Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

KUMAGALATI 5:13-26

KUMAGALATI 5:13-26 IBHAYIBHILE (XHO96)

Nina, mawethu, nibizelwe enkululekweni. Kodwa ke inkululeko yenu mayingabi lokroba lokuba nilawulwe sisimo esidala. Ndaweni yaloo nto khonzanani niqhutywa luthando. Kaloku umthetho xa uwonke ushwankathelwa ngomyalelo omnye othi: “Mthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.” Kodwa ke ukuba niyalwa niqwengane, lumkani hleze nitshabalalisane kuphele. Nantsi ke into endithetha yona kuni: Ukuba nikhokelwa nguMoya kaThixo, aniyi kuzenza izinto ezinqwenelwa sisimo esidala. Kaloku ezo zinto zinxamnye nezifunwa nguMoya, ukanti nezifunwa nguMoya zinxamnye nezinqwenelwa sisimo esidala. Zizombini zichasene ngohlobo lokuba ningabi nako ukuzenza izinto enisukuba nifuna ukuzenza. Kodwa ke ukuba nikhokelwa nguMoya, anikho phantsi komthetho. Ke zona izinto ezibangwa sisimo esidala zicace mhlophe; nazi: ukurheletya, ukungcola, nobuhenyu; unqulo-zithixo, nobugqwirha; ubutshaba, imbambano, ubukhwele, iphuku, ukubawa, amayelenqe, nezahlukano; umona, ubunxila, nokuthanda iziyolo, njalo-njalo. Nangoku ke ndiyanilumkisa, njengoko besenditshilo ngaphambili, ukuba abo benza izinto ezinjengezi, soze babuxhamle ubuncwane bokulawulwa nguThixo. Nazi ke zona iziqhamo zoMoya: luthando, novuyo, noxolo; umonde, ububele, ukulunga, nentembeko; ubulali, nokuzeyisa. Awukho ke umthetho ochasa izinto ezinjengezi. Abo ke bamanywe noKrestu uYesu basibhangisile isimo esidala kunye neminqweno neenkanuko zaso. Ukuba ke sidla ubomi ngoMoya kaThixo, masilawulwe nguye ke. Masingazigwagwisi, sicaphukisana, simonelana.

KUMAGALATI 5:13-26 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

Ngokuba nina benibizelwe inkululeko, bazalwana! ize kodwa ningapati inkululeko yenu ibe lituba kwinyama, niti nikonzelane ngalo utando. Ngokuba wona umteto wonke uzalisekiswa kwilizwi linye, kwelokuti: Uya kutanda ummelwane wako njengokuzitanda kwako. Kodwa ukuba niti nilumane nidlane, lumkani ukuba ningagqityelwa omnye ngomnye. Kekaloku nditi: Hambani NGOMOYA, naye ningayi kwandula inkanuko yenyama niyifeze. Ngokuba yona inyama ikanukela ngakuye UMOYA, naye UMOYA ekanukela ngakuyo inyama: ezi ke ziyapambana enye nenye, ukuze ningazenzi izinto enisukuba nitanda ukwenza zona. Kodwa ukuba niyakokelwa NGUMOYA, aningapantsi kwomteto. Kekaloku imisebenzi yenyama iyabonakala, eyiyo enje: uṙexezo, umbulo, ubunco̔la, ubutshinitshini, inkonzo yezitixo, ukutakata, ubutshaba, amapike, inzondelano, imisindo, inkani, imbambaniso, izahlukano, umona, izibulalo, ukunxila, imihlali yobusuku, nezinto ezinjengezi; enditi pambili ngazo kuni, kwa njengokuba ndise nditshilo kanjako, abo bazenzayo izinto ezinjalo abayi kulidla ilifa lobukumkani BUKATIXO. Kodwa isiqa̔mo SOMOYA silutando, uvuyo, uxolo, ukuzeka kade, ububele, ukulunga, inkolo, ululamo, ubunca̔tu; ekungeko mteto omela izinto ezinjalo. Bate kekaloku abaka‐Kristu inyama bayikurusesha kunye nemilo yayo nenkanuko zayo. Ukuba siyabudla ubomi NGOMOYA, masiti kanjalo sihambe NGOMOYA. Masingabi ngabazidlayo, sitelekisana, sinomona omnye kwomnye.

KUMAGALATI 5:13-26

KUMAGALATI 5:13-26 XHO75KUMAGALATI 5:13-26 XHO75KUMAGALATI 5:13-26 XHO75KUMAGALATI 5:13-26 XHO75KUMAGALATI 5:13-26 XHO75KUMAGALATI 5:13-26 XHO75