IGENESIS 17
17
Umnqophiso wolwaluko
1Kwathi, uAbram akuba minyaka imashumi asithoba anesithoba ezelwe, uYehova wabonakala kuAbram, wathi kuye, NdinguThixo uSomandla; hamba phambi kwam ube ngogqibeleleyo. 2Ndiya kuwubeka umnqophiso wam phakathi kwam nawe, ndikwandise kakhulu kunene. 3Wawa uAbram ngobuso bakhe.
4UThixo wathetha naye, esithi, Mna, yabona, umnqophiso wam unawe; ùya kuba nguyise wengxokolo yeentlanga. 5Kananjalo akusayi kuthiwa igama lakho nguAbram;• igama lakho liya kuba nguAbraham,• ngokuba ndikwenzé uyise wengxokolo yeentlanga; 6ndiya kukuqhamisa kakhulu kunene, ndikwenze iintlanga, kuphume ookumkani kuwe; 7ndiwumise umnqophiso wam phakathi kwam nawe, naphakathi kwembewu yakho emva kwakho kwizizukulwana zayo, ube ngumnqophiso ongunaphakade, wokuba ndibe nguThixo kuwe, nakwimbewu yakho emva kwakho; 8ndílinike wena nembewu yakho emva kwakho ilizwe lokuphambukela kwakho, lonke ilizwe eli lakwaKanan, ukuba libe yinto yenu ngonaphakade, ndibe nguThixo wabo.
9Wathi uThixo kuAbraham, Wena ke, umnqophiso wam wowugcina, nembewu yakho emva kwakho kwizizukulwana zabo. 10Nguwo lo umnqophiso wam eniya kuwugcina phakathi kwam nani, nembewu yakho emva kwakho: wokuba yonke into eyindoda kuni yalùswe; nalùswe inyama yokwalùswa; 11oko kube ngumqondiso womnqophiso ophakathi kwam nani. 12Unyana omihla isibhozo makalùswe kuni, yonke into eyindoda kwizizukulwana zenu, ezelwe endlwini, nezuzwe ngemali kubani wolunye uhlanga, ongengowembewu yakho yena. 13Makalùswe ozelwe endlwini yakho, nozuzwe ngemali yakho; umnqophiso wam enyameni yenu uya kuba ngumnqophiso ongunaphakade. 14Into eyindoda engalukileyo, enyama yokwalùswa ingalùswanga, loo mphefumlo mawunqanyulwe, ungabikho ebantwini bakowawo; úwaphúle umnqophiso wam.
15Wathi uThixo kuAbraham, USarayi umkakho akuyi kumbiza ngegama lokuba nguSarayi;• igama lakhe loba nguSara.• 16Ndiya kumsikelela; kananjalo ndikùnike unyana ngaye, ndimsikelele, abe ziintlanga, kuphume ookumkani bezizwe kuye.
17UAbraham wawa ngobuso bakhe, wahleka, wathi entliziyweni yakhe, Azi umntu ominyaka ilikhulu wozalelwa na? Azi uSara, intokazi eminyaka imashumi asithoba, angazala na? 18Wathi uAbraham kuThixo, Wanga uIshmayeli angadla ubomi phambi kwakho!
19Wathi uThixo, Ewe, uSara umkakho úya kukuzalela unyana, umbize ngegama lokuba nguIsake;• ndíwumise umnqophiso wam naye, ube ngumnqophiso ongunaphakade kwimbewu yakhe emva kwakhe. 20Ngokusingisele kuIshmayeli ndikuvile; ùyabona, ndimsikelele, ndimqhamisile, ndimandisile kakhulu kunene. Uya kuzala izikhulu ezilishumi elinazibini, ndimènze uhlanga olukhulu. 21Umnqophiso wam wona ndowumisa noIsake, oya kumzalelwa nguSara ngeli xesha nyakenye. 22Wagqiba ukuthetha naye. Wenyuka uThixo esuka kuAbraham.
23UAbraham wamthabatha uIshmayeli unyana wakhe, nabo bonke abazalelwe endlwini yakhe, nabo bonke abazuzwe ngemali yakhe, yonke into eyindoda phakathi kwabantu bendlu ka-Abraham, wayalùsa inyama yokwalùswa kwangaloo mini, njengoko abethethile uThixo kuye. 24UAbraham ebeminyaka imashumi asithoba anesithoba ezelwe, ukwalùswa kwenyama yokwalùswa. 25UIshmayeli, unyana wakhe, ebeminyaka ilishumi elinamithathu ezelwe, ukwalùswa kwenyama yokwalùswa. 26Kwangaloo mini walùswa uAbraham, noIshmayeli unyana wakhe. 27Nawo onke amadoda endlu yakhe, azalelwe endlwini yakhe, nazuzwe ngemali kubani wolunye uhlanga, alùswa kunye naye.
Currently Selected:
IGENESIS 17: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.