndizingwa NGUTIXO: ngokuba UTIXO engazingeki kokukohlakeleyo; kanjalo yena ngokwake akazingi mntu. Kodwa umntu uyazingwa, akuti akukuliswe yeyake inkanuko, ahendwe. Yandule yona inkanuko nxa ikaulileyo izale isono; siti ke isono sakugqitywa sizale ukufa.