UEZRA 1:2-3
UEZRA 1:2-3 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Utsho uKoreshi ukumkani wasePersi, ukuthi, Zonke izikumkani zehlabathi uziniké mna uYehova, uThixo wamazulu. Yena undiyalele ukuba ndimakhele indlu eYerusalem, ekwaYuda. Ubani ophakathi kwenu, ebantwini bakhe bonke, uThixo wakhe makabe naye, anyuke aye eYerusalem ekwaYuda, ayakhe indlu kaYehova, uThixo kaSirayeli (nguye uThixo), eseYerusalem.
UEZRA 1:2-3 IBHAYIBHILE (XHO96)
“Utsho uKoreshi, ukumkani wasePeshiya, ukuthi: ‘UNdikhoyo uThixo wezulu uzinikele kum zonke izikumkani zehlabathi, kananjalo undimisele ukuba ndimakhele indlu eJerusalem kwelakwaJuda. Ngoko ke, nabani phakathi kwenu nonke ongowabantu bakhe, ngamana uThixo wakhe waba naye, anduluke aye eJerusalem kwelakwaJuda, ayakhe indlu kaNdikhoyo, uThixo kaSirayeli, uThixo oseJerusalem.
UEZRA 1:2-3 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Wathi uKoreshi, ukumkani wasePersi, uYehova, uThixo wamazulu, undinike zonke izikumkani zehlabathi; wandiwisela umthetho wokuba ndimakhele indlu eYerusalem, ezweni lakwaYuda. Ngubani na phakathi kwenu ebantwini bakhe bonke? Ngamana uThixo wakhe waba naye, anyuke aye eYerusalem ekwaYuda, ayakhe indlu kaYehova, uThixo kaSirayeli, eYerusalem.
UEZRA 1:2-3 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Utsho u‐Koreshe ukumkani we‐Peresiya ukuti: Bonke ubukumkani bomhlaba ndibunikiwe NGUYEHOVA, UTIXO wezulu; kanjalo yena undiyalezele ukumakela indlu e‐Yerusaleme, ekwa‐Juda. Ngubanina pakati kwenu ovumayo kubo bonke abantu bake? UTIXO wake makabe naye, enyuke aye e‐Yerusaleme, ekwa‐Juda, ayake indlu KAYEHOVA, UTIXO wo‐Sirayeli, (nguye lo UTIXO,) ese‐Yerusaleme.