IDUTERONOMI 30:9
IDUTERONOMI 30:9 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
UYehova uThixo wakho uya kwandisa kumsebenzi wonke wesandla sakho, kwisiqhamo sesizalo sakho, nakwisiqhamo senkomo yakho, nakwisiqhamo somhlaba wakho, kulunge; ngokuba uYehova uya kubuya abe nemihlali ngawe, kulunge, njengoko waba nemihlali ngooyihlo
IDUTERONOMI 30:9 IBHAYIBHILE (XHO96)
UNdikhoyo uThixo wakho uya kukupha intlutha kuko konke okwenzayo; ùya kuphiwa inzala, ube nenyambalala yeenkomo, ngokunjalo namasimi akho achume. Kuya kuba luvuyo kuNdikhoyo ukukunika intlutha, kwanjengokuba kwakuluvuyo kuye ukwenjenjalo kooyihlo-mkhulu.
IDUTERONOMI 30:9 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Wandise uYehova uThixo wakho emsebenzini wonke wesandla sakho, isiqhamo sesizalo sakho, nesiqhamo senkomo yakho, nesiqhamo somhlaba wakho, kulunge; ngokuba uYehova uya kubuya akholiswe nguwe, kulunge, njengoko wabakholisayo ooyihlo
IDUTERONOMI 30:9 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Waye UYEHOVA, UTIXO wako, eya kukutyebisa ngawo wonke umsebenzi wesandla sako, ngesixakato sesizalo sako, nangesixakato sezilo zako, nangesiqa̔mo somhlaba wako, kube kokulungileyo: ngokuba UYEHOVA eya kubuya agcobe pezu kwako ukukwenzela okulungileyo, njengokuba wabegcoba pezu kwoyihlo bako