KUMAGALATI 5:16-25
KUMAGALATI 5:16-25 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ke kaloku ndithi, Hambani ngokoMoya, naningasayi kuthi ke niyizalise inkanuko yenyama. Kuba inyama ikhanuka ngokuchasene noMoya, uMoya ke ukhanuka ngokuchasene nenyama; ezo zinto ke ziphambene, ukuze ningazenzi izinto enisukuba nizithanda. Ukuba ke nikhokelwa nguMoya, aningaphantsi komthetho. Iyabonakala ke yona imisebenzi yenyama, eyilé: ukrexezo, umbulo, ukungcola, uburheletyo, ukubusa kwizithixo, ukukhafula, intiyo, iinkani, amakhwele, imisindo, amayelenqe, iimbambaniso, izahlukano, oomona, ookubulala, ookunxila, iindywala, nezinto ezinjengezo; endinixelelayo ngenxa engaphambili, njengokuba besendinixelele kade, ukuba abazenzayo izinto ezinjalo abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo Ke sona esoMoya isiqhamo luthando, uvuyo, uxolo, ukuzeka kade umsindo, ububele, ukulunga, intembeko, ubulali, ukuzeyisa; akukho mthetho uchasene nezinto ezinjalo. Ke kaloku abo ke bakaKristu, inyama bayibethelele emnqamlezweni, kunye neminqweno neenkanuko zayo. Ukuba sidla ubomi ngokoMoya, masihambe nokuhamba kwangokoMoya.
KUMAGALATI 5:16-25 IBHAYIBHILE (XHO96)
Nantsi ke into endithetha yona kuni: Ukuba nikhokelwa nguMoya kaThixo, aniyi kuzenza izinto ezinqwenelwa sisimo esidala. Kaloku ezo zinto zinxamnye nezifunwa nguMoya, ukanti nezifunwa nguMoya zinxamnye nezinqwenelwa sisimo esidala. Zizombini zichasene ngohlobo lokuba ningabi nako ukuzenza izinto enisukuba nifuna ukuzenza. Kodwa ke ukuba nikhokelwa nguMoya, anikho phantsi komthetho. Ke zona izinto ezibangwa sisimo esidala zicace mhlophe; nazi: ukurheletya, ukungcola, nobuhenyu; unqulo-zithixo, nobugqwirha; ubutshaba, imbambano, ubukhwele, iphuku, ukubawa, amayelenqe, nezahlukano; umona, ubunxila, nokuthanda iziyolo, njalo-njalo. Nangoku ke ndiyanilumkisa, njengoko besenditshilo ngaphambili, ukuba abo benza izinto ezinjengezi, soze babuxhamle ubuncwane bokulawulwa nguThixo. Nazi ke zona iziqhamo zoMoya: luthando, novuyo, noxolo; umonde, ububele, ukulunga, nentembeko; ubulali, nokuzeyisa. Awukho ke umthetho ochasa izinto ezinjengezi. Abo ke bamanywe noKrestu uYesu basibhangisile isimo esidala kunye neminqweno neenkanuko zaso. Ukuba ke sidla ubomi ngoMoya kaThixo, masilawulwe nguye ke.
KUMAGALATI 5:16-25 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ke ndithi, Hambani ngokoMoya, naningasayi kuthi ke niyizalise inkanuko yenyama. Kaloku inyama ikhanuka ngokuchasene noMoya, uMoya ke ukhanuka ngokuchasene nenyama; ezo zinto ke ziphambene, ukuze ningazenzi izinto enisukuba nizithanda. Ukuba ke nikhokelwa nguMoya, anikho phantsi komthetho. Iyabonakala ke yona imisebenzi yenyama, eyile; uhenyuzo, ukungcola, uburheletya, Unqulo-zithixo, ubugqwirha, intiyo, amayelenqe, ingqumbo, iinkani, iinkani, amayelenqe, oomona, ookubulala, ookunxila, iindywala, nezinto ezinjengezo; endinixelelayo ngenxa engaphambili, njengokuba besendinixelele kade, ukuba abazenzayo izinto ezinjalo abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo. Ke sona esoMoya isiqhamo luthando, uvuyo, uxolo, ukuzeka kade umsindo, ububele, ukulunga, intembeko, akukho mthetho uchasene nezinto ezinjalo. Ke kaloku abo ke bakaKristu, inyama bayibethelele emnqamlezweni, kunye neminqweno neenkanuko zayo. Ukuba sidla ubomi ngokoMoya, masihambe nokuhamba kwangokoMoya.
KUMAGALATI 5:16-25 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kekaloku nditi: Hambani NGOMOYA, naye ningayi kwandula inkanuko yenyama niyifeze. Ngokuba yona inyama ikanukela ngakuye UMOYA, naye UMOYA ekanukela ngakuyo inyama: ezi ke ziyapambana enye nenye, ukuze ningazenzi izinto enisukuba nitanda ukwenza zona. Kodwa ukuba niyakokelwa NGUMOYA, aningapantsi kwomteto. Kekaloku imisebenzi yenyama iyabonakala, eyiyo enje: uṙexezo, umbulo, ubunco̔la, ubutshinitshini, inkonzo yezitixo, ukutakata, ubutshaba, amapike, inzondelano, imisindo, inkani, imbambaniso, izahlukano, umona, izibulalo, ukunxila, imihlali yobusuku, nezinto ezinjengezi; enditi pambili ngazo kuni, kwa njengokuba ndise nditshilo kanjako, abo bazenzayo izinto ezinjalo abayi kulidla ilifa lobukumkani BUKATIXO. Kodwa isiqa̔mo SOMOYA silutando, uvuyo, uxolo, ukuzeka kade, ububele, ukulunga, inkolo, ululamo, ubunca̔tu; ekungeko mteto omela izinto ezinjalo. Bate kekaloku abaka‐Kristu inyama bayikurusesha kunye nemilo yayo nenkanuko zayo. Ukuba siyabudla ubomi NGOMOYA, masiti kanjalo sihambe NGOMOYA.