KOKO kuya kupuma ihlumelo esipunzini sika‐Jese, negatya liya kuhluma ezingcanjeni zake. Umoya KAYEHOVA wopumla pezu kwake, umoya wobulumko nengqondo, umoya wobucebo namandla, umoya wokumazi nokumoyika UYEHOVA. Waeya kuqiqa msinya okwokwoyikwa KUKAYEHOVA; akayi kugweba ngokubona kwamehlo, akayi kwaba ngokuva kwendlebe kanjako: koko eya kugwebela amahlwempu ngobulungisa, abele abalulamileyo bomhlaba ngolungelelaniso; uya kubeta umhlaba ngoswazi lwomlomo wake, nangomoya womlomo wake wobubisa okohlakeleyo. Ubulungisa boba ngumbinqo wesinqe sake, nenyaniso yoba ngumbinqo wezintso zake. Yandule incu̔ka ihlale nemvana, nengwe ilale pantsi nebokwana; itole nengonyamana nenkatyana etyetyisiweyo zoba ndawonye; nomntwana omncinane wozikokela. Imazi entsha neberekazi zodlelana; inkonyana zazo zoti butu ndawonye; nengonyama iya kutya inca njengenkomo. Usana luya kudlala emnxunyeni weṙamba, nomntwana olunyulweyo wobeka isandla sake pezu kwentunja yebasiliske. Akuyi kupatwa kakubi, akuyi kubujiswa kanjako, kuyo yonke intaba yam eyingcwele; ngokuba umhlaba uya kuzala kukwaziwa KUKAYEHOVA, njengokuba amanzi egubungela ulwandle. Kwakuya kuti ngomhla lowo, ingcambo ka‐Jese, eya kuma ibe yibanile yezizwe, kwa kuyo yona abaheyideni baya kufuna; nendawo yokupumla kwayo yoba ’bungcwalisa.
Funda U‐Yisaya 11
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: U‐Yisaya 11:1-10
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo