UESTERE 8:8
UESTERE 8:8 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ngoko ke, nina bhalani ngamaYuda ngoko kulungileyo emehlweni enu egameni lokumkani, nitywine ngomsesane wokumkani; kuba incwadi ebhalwe egameni lokumkani, yatywinwa ngomsesane wokumkani, akukho unokuyibuyisa.
UESTERE 8:8 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ngoko ke bhalani esinye isihlokomiso egameni likakumkani ngenxa yamaJuda, nithethe ngaloo ndlela iya kuthi ifaneleke kuni, nize nisinyathelise ngomsesane kakumkani. Kaloku yonke into ebhalwe egameni likakumkani yaza yanyatheliswa ngomsesane wakhe ayinakuze iguqulwe.”
UESTERE 8:8 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Bhalani kumaYuda egameni lokumkani, ngokokuthanda kwenu, nitywine ngomsesane wokumkani; ngokuba incwadi ebibhalwe egameni lokumkani, yatywinwa ngomsesane wokumkani, ayinakuguqulwa.
UESTERE 8:8 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ba̔lelani ama‐Juda nani, njengoko kulungileyo emehlweni enu, egameni lokumkani, nincamatisele ngomsesane wokumkani: ngokuba isiba̔lo, esiba̔liweyo egameni lokumkani, nesincanyatiselweyo ngomsesane wokumkani, kungeko mntu ongasibuyisayo.