Ngako oko itsho INKOSI e NGUYEHOVA kuzo ukuti: Bona ke, ndiya kuti mna, ndigwebe pakati kwenkomo ezincinane ezityebileyo nenkomo ezincinane ezibityileyo. Ngenxa yokuba nisunduzile ngecala nangegxalaba, nokuba ninqubile zonke ezibutataka ngempondo zenu, nada naziti sa ngasendle; ngako ndiya kusindisa igusha zam, zize zingabi selixoba; ndandiya kugweba pakati kwenkomo ezincinane nenkomo ezincinane. Ndandiya kumisa pezu kwazo umalusi emnye, oya kuzidlisa, isicaka sam u‐Davide; yena wozidlisa, kanjalo yena woba ngumalusi wazo. Nam, YEHOVA, ndoba NGUTIXO wazo; nesicaka sam, u‐Davide, soba yinkosi pakati kwazo: mna YEHOVA nditetile.
Funda U‐Hezekile 34
Share
Compare All Versions: U‐Hezekile 34:20-24
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos