IEKSODUS 6:8-9
IEKSODUS 6:8-9 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
ndiningènise ezweni endaphakamisa isandla sam ngalo, ukuba ndilinike uAbraham noIsake noYakobi; ndiya kulinika nina, libe lilifa: ndinguYehova. Watsho ke uMoses koonyana bakaSirayeli; abamphulaphulanga uMoses, ngenxa yokukhathazeka, nangenxa yomsebenzi onzima.
IEKSODUS 6:8-9 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ndiya kunikhokela, ndinise kwilizwe endafungayo ukuba ndolinika uAbraham, uIsake, noYakobi. Ndiya kunipha lona, libe lelenu; kaloku mna ndinguNdikhoyo.’ ” La mazwi uMosis wawaxela kumaSirayeli, kodwa ngenxa yokudakumba nangenxa yenkohlakalo yasebukhobokeni akamphulaphulanga.
IEKSODUS 6:8-9 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
ndinise ezweni endaphakamisa isandla sam ngalo, ukuba ndilinike uAbraham noIsake noYakobi; ndiya kuninika lona, libe lilifa lenu: ndinguYehova. uMoses wathetha wenjenje koonyana bakaSirayeli, abamphulaphulanga uMoses ngenxa yomphefumlo obuhlungu, nangenxa yomsebenzi onzima.
IEKSODUS 6:8-9 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ndandiya kunizisa kwelozwe, endandipakamisa isandla sam ukuba ndilinike ku‐Abrahame, ku‐Yisake, naku‐Yakobi; lona ndolinika kuni libe lilifa: mna ndi NGUYEHOVA. Waza u‐Mosesi wateta ngokunjalo elusatsheni luka‐Sirayeli; kuloko belungampulapuli u‐Mosesi, ngenxa yokucapuka kwomoya, nangenxa yenkonzo elukuni.