UISAYA 11:1-10
UISAYA 11:1-10 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Kophuma igatya esiphunzini sikaYese, kuqhame ihlumelo ezingcanjini zakhe; ahle ahlale phezu kwalo uMoya kaYehova, umoya wobulumko nowengqondo, umoya wecebo nowobugorha, umoya wokwazi nowokoyika uYehova. Ivumba elithozamisayo kuye likukoyika uYehova, angagwebi ngokokubona kwamehlo akhe, angohlwayi ngokokuva kweendlebe zakhe. Uya kuligweba ityala lezisweli ngobulungisa, abalungiselele abalulamileyo behlabathi ngokuthe tye, alibethe ihlabathi ngentonga yomlomo wakhe, ambulale ongendawo ngomoya wemilebe yomlomo wakhe. Yoba bubulungisa iqamesi lesinqe sakhe, ibe yintembeko iqamesi lamanqe akhe. Ingcuka iya kuhlala nemvana, ingwe ibuthe netakane lebhokhwe; kubuthe ndawonye ithole lenkomo, nengonyama entsha, nenkomo etyetyisiweyo; nomntwana aziqhube ezo zinto. Ithokazi lenkomo nemazi yebhere• ziya kudla utyani ndawonye, amankonyana azo abuthe ndaweni-nye; ingonyama idle umququ njengenkomo; adlale umntwana owanyayo emngxunyeni wephimpi, olunyulweyo ase isandla sakhe elukhozweni lweliso lerhamba. Ezo zinto aziyi kwenza bubi, aziyi konakalisa ezintabeni zam zonke ezingcwele; ngokuba ilizwe liya kuzala kukwazi uYehova, njengamanzi egubungele ulwandle. Kuya kuthi ngaloo mini, ihlumelo likaYese, elimelé ukuba yibhanile• yezizwe, iintlanga ziquqele kulo; nendafo yokuphumla kwalo ibe bubuqaqawuli.

UISAYA 11:1-10 IBHAYIBHILE (XHO96)
Kwisiphunzi sikaJese kuya kuntshula ihlumelo; kumnombo wakhe kosuka kuthi thaphu isebe. Elo sebe ke lothwala iziqhamo. UMoya *kaNdikhoyo uya kubutha kuye, amambathise ngobulumko nokuqonda, atsho abe ligorha elimacebo, abe nokumazi amhlonele uNdikhoyo. Uya kukulangazelela ukuthobela uNdikhoyo; umfo ongagwebi ngembonakalo, umfo ongenguye uthoba-sikutyele. Uya kuyilungelelanisa imicimbi yabahlelelekileyo; abazelelele abaxakekileyo kulo mhlaba. Uya kuthetha ngezwi, lohlwaywe eli lizwe, afuthe batsho bagileke abakhohlakeleyo. Yena uya kubhinqa ngobulungisa, aze azithandele ngokunyaniseka. Itakane legusha lobutha ndawonye nengcuka, itakane lebhokhwe liphumle kunye nehlosi. Amathole eenkomo naweengonyama aya kuvana; ewe, wona aya kwaluswa nangumntwana. Edlelweni kodibana imaz' enkomo neyebhere, aze amathole azo ahlalisane ngoxolo, njengenkomo ingonyama nayo itye ingca. Nosana lodlala emngxunyeni wephimpi, umntwana ufike exhokonxa irhamba. EZiyon, intaba ekhethekileyo, akusayi kubakho owonayo notshabalalisayo; njengolwandle lwambathiswe ngamanzi, ehlabathini uNdikhoyo uya kwaziwa jikelele. Ke kaloku ngaloo mihla lowo ungumnombo kaJese uya kuba yimbasa yezizwe. Zona ziya kuqokelelana kuye komkhulu, lize ibhotwe lakhe libe nendili.
UISAYA 11:1-10 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Kuya kuphuma intonga kwindlu kaYese, kuhlume ihlumelo ezingcanjini zakhe; Wohlala phezu kwakhe uMoya kaYehova, umoya wobulumko nowokuqonda, umoya womnqweno nowamandla, umoya wokwazi nowokoyika uYehova; Womdlisa ubomi ngentliziyo ephilileyo, esoyika uYehova; angagwebi ngokubona kwamehlo akhe, engayi kukhalimela ngokuva kweendlebe zakhe. Uya kuligweba ityala lehlwempu ngobulungisa, abakhalimele abalulamileyo behlabathi ngokuthe tye; uya kuwubetha umhlaba ngentonga yomlomo wakhe, ababulale ongendawo ngomoya womlomo wakhe. Ubulungisa buya kuba ngumbhinqo esinqeni sakhe, nokuthembeka kube ngumbhinqo wamanqe akhe. Ingcuka iya kuhlala nemvana, ingwe netakane lebhokhwe; laye ithole, nethole, nenkomo, yatyetyiswa kunye; nomntwana uya kuzikhokela. Ithokazi lenkomo nebhere ziya kudla utyani; amathole azo abuthe ndaweni-nye, ingonyama idle utyani njengenkomo. Kwaye umama oncancisayo uya kudlala emanzini benyoka, nomntwana olunyulweyo afake isandla sakhe kuloo nto imanzi. Aziyi kwenzakalisa okanye ziyonakalisa intaba yam engcwele iphela, ngenxa yokuba umhlaba uya kuzala kukwazi uYehova njengamanzi egubungele ulwandle. Ngaloo mini kuya kubakho indoda yakwaYese, eya kuma njengoqhwithela lwabantu; Emveni koko ziya kufuna iintlanga, yaye ukuphumla kwakhe kuya kuba nobuqaqawuli.
UISAYA 11:1-10 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
KOKO kuya kupuma ihlumelo esipunzini sika‐Jese, negatya liya kuhluma ezingcanjeni zake. Umoya KAYEHOVA wopumla pezu kwake, umoya wobulumko nengqondo, umoya wobucebo namandla, umoya wokumazi nokumoyika UYEHOVA. Waeya kuqiqa msinya okwokwoyikwa KUKAYEHOVA; akayi kugweba ngokubona kwamehlo, akayi kwaba ngokuva kwendlebe kanjako: koko eya kugwebela amahlwempu ngobulungisa, abele abalulamileyo bomhlaba ngolungelelaniso; uya kubeta umhlaba ngoswazi lwomlomo wake, nangomoya womlomo wake wobubisa okohlakeleyo. Ubulungisa boba ngumbinqo wesinqe sake, nenyaniso yoba ngumbinqo wezintso zake. Yandule incu̔ka ihlale nemvana, nengwe ilale pantsi nebokwana; itole nengonyamana nenkatyana etyetyisiweyo zoba ndawonye; nomntwana omncinane wozikokela. Imazi entsha neberekazi zodlelana; inkonyana zazo zoti butu ndawonye; nengonyama iya kutya inca njengenkomo. Usana luya kudlala emnxunyeni weṙamba, nomntwana olunyulweyo wobeka isandla sake pezu kwentunja yebasiliske. Akuyi kupatwa kakubi, akuyi kubujiswa kanjako, kuyo yonke intaba yam eyingcwele; ngokuba umhlaba uya kuzala kukwaziwa KUKAYEHOVA, njengokuba amanzi egubungela ulwandle. Kwakuya kuti ngomhla lowo, ingcambo ka‐Jese, eya kuma ibe yibanile yezizwe, kwa kuyo yona abaheyideni baya kufuna; nendawo yokupumla kwayo yoba ’bungcwalisa.