IGENESIS 22:1-19
IGENESIS 22:1-19 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Kwathi emveni kwezo nto, uThixo wamvavanya uAbraham, wathi kuye, Abraham; wathi yena, Ndilapha. Wathi, Khawuthabathe unyana wakho, emnye kuwe, omthandayo, uIsake, uhambe uye ezweni laseMoriya, umnyuse khona abe lidini elinyukayo, phezu kwentaba endokuxelela yona. Wavuka uAbraham kusasa, walibopha iesile lakhe, wathabatha amabini kumadodana akhe, noIsake unyana wakhe, wacanda iinkuni zedini elinyukayo, wesuka waya endaweni abemxelele yona uThixo. Ngomhla wesithathu uAbraham wawaphakamisa amehlo akhe, wayibona loo ndawo ikude. Wathi uAbraham kumadodana akhe, Hlalani nina apha ne-esile; mna nomfana lo soya phaya, sinqule, sibuye size kuni. Wazithabatha uAbraham iinkuni zedini elinyukayo, wazibeka phezu koIsake unyana wakhe, waphatha umlilo ngesandla, nesitshetshe, bahamba bobabini ndawonye. Watsho uIsake kuAbraham uyise ukuthi, Bawo. Wathi yena, Ndilapha, nyana wam. Wathi, Nangu umlilo neenkuni; iphi na ke imvu yedini elinyukayo? Wathi uAbraham, UThixo wozibonela imvu yedini elinyukayo, nyana wam. Bahamba bobabini ndawonye. Bafika endaweni abemxelele yona uThixo, wákha khona uAbraham isibingelelo, wazicwangcisa iinkuni, wambopha uIsake unyana wakhe, wambeka esibingelelweni phezu kweenkuni. Wasolula uAbraham isandla sakhe, wathabatha isitshetshe, ukuba amsike unyana wakhe. Samemeza kuye isithunywa sikaYehova sisemazulwini, sathi, Abraham, Abraham. Wathi, Ndilapha. Sathi, Musa ukusisa isandla sakho kumfana, musa ukumenza nto, kuba ndiyazi ngoku ukuba ùyamoyika uThixo; akunqabanga nonyana wakho kum, emnye kuwe. UAbraham waphakamisa amehlo akhe, wakhangela, nantso inkunzi yegusha ngasemva, ibambeke ngeempondo etyholweni; waya uAbraham, wayithabatha inkunzi yegusha, wayinyusa ukuba ibe lidini elinyukayo esikhundleni sonyana wakhe. UAbraham wathi igama laloo ndawo linguYehova-ozibonelayo, ekuthiwa nanamhla, Entabeni abonakala kuyo uYehova. Samemeza isithunywa sikaYehova kuAbraham okwesibini sisemazulwini, sathi, Ndizifungile, utsho uYehova, ngenxa enokuba uyenzile le nto, akwanqaba nonyana wakho, emnye kuwe: ukuba ndiya kukusikelela ndikusikelele; ndiya kuyandisa ndiyandise imbewu yakho njengeenkwenkwezi zezulu, nanjengentlabathi eselunxwemeni lolwandle; imbewu yakho ilidle ilifa isango leentshaba zayo; zisikelelwe ngembewu yakho zonke iintlanga zehlabathi, ngenxa enokuba uliphulaphule ilizwi lam. Wabuyela uAbraham kumadodana akhe, besuka baya bendawonye eBhershebha, wahlala uAbraham eBhershebha.

IGENESIS 22:1-19 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ekuhambeni kwexesha uThixo wamvavanya uAbraham. Wambiza wathi: “Abraham!” Wasabela uAbraham wathi: “Ndim lo, Mhlekazi!” Uthe uThixo: “Thatha unyana wakho uIsake, lo kanye usenyongweni kuwe, uye naye eMoriya. Uya kufika apho ke, kuloo nduli ndiza kukubonisa yona, umnikele khona abe lidini elitshiswayo.” Kwakusasa ngengomso uAbraham wavuka, wabopha idonki yakhe, wabiza izicaka zazibini kunye noIsake, bacanda iinkuni zokubasa umlilo wedini, banduluka baya kuloo ndawo bekuthiwe ze baye kuyo nguThixo. Ngosuku lwesithathu wayibona isekude loo ndawo uAbraham. Wathi kuloo madoda wayehamba nawo: “Salani apha nina nale donki, mna nale nkwenkwe siza kuya phaya. Sakuthi sakugqiba ukunqula, sibuye.” UAbraham wamthwalisa emagxeni uIsake ezo nkuni, yena waphatha amalahle nemela. Benjenjeya bobabini. Endleleni uthe uIsake kuyise: “Tata!” UAbraham wathi: “Thetha, nyana!” UIsake wathi: “Nanku umlilo, nanzi neenkuni; liphi ke lona ixhwane ledini?” Uthe ukuphendula uAbraham: “Iya kubonwa nguThixo loo nto, mfo wam.” Batsho bahamba besiya kuloo ndawo yayalathwe nguThixo. Bakufika apho, uAbraham wenza iqonga lamadini, wabeka iinkuni ezo phezu kwalo, wambopha uIsake unyana wakhe, wambeka phezu kwezo nkuni. Uthathe imela ukuze ambulale unyana wakhe. Suka kwavakala isithunywa *sikaNdikhoyo simemeza sisezulwini sisithi: “Abraham! Abraham!” Yena ke uthe: “Ndim lo!” Sathi isithunywa kuye: “Uze ungayenzakalisi loo nkwenkwe, ungayithi cha nakancinci! Ngoku ndiyazi ukuba uThixo uyamoyika; kaloku akwalanga nonyana wakho oyintandane ekuphela kwakhe.” UAbraham wabheka-bheka, wabona inkunzi yegusha ibambeke ngeempondo etyholweni. Waya kuyirhola, wenza ngayo idini endaweni yonyana wakhe. UAbraham wathi loo ndawo yiYawe-yire. Unangoku kusathiwa xa kuthethwayo: “UNdikhoyo uyabonelela endulini yakhe.” Siphindile savakala sithetha ezulwini isithunywa, sisithi kuAbraham: “Uthi uNdikhoyo: ‘Mna ngokwam ndiyafunga; ndithi ngenxa yale nto uyenzileyo, akwala ukuncama intandane ekuphela kwayo, ndiza kukuthamsanqelisa kanobom, ndikuphe inzala eninzi, ibe ngangeenkwenkwezi ezisesibhaka-bhakeni nentlabathi eselunxwemeni lolwandle ubuninzi bayo. Abazukulwana bakho boyithimba imihlaba yeentshaba zabo. Zonke izizwe emhlabeni zothamsanqeliswa ngenzala yakho. Iyonke loo nto kungenxa yokundithobela kwakho.’ ” UAbraham wabuyela kwizicaka zakhe, bonke baphindela eBheshebha apho waba ngummi khona.
IGENESIS 22:1-19 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Emva koko uThixo wamvavanya uAbraham, wathi kuye: “Abraham! Wathi yena, Ndilapha. Wathi, Thabatha kaloku unyana wakho, emnye kuwe, omthandayo, uIsake, uye ezweni laseMoriya; umenzele khona idini elinyukayo, kwenye yeentaba endokuxelela yona. Wavuka kusasa uAbraham, walibopha iesile lakhe, wathabatha abafana bakhe bobabini, noIsake unyana wakhe, wahamba naye, wacanda iinkuni zedini elinyukayo, wemka esiya kuloo ndawo wayemxelele yona uThixo. Ngomhla wesithathu uAbraham wawaphakamisa amehlo akhe, wayibona loo ndawo ikude. Wathi uAbraham kumadodana, Hlalani nina apha ne-esile; siye kunqula khona mna nomfana, sibuyele kuwe. Wazithabatha uAbraham iinkuni zedini elinyukayo, wazisa kuIsake unyana wakhe; waphatha umlilo nemela esandleni sakhe; bahamba bobabini kunye. Wathi uIsake kuAbraham uyise, Bawo! Ndim lo nyana wam. Wathi, Ukho umlilo neenkuni, kodwa liphi na idini elinyukayo? Wathi uAbraham, uThixo wozinyulela ixhwane elitshiswayo, nyana wam; bahamba bobabini kunye. Bafika endaweni abemxelele yona uThixo; yaye uAbraham wakha isibingelelo apho waza walungisa iinkuni waza wabophelela uIsake unyana wakhe waza wambeka esibingelelweni phezu kweenkuni. Wasolula isandla uAbraham, wathabatha isitshetshe, ukuba ahlabe unyana wakhe. Sambiza ke isithunywa sikaYehova ezulwini, sathi, Abraham, Abraham! Wathi yena, Ndilapha. Wathi, Musa ukusisa isandla sakho kumfana, musa ukumenza nto, ngokuba ndiyazi ngoku ukuba uyamoyika uThixo, ekubeni ungandikhanyelanga unyana wakho emnye. uAbraham waphakamisa amehlo akhe, wakhangela, nantso inkunzi yegusha ngasemva etyholweni, ineempondo zayo; emva koko uAbraham waya wathabatha inkunzi yegusha waza wenza umbingelelo otshiswayo esikhundleni sonyana wakhe. uAbraham wayibiza loo ndawo ngokuthi, NguYehova Jire; njengoko kuthiweyo, Makube njalo entabeni kaYehova. Sambiza ke isithunywa sikaYehova okwesibini, sisemazulwini. Wathi, Ndizifungile, utsho uYehova, ngenxa enokuba uyenzile le nto, akwakhanyela unyana wakho okuphela kwakhe; Ndiya kukusikelela ndiyandise imbewu yakho njengeenkwenkwezi zezulu nanjengentlabathi eselunxwemeni lolwandle; imbewu yakho iyidle ilifa indlu yeentshaba zayo; Zonke iintlanga zehlabathi ziya kuzisikelela ngembewu yakho; ngenxa yokuba uliphulaphule ilizwi lam. Wabuyela uAbraham kumadodana akhe, bemka baya kunye eBher-shebha; yaye uAbraham wahlala eBher-shebha.
IGENESIS 22:1-19 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
KWAYE kute emveni kwezizinto, UTIXO walinga u‐Abrahame, wati kuye: Abrahame! Wati yena: Nanku, ndilapa. Wayesiti: Zutabate unyana wako, ukupela kwonyana wako, omtandayo, u‐Yisake, usuke uye elizweni le‐Moriya, umnikele kona abe lidini lokutshiswa, pezu kwenye yentaba endiya kukutyela yona. Waza u‐Abrahame wavuka kwa kusasa, wabopa iqwaṙashe lake, watabata amabini kwamadodana ake aye naye, no‐Yisake unyana wake, wacanda inkuni zedini lokutshiswa, wesuka, wahamba ukuya endaweni abemtyele yona UTIXO. Ngowesitatu umhla wandul’ ukupakamisa u‐Abrahame amehlo ake, wabona indawo leyo ikude. Waza wati u‐Abrahame kumadodana ake: Hlalani nina apa neqwaṙashe; mna kodwa nomfana siya kuhambela paya, sibedeshe, sibuye size kuni. Waye u‐Abrahame etabata inkuni zedini lokutshiswa wazibeka pezu kwo‐Yisake unyana wake; watabata esandleni sake umlilo nesitshetshe; baza bahamba bobabini kunye. Wada watsho u‐Yisake ku‐Abrahame uyise, wati: Bawo! Wati yena: Nanku, ndilapa, nyana wam! Wayesiti: Nang’ umlilo nenkuni, kanti itakane lokwenza idini lokutshiswa lipina? Wati u‐Abrahame: UTIXO wozibonela itakane lokwenza idini lokutshiswa, nyana wam! Baza bahamba bobabini kunye. Bada bafika kulondawo ubemtyele yona UTIXO; wayesaka kona u‐Abrahame isibingelo, wacwangcisa inkuni, wanxiba u‐Yisake unyana wake, wambeka esibingelweni pezu kwenkuni. Waza u‐Abrahame wolula isandla sake, watabata isitshetshe ukuba abulale unyana wake. Yandula ukummemeza ingelosi KAYEHOVA isezulwini, yati: Abrahame, Abrahame! Wati yena: Nanku, ndilapa. Yayisiti: Ungoluli isandla sako pezu kwomfana, ungenzi nto kuye kanjalo; ngokuba kaloku ndisazi ukuba uyamoyika UTIXO, ungabambanga nje unyana wako, ukupela kwonyana wako, kum. Waye u‐Abrahame wapakamisa amehlo ake, wakangela; kekaloku nantsiya inkunzi yegusha ngasemva ibanjisiwe eludadeni ngempondo zayo: wasuka waya u‐Abrahame watabata lonkunzi yegusha, wayinikela ibe lidini lokutshiswa esikundleni sonyana wake. Waza u‐Abrahame wabiza igama lalondawo ngokuti: UYEHOVA uya kubona! njengokuba kusitwa nanamhla: Entabeni KAYEHOVA kuya kubonwa! Yandula ingelosi KAYEHOVA yamemeza u‐Abrahame ngokwesibini isezulwini, yati: Ndizifungile, utsho UYEHOVA, ngokokuba uyenzile lento, nokuba ungabambanga unyana wako, ukupela kwonyana wako; ndiya kugqitisa ukukutamsanqela, ndikolise ukuyandisa nenzalo yako, njengenkwenkwezi zezulu, nanjengentlabati eselunxwemeni lwolwandle: yaiya kufuya inzalo yako isango lentshaba zayo; kanjalo zoba netamsanqa ngenzalo yako zonke izizwe zomhlaba; ngenxa yokuba ulivile ilizwi lam. Wada u‐Abrahame wabuyela kumadodana ake; asuka ke, kwaza kwayiwa kunye e‐Beresheba; waye u‐Abrahame wahlala e‐Beresheba.