UHEZEKILE 34:20-24
UHEZEKILE 34:20-24 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ngako oko itsho iNkosi uYehova kuzo ukuthi, Yabonani, mna ndiya kugweba phakathi kweegusha ezityebileyo neegusha ezinqinileyo. Ngenxa enokuba nityhala ngehleza nangegxalaba, nizihlabe ngeempondo zenu ezityhafileyo zonke, nide nizenze zibe lusali, zigqibe ilizwe: ndowusindisa umhlambi wam, ungabi saba lixhoba, ndigwebe phakathi kweegusha neegusha. Ndomisa phezu kwawo umalusi abe mnye, awaluse, umkhonzi wam uDavide; yena uya kuwalúsa, abe ngumalusi wawo yena; mna Yehova ndibè nguThixo wawo, umkhonzi wam uDavide abe sisikhulu phakathi kwawo; mna Yehova ndithethile.
UHEZEKILE 34:20-24 IBHAYIBHILE (XHO96)
“Ke ngoko itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Jongani, ndim oya kukhetha igusha etyebileyo kwebhityileyo. Kaloku benityhala ngamacala nangamagxa nizingquzula iigusha ezibuthathaka ngeempondo zenu zada zakhwelela. Ke ngoko ndiya kuwuhlangula umhlambi wam, ukuze ungabuye ube lixhoba. Ndiya kwahlula phakathi kwegusha nenye. Ndiya kuzimisela umalusi omnye, isicaka sam uDavide, oya kuzalusa kakuhle. Mna Ndikhoyo ndiya kuba nguThixo wazo; sona isicaka sam uDavide soba yinkosi yazo. Nditshilo nje mna Ndikhoyo, nditshilo.
UHEZEKILE 34:20-24 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ngako oko, itsho iNkosi uYehova kubo ukuthi; yabona, ndiya kugweba phakathi kwamanqatha natyebileyo; Ngokuba nabetha ngecala lakho nangegxalaba, nayibetha yonke imilwelwe ngeempondo zakho, wada wayichithachitha; Ndiya kuwusindisa umhlambi wam, ungabi saba lixhoba; ndiya kugweba phakathi kweenkomo neemazi. Ndiya kumisa phezu kwawo umalusi abe mnye, awaluse, umkhonzi wam uDavide; Uya kuwalusa, abe ngumalusi wawo; Mna Yehova ndiya kuba nguThixo wawo, umkhonzi wam uDavide abe yisikhulu phakathi kwawo; Mna Yehova ndithethile.
UHEZEKILE 34:20-24 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ngako oko itsho INKOSI e NGUYEHOVA kuzo ukuti: Bona ke, ndiya kuti mna, ndigwebe pakati kwenkomo ezincinane ezityebileyo nenkomo ezincinane ezibityileyo. Ngenxa yokuba nisunduzile ngecala nangegxalaba, nokuba ninqubile zonke ezibutataka ngempondo zenu, nada naziti sa ngasendle; ngako ndiya kusindisa igusha zam, zize zingabi selixoba; ndandiya kugweba pakati kwenkomo ezincinane nenkomo ezincinane. Ndandiya kumisa pezu kwazo umalusi emnye, oya kuzidlisa, isicaka sam u‐Davide; yena wozidlisa, kanjalo yena woba ngumalusi wazo. Nam, YEHOVA, ndoba NGUTIXO wazo; nesicaka sam, u‐Davide, soba yinkosi pakati kwazo: mna YEHOVA nditetile.