Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Efese 6:14-18

Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Efese 6:14-18 XHO1902A

Yimani ngoko, nisibinqile isinqe senu ngenyaniso, nisambete nesigcinisifuba sobulungisa, nenyawo zenu nizifakile izihlangu zokulungiselela kwevangeli yoxolo; pezu kwazo zonke ezizinto, nilitabatile ikaka lokolo, eniya kuba namandla ngalo ukucima zonke intolo ezitshayo zokohlakeleyo; nize namkele umnqwazi wosindiso, nesiṙele SOMOYA, esililizwi LIKATIXO; nitandaza ngamaxesha onke KUMOYA ngako konke ukutandaza nokukunga, nipapamela kwa yona lento, kuko konke ukuzingisa nokukunga ngenxa yabo bonke abangcwele