IDUTERONOMI 30:19-20
IDUTERONOMI 30:19-20 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ndingqinisisa amazulu nehlabathi namhla ngani; ndibeké phambi kwenu ubomi nokufa, intsikelelo nesiqalekiso. Nyula ke ubomi, ukuze uphile, wena nembewu yakho; ukuba umthande uYehova uThixo wakho, uliphulaphule ilizwi lakhe, unamathele kuye: ngokuba bubomi bakho, nokolulwa kweemini zakho; ukuze uhlale emhlabeni lowo awafunga uYehova kooyihlo ooAbraham noIsake noYakobi, ukuba wobanika.
IDUTERONOMI 30:19-20 IBHAYIBHILE (XHO96)
Amazulu nehlabathi ayangqina namhlanje ukuba ndithi khetha phakathi kobomi nokufa, naphakathi kweentsikelelo neziqalekiso. Kambe ke ndithi kheth' ubomi, khon' ukuze uphile, wena nenzala yakho. Mthande uNdikhoyo uThixo wakho, uliphulaphule ilizwi lakhe, uthi nca kuye. Kaloku nguye okunika ubomi noya kukolulela iminyaka kwelo lizwe wabathembisa ngalo ngesifungo ooyihlo-mkhulu, uAbraham noIsake noYakobi. ”
IDUTERONOMI 30:19-20 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ndingqinisisa amazulu nehlabathi namhla ngani, ukuba ndibeke phambi kwenu ubomi nokufa, intsikelelo nesiqalekiso; zinyulele ke wena ubomi, ukuze uphile, wena nembewu yakho; ukuze umthande uYehova uThixo wakho, uliphulaphule ilizwi lakhe, unamathele kuye, ngokuba bubomi bakho nokolulwa kwemihla yakho, ukuze uhlale emhlabeni awufungelayo uYehova ooyihlo ooAbraham noIsake noYakobi, ukuba ndibanike wona.
IDUTERONOMI 30:19-20 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ndiyanqi̔nisa ngakuni namhla izulu nomhlaba, ukuba ndibekile pambi kwako ubomi nokufa, itamsanqeliso nesiqalekiso: ngako buqashe ubomi, ukuze ubudle ubomi, wena nenzalo yako; ukuba umtande UYEHOVA, UTIXO wako, nokuba upulapule ilizwi lake, nokuba unamatele kuye: ngokuba yena ebubomi bako nobude bemihla yako: ukuba uhlale elizweni owafunga UYEHOVA koyihlo bako, u‐Abrahame, u‐Yisake, no‐Yakobi, ukuba alinike kubo.