INTSHUMAYELI 4:9-12
INTSHUMAYELI 4:9-12 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Kulungile ukuba babe ngababini kunokuba abe mnye, kuba banomvuzo olungileyo ngemigudu yabo. Ngokuba xa bathe bawa, omnye unokumphakamisa uwabo; yeha ke, yena oyedwa, othe wawa! kuba akukho wesibini wokumphakamisa. Kananjalo ababini, bathe balala, baya kuva ukusitha; angáthini na ukuva ukusitha olele yedwa? Ukuba umntu uthe wamgagamela oyedwa, bona ababini baya kumisa phambi kwakhe; umsonto ontluntathu awuhle uqhawulwe.
INTSHUMAYELI 4:9-12 IBHAYIBHILE (XHO96)
Kungcono abasebenzi babe babini kunokuba abe mnye, kuba baba nengeniso eyiyo ngomsebenzi wabo. Kaloku xa omnye ethe wawa omnye unokuphakamisa ugxa wakhe. Mawoo ke lowo uyedwa xa athe wawa! Akukho bani unokumphakamisa. Ewe, xa ababini belala ngangubo-nye abagodoli. Kodwa ke kunzima ukufudumala xa ulele wedwa. Oyedwa uyagaganyelwa, kodwa ababini banako ukumelana nohlaselo. Intsontelo ephindwe kathathu iqhawuka nzima.
INTSHUMAYELI 4:9-12 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Kulungile ukuba babe ngababini kunokuba abe mnye; ngenxa yokuba banomvuzo ngomsebenzi wabo. Kuba xa bathe bawa, omnye wothabatha iqabane lakhe; kodwa ngelishwa omnye akazange awe; ngokuba engenaye umphakamisa. Kananjalo ababini, balala ndawonye, baya kuva ukusitha; angathini na ukusitha yedwa? Ukuba umntu uthe wameyisa umntu, baya kumchasa ababini; nentsontelo emithathu ayikhawulezi ukuqhawuka.
INTSHUMAYELI 4:9-12 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ababini bagqitisele oyedwa; ngokuba benomvuzo olungileyo ngenxa yomzamo wabo. Ngokuba, nxa bawayo, omnye eya kupakamisa umlingane wake: kodwa au yena oyedwa owayo, kungeko nje owesibini ukuba amsukise! Kanjako, ukuba ababini bayalalana, bandule ukufudumala; kodwa oyedwa, angati nina ukufudumala? Kanjalo ukuba umntu uyeyisa yena oyedwa, ababini baya kuma pambi kwake; uti umsonto osontiweyo katatu ungaqaulwa kamsinya.