KWABASE-EFESE 6:14-18
KWABASE-EFESE 6:14-18 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Misani ke ngoko, níbhinqé inyaniso esinqeni senu, ninxibé isigcina-sifuba sobulungisa, nibophé ezinyaweni zenu ulungiselelo lweendaba ezilungileyo zoxolo. Ngaphezu kwezo zinto zonke, qubulani ikhaka lokholo, lona nothi ngalo nibe nako ukuzicima zonke iintolo ezinomlilo zakhe ongendawo. Yamkelani isigcina-ntloko sosindiso, nalo ikrele loMoya, elililizwi likaThixo; ngako konke ukuthandaza nokukhunga, nithandaza amaxesha onke nikuye uMoya; niyiphaphamele loo nto ngako konke ukuzingisa nokukhunga, ngenxa yabo bonke abangcwele
KWABASE-EFESE 6:14-18 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ngoko ke hlalani niqulile. Bhinqani ngenyaniso; ninxibe ubulungisa ukukhusela isifuba. Ezinyaweni nxibani inkuthalo yokuhlala nichophele ukuvakalisa iindaba ezimnandi zoxolo. Ngamaxesha onke ukukholwa makube likhaka lenu; ngokholo noba nako ukuzicima zonke iintolo ezivuthayo zikaSathana. Entloko thwalani usindiso. Phathani ilizwi likaThixo libe likrele enilinikwa nguMoya. Zinikeleni ngokupheleleyo ekuthandazeni. Thandazani maxa onke niqhutywa nguMoya. Ngesi sizathu ke hlalani nithe qwa, ningancami, nisoloko nibathandazela abantu bakaThixo.
KWABASE-EFESE 6:14-18 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Yimani ngoko, nibhinqe inyaniso esinqeni senu, ninxibe isigcina-sifuba sobulungisa; Nibophe ezinyaweni zenu ulungiselelo lweendaba ezilungileyo zoxolo. Ngaphezu kweento zonke, qubulani ikhaka lokholo, enothi ngalo nibe nako ukuzicima zonke iintolo ezinomlilo zongendawo. Yamkelani isigcina-ntloko sosindiso, nalo ikrele loMoya, elililizwi likaThixo; ngako konke ukuthandaza nokukhunga, nithandaza amaxesha onke nikuye uMoya; niyiphaphamele loo nto ngako konke ukuzingisa nokukhunga, ngenxa yabo bonke abangcwele
KWABASE-EFESE 6:14-18 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Yimani ngoko, nisibinqile isinqe senu ngenyaniso, nisambete nesigcinisifuba sobulungisa, nenyawo zenu nizifakile izihlangu zokulungiselela kwevangeli yoxolo; pezu kwazo zonke ezizinto, nilitabatile ikaka lokolo, eniya kuba namandla ngalo ukucima zonke intolo ezitshayo zokohlakeleyo; nize namkele umnqwazi wosindiso, nesiṙele SOMOYA, esililizwi LIKATIXO; nitandaza ngamaxesha onke KUMOYA ngako konke ukutandaza nokukunga, nipapamela kwa yona lento, kuko konke ukuzingisa nokukunga ngenxa yabo bonke abangcwele