KWABASE-EFESE 3:16-19
KWABASE-EFESE 3:16-19 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ndiyambongoza ukuba ngobubele bakhe uSosidima anomeleze imo yenu entsha ngoMoya wakhe, khon' ukuze ngokholo uKrestu ahlale ngaphakathi kuni. Nanga ningasekelwa eluthandweni nendele. Nanga nina nosapho lukaThixo xa lulonke, ningalunakana ukuba lungakanani na ububanzi balo, lungakanani na ubude balo, kukwangakanani na ukuphakama kwalo nokuba nzulu kwalo uthando lukaKrestu, nilwazi nakuba lungenakwaziwa nje. Ewe, niye niphuphuma bubukho bukaThixo obugqibeleleyo.
KWABASE-EFESE 3:16-19 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
ukuba aninike, ngokobutyebi bozuko lwakhe, ukomelezwa ngamandla ngaye uMoya wakhe, ngokusingisele emntwini ongaphakathi; ukuba uKristu ahlale ngalo ukholo ezintliziyweni zenu, néndele nisekelwe eluthandweni, ukuze nithi, ndawonye nabo bonke abangcwele, nibe nako kanye ukubuqiqa into obuyiyo ububanzi, nobude, nobunzulu, nokuphakama kwalo, kwanokulwazi uthando lukaKristu oluncamise ukwazi; ukuze niye nizala ngako konke ukuzala kukaThixo.
KWABASE-EFESE 3:16-19 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
ukuze aninike, ngokobutyebi bozuko lwakhe, ukomelezwa ngamandla ngaye uMoya wakhe, ngokusingisele emntwini ongaphakathi; ukuze uKristu ahlale ngokholo ezintliziyweni zenu; ukuze nina, nimiliselwe nisekelwe eluthandweni; ninako ke ukubuqiqa into obuyiyo ububanzi, nobude, nobunzulu, nokuphakama; kwanokulwazi uthando lukaKristu oluncamise ukwazi, ukuze niye nizala ngako konke ukuzala kukaThixo.
KWABASE-EFESE 3:16-19 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
ukuba ati ngokwobutyebi bobungcwalisa bake, aninike ukwomelezelwa ngamandla ngaye UMOYA wake kowapakati umntu, aze u‐Kristu ahlale ngalo ukolo ezintliziyweni zenu; nina nendele nisekelwe nokusekelwa elutandweni nje; ukuze ke nikolise ukuba namandla ukuqiqa, kunye nabo bonke abangcwele, ukuba buyinto nina ububanzi, nobude, nobunzulu, nobupakamo, — nokulwazi utando luka‐Kristu olunqabeleyo ukwazi, ukuze nizaliswe kude kube kuko konke ukuzala KUKATIXO.