IDUTERONOMI 8:7-9
IDUTERONOMI 8:7-9 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Kuba uYehova uThixo wakho ukungenisa ezweni elihle; ezweni lemilanjana yamanzi, lemithombo namanzi enzonzobila, aphuma ezihlanjeni nasezintabeni; ezweni lengqolowa, nerhasi, neediliya, nemikhiwane, neerharnate; ezweni leminquma yeoli, nobusi; ezweni ongayi kudla sonka kulo uyimbedlenge, ongayi kuswela nanye into kulo; ezweni elimatye asinyithi, elintaba womba ubhedu kuzo
IDUTERONOMI 8:7-9 IBHAYIBHILE (XHO96)
Kaloku ngoku uNdikhoyo uThixo wenu uningenisa kwilizwe elihle kunene, ilizwe lemifula ebaleka amanzi, ilizwe elinemithombo, ilizwe eligqabhuka imisinga yamanzi ezintlanjeni nasezindulini. Lilizwe lengqolowa, irhasi, iidiliya, amakhiwane, iirharnati, amafutha omnquma, nobusi. Elo ke lilizwe lentlutha; soze niswele nto khona. Ilitye lakhona liyintsimbi, ukanti kwiinduli zalo ningavula imigodi yekopolo.
IDUTERONOMI 8:7-9 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Kuba uYehova uThixo wakho uya kukuzisa kwilizwe elihle, ilizwe elinemisinga yamanzi equkuqelayo, imithombo nemithombo evela kwiintlambo neenduli; Lilizwe lengqolowa, nerhasi, nezidiliya, namakhiwane, neerharnati; ilizwe leoli yeoli nobusi; Ezweni, oya kudla isonka ungaswelanga sonka, akuyi kuswela nto kulo; lilizwe elimatye esisinyithi, ezindulini zalo womba ubhedu.
IDUTERONOMI 8:7-9 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ngokuba UYEHOVA, UTIXO wako, ekuzisa elizweni elilungileyo, ilizwe lemilanjana yamanzi, lemitombo nenzulu, epumayo emihlanjeni nasezintabeni; ilizwe lenqolowa, neṙalasi, nemiti yeveyine, nemikiwane, negranate; ilizwe leminquma yeoli nobusi; ilizwe uya kusitya isonka kulo kungeko buhlwempu, apo ungayi kuswela luto kona; ilizwe elimatye asisincete, nelintaba uya kumbela ubedu kuzo.