UESTERE 6:10
UESTERE 6:10 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Wathi ukumkani kuHaman, Ngxama uthabathe isambatho eso nehashe elo, njengoko ukuthethileyo, wenjenjalo kuMordekayi umYuda, ohleli esangweni lokumkani. Makungawi phantsi nalinye ilizwi kuko konke okuthethileyo.
UESTERE 6:10 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ukumkani ke wathi kuHaman: “Khawuleza uthathe umnweba lowo kunye nehashe elo, wenze ngaloo ndlela kuModekayi umJuda ohlala esangweni likakumkani. Uze ukwenze konke oko ukuthethileyo, ungashiyi nento le.”
UESTERE 6:10 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Wathi ukumkani kuHaman, Khawuleza, uthabathe ingubo leyo nehashe elo, njengoko ukuthethileyo, wenjenjalo kuMordekayi umYuda, ohleli emnyango wokumkani; Makungabikho siphazamiso kuyo yonke into oyithethileyo.
UESTERE 6:10 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Waza ukumkani wati ku‐Hamani: Nxama, utabate isivato eso nehashe elo, njengokuba utshilo, uze wenje njalo ku‐Modekai um‐Juda, ohleliyo esangweni lokumkani: mayingatshitshi nanye into kuko konke ukutetileyo.