KWAYE kute emveni kwezizinto, UTIXO walinga u‐Abrahame, wati kuye: Abrahame! Wati yena: Nanku, ndilapa. Wayesiti: Zutabate unyana wako, ukupela kwonyana wako, omtandayo, u‐Yisake, usuke uye elizweni le‐Moriya, umnikele kona abe lidini lokutshiswa, pezu kwenye yentaba endiya kukutyela yona.
Waza u‐Abrahame wavuka kwa kusasa, wabopa iqwaṙashe lake, watabata amabini kwamadodana ake aye naye, no‐Yisake unyana wake, wacanda inkuni zedini lokutshiswa, wesuka, wahamba ukuya endaweni abemtyele yona UTIXO. Ngowesitatu umhla wandul’ ukupakamisa u‐Abrahame amehlo ake, wabona indawo leyo ikude. Waza wati u‐Abrahame kumadodana ake: Hlalani nina apa neqwaṙashe; mna kodwa nomfana siya kuhambela paya, sibedeshe, sibuye size kuni. Waye u‐Abrahame etabata inkuni zedini lokutshiswa wazibeka pezu kwo‐Yisake unyana wake; watabata esandleni sake umlilo nesitshetshe; baza bahamba bobabini kunye. Wada watsho u‐Yisake ku‐Abrahame uyise, wati: Bawo! Wati yena: Nanku, ndilapa, nyana wam! Wayesiti: Nang’ umlilo nenkuni, kanti itakane lokwenza idini lokutshiswa lipina? Wati u‐Abrahame: UTIXO wozibonela itakane lokwenza idini lokutshiswa, nyana wam! Baza bahamba bobabini kunye.
Bada bafika kulondawo ubemtyele yona UTIXO; wayesaka kona u‐Abrahame isibingelo, wacwangcisa inkuni, wanxiba u‐Yisake unyana wake, wambeka esibingelweni pezu kwenkuni. Waza u‐Abrahame wolula isandla sake, watabata isitshetshe ukuba abulale unyana wake. Yandula ukummemeza ingelosi KAYEHOVA isezulwini, yati: Abrahame, Abrahame! Wati yena: Nanku, ndilapa. Yayisiti: Ungoluli isandla sako pezu kwomfana, ungenzi nto kuye kanjalo; ngokuba kaloku ndisazi ukuba uyamoyika UTIXO, ungabambanga nje unyana wako, ukupela kwonyana wako, kum. Waye u‐Abrahame wapakamisa amehlo ake, wakangela; kekaloku nantsiya inkunzi yegusha ngasemva ibanjisiwe eludadeni ngempondo zayo: wasuka waya u‐Abrahame watabata lonkunzi yegusha, wayinikela ibe lidini lokutshiswa esikundleni sonyana wake.
Waza u‐Abrahame wabiza igama lalondawo ngokuti: UYEHOVA uya kubona! njengokuba kusitwa nanamhla: Entabeni KAYEHOVA kuya kubonwa!
Yandula ingelosi KAYEHOVA yamemeza u‐Abrahame ngokwesibini isezulwini, yati: Ndizifungile, utsho UYEHOVA, ngokokuba uyenzile lento, nokuba ungabambanga unyana wako, ukupela kwonyana wako; ndiya kugqitisa ukukutamsanqela, ndikolise ukuyandisa nenzalo yako, njengenkwenkwezi zezulu, nanjengentlabati eselunxwemeni lwolwandle: yaiya kufuya inzalo yako isango lentshaba zayo; kanjalo zoba netamsanqa ngenzalo yako zonke izizwe zomhlaba; ngenxa yokuba ulivile ilizwi lam.
Wada u‐Abrahame wabuyela kumadodana ake; asuka ke, kwaza kwayiwa kunye e‐Beresheba; waye u‐Abrahame wahlala e‐Beresheba.