IEKSODUS 34:6-7
IEKSODUS 34:6-7 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
UYehova wadlula ebusweni bakhe, wavakalisa esithi, UYehova, uYehova, uThixo onemfesane, onobabalo, ozeka kade umsindo, omninzi ngenceba nenyaniso; olondolozela amawaka inceba, oxolela ubugwenxa, nokreqo, nesono; ongakhe amenze msulwa onetyala, obuvelelayo ubugwenxa booyise koonyana, nakoonyana boonyana kwesesithathu nakwesesiné isizukulwana!
IEKSODUS 34:6-7 IBHAYIBHILE (XHO96)
Waza ke wadlula phambi kwakhe, wandula wathi: “UNdikhoyo nguThixo onemfesane nesisa, oza kade umsindo, ophuphuma izibele nokunyaniseka. Ukunyaniseka kwakhe akujiki nakwizizukulwana ngezizukulwana; abakhohlakeleyo nabanxaxhayo nabonayo uyabaxolela. Kambe ke abanetyala ubohlwaya ade ohlwaye nesizukulwana sabo, aye kufikelela kwesesithathu nakwesesine ngenxa yeziphoso zooyise.”
IEKSODUS 34:6-7 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
uYehova wadlula phambi kwakhe, wadanduluka, wathi: “Nkosi, Nkosi, Yehova, Thixo onemfesane, onobubele, ozeka kade umsindo, ozele yinceba nenyaniso! Gcina inceba ngenxa yamawaka, xolela ubugwenxa, nokreqo, nesono, ungamkhululi ongendawo; ubuvelela ubugwenxa booyise koonyana noonyana babantwana, kwesesithathu nakwesesine isizukulwana
IEKSODUS 34:6-7 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Waza wadlula UYEHOVA pambi kwake, washumayela ngokuti: UYEHOVA, UYEHOVA e NGUTIXO, enetaṙu, enofefe, equmba kade, emkulu ngobubele nenyaniso; ogcinela amawaka ububele, oxolela inkohlakalo, nesigqito, nesono, ongayi kuka agwebele onetyala; eyohlwayela inkohlakalo yoyise pezu kwabantwana, napezu kwabantwana babantwana, pezu kwesesitatu napezu kwesesine isizukulwana.