IGENESIS 17:12-13
IGENESIS 17:12-13 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Unyana omihla isibhozo makalùswe kuni, yonke into eyindoda kwizizukulwana zenu, ezelwe endlwini, nezuzwe ngemali kubani wolunye uhlanga, ongengowembewu yakho yena. Makalùswe ozelwe endlwini yakho, nozuzwe ngemali yakho; umnqophiso wam enyameni yenu uya kuba ngumnqophiso ongunaphakade.
IGENESIS 17:12-13 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Omihla isibozo uya kwaluswa pakati kwenu, konke okubudoda ngezizukulwana zenu, lowo ozelweyo endlwini, nalowo otengiweyo ngemali kosukuba engowasemzini, ongenguye owenzalo yako. Lowo ozelweyo endlwini yako, nalowo otengiweyo ngemali yako, uya kwaluswa ngenyaniso; lwoba ucebano lwam lusenyameni yenu lube lucebano olungunapakade.
IGENESIS 17:11-13 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ukususela ngoku wonke umntwana oyinkwenkwe kufuneka aluke eneentsuku ezisibhozo ubudala; nditsho nkqu nezicaka ezizalelwe phantsi kwakho kwanezo zingeneleleyo. Lowo ke uya kuba ngumqondiso womnqophiso phakathi kwakho nam. Makwaluke wonke umntu, oyinzalelwane kwanothengiweyo, ube ngumqondiso obonakalayo lowo wokuba umnqophiso wam nawe awusoze uphele.
IGENESIS 17:12-13 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Unyana omihla isibhozo kuni mawaluswe, yonke into eyindoda emizalwaneni yenu, ezelwe endlwini, nezuzwe ngemali kubani wasemzini, ongengowakho koonyana bakho. Makaluswe ozelwe endlwini yakho, nozuzwe ngemali yakho; umnqophiso wam enyameni yenu uya kuba ngumnqophiso ongunaphakade.